xhosa.1904.yourworld_overseas
Le mvumi ibonakala njengomntu ozolileyo sele ibanjwe kalishumi ubuncinane ukusukela ngo-1992 emv kokukhutshwa kwecwecwe layo lokuqala. Wakhe wabanjelwa ukuchaphazeleka kwityala lokubulala, ukufunyanwa enemipu engekho semthethweni neziyobisi. Ezi ngxaki anazo kwezomthetho uSnoop aziqalanga ngenxa yodumo lwakhe. Kaloku wayelilungu leqela lezihange kwasesikolweni kwaye wabanjelwa iziyobisi emva nje kokuphumelela ibanga lakhe leshumi, wagwetywa iminyaka emithathu entolongweni. Awunakukholwa kodwa waqala wagqibelisa ukuvalelwa ngoko.
IINDWALUTHO ZAPHESHEYA
Abaphuli-mthetho baseHollywood
Ukuba uNaomi uzimisele ukuyeka ukuba yimodeli kwakufuneka acinge ngokuba yimbethi-manqindi. Sekukasixhenxe evela phambi kwenkundla phakathi konyaka ka-2000 no-2008 ngenxa yokubetha abancedisi bakhe abaliqela, abasebenzi ekhaya, umlinganisi othile, nkqu namapolisa ngenxa yokushiywa ngumsindo. Noxa amagqwetha akhe amshiya kuba esithi uyingozi ebantwini abamngqongileyo, kodwa izohlwayo azinikwayo zezokwenza iinkonzo eziluncedo eluntwini, ukuya kufunda ukulawula umsindo, neentlawulo engama-R35 000. Mhlawumbi uya kuthi usifunda esi sicatshulwa abe sele ebethe omnye.
Emculweni wehip-hop kubonakala ngathi ukubaluleka kwemvumi kubonwa ngeminyaka eyihleli entolongweni. Loo nto itsho imbeke kweliphi ke inqanaba u-Akon, ohleli iminyaka emine nesiqingatha entolongweni" Ingaba imenza eyona mvumi isemanqwanqweni" Asiboni njalo thina! Ukubanjwa kwakhe kusenokuba kumenze indumasi kuba wabhala ingoma ethi Locked Up kodwa ke xa sesithetha inyani akukho nto incomekayo ngokuba yinkokeli yamasela eemoto. Iqela lika-Akon lalisiba iiPorsches neeLamborghini lithengisela iindumasi nabashishina ngeziyobisi. Wayesoloko ephuncula emapoliseni xa eleqwa.
Ngokungathi bekungonelanga ukubona umculo werephu owenza ubukrelemnqa uthandwa kangaka, intandane yolutsha u-TI usuke wayongeza le ngxaki ngokuba abe sisihange nakubomi bakhe bokwenene. Emva kokubanjwa ezama ukuthenga imikhono yekati engekho semthethweni ngo-2007 neminye imipu, le ndumasi yehip-hop ethethela phantsi yagwetywa unyaka onosuku isentolongweni ngoMatshi walo nyaka yaze yayalelwa ukuba ihlawule imali esisohlwayo. Siyathemba ukuba ulutsha luyabona ukuba ulwaphulo-mthetho alunaziphumo zihle.
Waxokisa inkundla esithi ukhusela abahlobo bakhe ababebandakanyeka kudubulo olwenzeka ngo-2001 ngaphandle kwesikhululo sosasazo saseManhattan yaze le mvumi yerephu yagwetywa unyaka onosuku entolongweni ngo-2005. "Ndizamkele izohlwayo endizifumene ngenxa yezenzo zam. Ndanika inkundla ubungqina bobuxoki xa kwakuxoxwa ityala. Ndiyazi ndenza ububi. Ndilungile kwaye ndiyamoyikayo uThixo, le nto inzima kum," utsho. Kodwa kwezi ntsuku le mvumi ithanda iplastic-surgery yophula umthetho wefashoni kuphela, kodwa ke leyo sakuyiyekel' abahlalutyi befashoni.
Ihlabathi lonke lalimangalisiwe ziindaba zokuba izithandani ezinguChris noRihanna azifikanga kumsitho weembasa zeGrammy ngoFebruwari walo nyaka kuba uBrown ebethe imvumikazi esisinqanda-mathe sakhe. Le mvumi inama-20 eminyaka yazinikezela emapoliseni aseLos Angeles, yaza yabekwa ityala lokubetha ngeenjongo zokulimaza, yakhululwa ngebheyile
ye-R390 000. Walivuma ityala lokubetha uRiri oneminyaka engama-21 waze wanikwa umyalelo wokuba ahlale kude naye wabe ke uyasinda ekubeni libanjwa. UChris wanikwa nomyalelo wokuba afumane iingcebiso ngempatho-mbi, enze nomsebenzi woluntu. [x]
Iindumasi ezichith' ixesha elininzi enkundleni kunaseqongeni lomculo
Umbhali: Ntokozo Maseko Umfoti: Gallo
