xhosa.1898.vaseline adv
B4065/07/08
Ngoko ke valela ukufuma wonwabele ulusu olukhazimlayo, olusempilweni, nolugudileyo. Ulusu lwakho luyamangalisa. I-VASELINE ilugcina lunjalo!
Iphinda-phinda ukufuma ngoko nangoko
Igcina ukufuma imini yonke
Ayinakwalana nolusu lwakho
Yenzelwe ngokukodwa ulusu olomileyo
® Vaseline & Intensive Rescue are registered trade marks
LUYAMANGALISA!
Gcina ukufuma iiyure zibe ngama-24 ngeVASELINE INTENSIVE RESCUE
AbakwaVASELINE bayazi ukuba ulusu olomileyo alufuni kusoloko lufumile nje kuphela, koko ludinga ukunonophelwa ngokugqithisileyo. Yiyo loo nto abakwaVASELINE bevelise i-Intensive Rescue - uluhlu lokuqala lokunonophela ulusu lomzimba olukunika ukufuma okuhlalayo nokukhululeka okukhawulezileyo kulusu olomileyo. Izithambiso ezigcina ukufuma neekhrim zomzimba zeVASELINE INTENSIVE RESCUE zenzelwe zalungiselelwa ngokukodwa iimfuno zolusu olomileyo kuquka neendawo ezinengxaki. Isebenza ngendlela ezimbini - ineglycerin engena nzulu eluswini ize ikuphinda-phinde kathathu ukufuma kolusu, ngaxeshanye inceda ekomelezeni udonga olukhusela luvalele ubumanzi obudingwa lulusu iiyure ezinga-24.
Iziphumo: I-VASELINE INTENSIVE RESCUE ikhulula ulusu olomileyo, kodwa ayipheleli nje apho, igcina ukufuma ixesha elide ukuze ulusu lwakho luzinyange ngokwalo. Olu luhlu ngoku luneentlobo ezimbini, eziqholiweyo nezingaqholwanga ngoko ungakhetha leyo ikulungelayo ilowushini okanye ikhrim.[x]
Ulusu lwakho
inqaku lentengiso
