xhosa.189.attack
Usinde cebetshu
Ugetyengelwe ubuthi
Omnye umntwana ogetyengwe kabuhlungu...
kubhale uTSHWARELO ESENG MOGAKANE/AENS
NGOMMANGALISO othile wasinda ngezikaSibi xa wahlaselwa ngokuhlasimlisayo kuza kwenziwa ngaye amayeza, kodwa kuFortune Khumalo oneminyaka esibhozo intlungu kungona iqalayo. Phakathi kwezinye izinto, oogqirha bathi akanakuba nabo abantwana njengoko amalungu akhe angasese anqunyulwa kuhlaselo lwangomhla wama-25 ka-Agasti.
Kuza kufuneka enziwe utyando ukuze akwazi ukuchama.
Ngexesha lokubhalwa kweli nqaku, le nkwenkwana yakwaKhumalo ibisekwisibhedlele i-Dr George Mukhari eGa-Rankuwa, ngasePitoli. Unina wayo okhathazekileyo, uNancy Siweya, uhlala nezalamane ukuze abe nako ukuyityelela ntsuku zonke.
"Kunzima kum ukwamkela into eyenzeke emntwaneni wam. Kodwa ke, ndiyambulela uThixo kuba esaphila," utsho njalo uSiweya.
Oogqirha bamxelele ukuba unyana wakhe ube nethamsanqa ukuba asinde kolu hlaselo.
"Bathi ngumfana owomelele gqitha ukuba akwazi ukusinda," utsho njalo.
Le nkwenkwana yayizidlalela isoka nabahlobo bayo ngenjika-langa yelishwa yangoMgqibelo kwilali yaseJilongo ngaseGiyani eLimpopo yaza yaya ematyholweni isiya kuzinceda.
"Yayikumganyana ongephi ukusuka kwibala lokudlala, xa ngequbuliso kwathi gqi indoda engaziwayo," utsho njalo lo kaSiweya.
Le ndoda yayirhuqa le nkwenkwana iyingenisa phakathi ematyholweni, yakrazula ibhulukhwe yayo ngemela, yathi hlasi amalungu ayo angasese yawanqumla.
Isenza konke oku nje le ndoda ayitsho nelimdaka.
UKhumalo owothukileyo nowayelijaja ligazi wakhala esimantshiyane ecela uncedo waza wancedwa ngumntu owayezidlulela ngendlela wambalekisela esibhedlele.
Okoyikisayo
URisimati Hlungwane, inqununu yaseShingombe Primary, isikolo afunda kuso uFortune, uthi abanye abantwana bothuswe gqitha sesi sihelegu.
"Abantwana basuke basitsho esofelweyo. Ayimangalisi into yokuba akukho ukwaziyo ukumilisel' ingqondo ezifundweni. Sonke siphazamiseke gqitha," utsho njalo.
Uthi ibhodi elawula isikolo yabamba intlanganiso ekhawulezileyo emva kwesi sihelegu ukuze ibonisane ngendlela olungancediswa ngayo olu sapho.
"Sasixhalatyiswe yinto yokuba olu sapho lwale nkwenkwe aluthathi ntweni. Abazali bayo abaphangeli yaye kwakufuneka behambe umgama omde ukuya ePitoli," utsho njalo okaHlungwane.
Isikolo sasungula ingxowa-mali yokuncedisana nolu sapho. Abafundi bacelwa ukuba babinze nge-R2 umfundi ngamnye, ngelixa ootitshala bathi baza kugida nge-R200 ititshala nganye, yaye ukuza kuthi ga ngoku sele kwenziwe
ama-R5 000.
Incedisile kwiindleko zohambo, kodwa kusadingeka amalizo nangakumbi ukuze kuhlawulelwe iindleko zesibhedlele.
Umrhanelwa oneminyaka engama-23 ubudala wabanjwa ngosuku olulandela olo lohlaselo kwaye kuthiwa wayesaphethe amalungu angasese enkwenkwe leyo.
Uvumile
Isithethi samapolisa aseLimpopo uNtsumpa uMohale Ramatseba, uthe umrhanelwa uvumile ukuba usike amalungu angasese ale nkwenkwana yaye uthe ebecebe ukuwathengisa eGauteng.
Umrhanelwa wabekwa ityala lokuzama ukubulala nokufunyanwa enamalungu omzimba womntu.
Akabuzwanga nokuba uyalivuma okanye akalivumi kusini na ityala xa wayevele emaplangeni kwinkundla kamantyi eMalamulele ngomhla we-19 kuSeptemba, kwaye wagcinwa eluvalelweni.
"Akasazi nokusazi thina," utsho njalo uSiweya.
"Ngokolwazi esinalo, nakuba ehlala kwilali yethu, uhlala kude nekhaya lethu."
Waleke ngelithi unethemba lokuba uThixo uza kumpha isibindi sokuba intliziyo yakhe ikwazi ukuxolela umhlaseli wonyana wakhe. [x]
African Eye News Service
UNAKO UKUNCEDA
Khawuncede uFortune aphile kulo mhlola umanyumnyezi! Thumela amalizo akho kwingxowa-mali i-Fortune Khumalo Family Trust Fund, First National Bank, Malamulele Branch, Cheque Account # 62151417360.
BONA XHOSA - November 2007
UFortune nonina uNancy. Le nkwenkwana isachacha kuhle phantsi konyango.
Okuthethwa ngamaxhwele
"Abona bantu babulala ngenjongo yokwenza amayeza ngabo kuthiwa ngamagedla - amaxhwele angekakwazi ukunyanga - abathi bathembise abanye abantu ukuba baza kubenza izityebi ukuba nje bangabaphathela amalungu omzimba womntu," utsho njalo u-Anna Mphephu Rikhotso, obengusiyazi kangangeminyaka engama-40 nosisithethi soMbutho wamaGqirha eMveli kwisebe eliseVosloorus.
"Abanye basebenzisa imigulukudu okanye abantu ngabanye abathi bahambe besenzakalisa abantwana, ngenxa yokuba bakholelwa ukuba abantwana banamandla okuzisela abantu iintsikelelo, ngaloo ndlela kuqinisekiswa ubutyebi obunqwenelekayo.
"La magongqongqo akhohlakeleyo amelwe adandalaziswe ekuhleni!"
"Akukho yeza linokwenza umntu abe sisityebi," utsho njalo uMfundisi u-TJ Maphosa, obephilisa ngomthandazo kangangeminyaka eyi-34. "Ngamandla ezinyanya zakowenu kuphela anokukwenza uphumelele.
"Iyeza akukho mfuneko yokuba lifakwe izithako 'zabantu' ukuze lisebenze. Izinyanya zibonisa amaxhwele namagqirha iyeza lokuphilisa hayi ukubulala."
Kufuneka kusekwe ikomishoni yophando ukuze kuphandwe ukuba amaxhwele la namagqirha anesandla na ekubulaweni kwabantu ngeenjongo zokwenza amayeza, ucebisa elo ukhohlel' esingeni onguMartha Mongoya wombutho i-Gauteng Traditional And Faith Medical Practitioners.
"Ixhwele okanye igqirha elithwasileyo alibulali ukuze lenze amayeza okanye ligcine iinyama zomntu kwindawo yalo yokunyanga ukuze lizisebenzisele izinto zonyango.
"Olu phando luza kuba luncedo ekususeni igama elibi esityatyekwa lona kuze kusitshulwe neengcambu amabhedengu akhohlakeleyo kulo msebenzi.
"Kufanele kukhutshwe amaxhwele namagqirha aye kwindawo nganye ekunyangelwa kuyo. Nabani na ofunyenwe enamalungu omntu umele ohluthwe ilungelo lokunyanga aze anikezelwe kwabakwantsasana."
Amaxhwele namagqirha angabhaliswanga okanye angathwasanga amele ayekiswe ukusebenza, utyibela atsho.
- Force Khashane
