xhosa.1897.yourstories_dating
UNGAZE UTHANDANE
NOMNTU ONJE
USLINDILE wathi kum ukudibana kwethu uhleli iminyaka emibini engenamntu, esitsho kwiminyaka eli-12 edlulileyo. Ndamkholelwa kuba wayebonakala njengomntu olungileyo nothobekileyo. Wayengasebenzi, ngoko ke ndandimnceda ngemali. Ndandimthanda kangangokuba ndaye ndamazisa ebantwini basekhaya, kukuhle phakathi kwethu. Wakhulelwa emva konyaka sithandana, ndaze ndamthembisa ukumtshata. Wandixelela ukuba akazange ahlukane nomntu wakhe, koko waye wabanjwa.
Ndandicaphuka kuba akazange andixelele ukudibana kwethu. Ndambuza ukuba uza kuthini xa ephuma. Wathi unezinye iintombi ancuma nazo, ngoko akazukumhlupha.
Sahlala kunye emva kokuzalwa komntwana wethu. Emva konyaka wasuka wanyamalala iiveki ezintathu. Ndandinexhala ndimfuna yonk' indawo, umnxeba wakhe uvaliwe. Ndade ndaxelela amapolisa.
Ekugqibeleni ndeva amarhe okuba useSebokeng nomntu wakhe osandul' ukuphuma entolongweni.
Ndeva ngomhlobo wakhe wandinika nedilesi yaloo ndawo, ndacela amapolisa ukuba andikhaphe. Samfumana ehleli etyotyombeni neso sihange sendoda yakhe. Wathi akasandithandi kwaye ucel' ukuba ndimgcine umntwana kuba isithandwa sakhe asizimiselanga ukukhulisa umntwana wenye indoda. Andizange ndikwazi ukuzibamba iinyembezi kodwa wayengakhathali.
Emva nje kwexeshana yabanjwa kwakhona loo ndoda ibanjelwa ukuphanga ixhobile. Wabuya wandicenga ukuba ndimamkele kwakhona.
Kwandithabatha ithuba, kodwa ekugqibeleni sabuyelana. Baqhubeka ubomi kwaye ndandicinga ukuba izinto ziza kakuhle - ndaze ndamlobola.
Safumana umntwana wethu wesibini kwiminyaka emibini edlulileyo. Zange ndicinge ukuba angandishiya kwakhona.
Kunyaka ophelileyo umntu wakhe uphumile entolongweni emva kweminyaka emihlanu, waphinda wandishiya kunye nabantwana wabuyelana naye! Uye wandixelela eziqhitsini ukuba yena uphindela endodeni yakhe emphatha okwekumkanikazi.
Ndazama ukuzibulala kodwa akwenzeka. Ndandizibuza ukuba kutheni ekhethe ukundishiya, ashiye nabantwana nekhaya elizinzileyo ukuya kuhlala notsotsi etyotyombeni.
Kungaphelanga neenyanga ezintlanu uye wakhulelwa umntwana weli banjwa. Ngelishwa, liye labanjwa kwakhona kwanyanzeleka ukuba yena aye kuhlana nonina.
Wandithumelela iiSMS endixelela ukuba ukwenze oku kuba ethakathiwe. Kodwa kweli ityeli ndiyafunga andinakuphinda ndimamkele ingakumbi sele enomntwana wenye indoda.
Sekulixesha eliphantse libengangonyaka ngoku kwaye mna nabantwana bam sonwabile ngaphandle kwakhe.
Ndigqibe kwelokuba ndizikhulisele abantwana bam mhlawumbi ke ndakubafumanela unina obathandayo
ngenye imini. [x]
Umbhali: Kamogelo Sebola
EZOTHANDO
IBALI LIKA-ANDREW:
Wandishiya kunye nabantwana ngenxa yomntu wakhe ongena ephuma entolongweni
IBALI LIKARHOFIWE:
Wayelinxila elandenza ndaphunyelwa zizisu ezibini kwaye wadlwengula nomakazi wam
UNAWO umbono wakho uthandana nendoda ehloniphekileyo nesebenza nzima kanti yindoda endlongondlongo engumdlwenguli nelinxila" Kwenzeke loo nto ke kum.
Ndadibana noNicholas sele eneminyaka emine engasayi kowabo eLimpopo. Wahamba wayokufuna umsebenzi eKrugersdorp emva kwengxabano.
Kwisithuba sonyaka sivumelene ukuba siza kutshata, ndazama ukumnyanzela ukuba axolelane nabantu bakowabo kuba babecinga ukuba ndim unobangela wokungagoduki kwakhe iminyak' emihlanu.
Emva kokuba sitshatile abantu bakowabo bathi akulunganga ukuba sihlale sobabini. Bathi mandihlale nabo, amane esiza kundibona uNicholas. Babeqonda ukuba xa ndihlala nabo uza kumane ethumela imali yaye abuye rhoqo. Wayivuma loo nto uNicholas, kodwa mna ndala.
Ndandinoonyana ababini endabafumana kubudlelwane bam bangaphambili yaye uNicholas wayebathatha njengabakhe. Sasihlala sobane eKagiso. Ndandimazi ukuba wayeyindla-manzi kodwa wayeka kuba wayefuna ukundibonisa ukuba uzimisele ngathi. Akwaba ndandingaqhathekanga kuba wandijikela, wandibiza ngehagu engazaliyo kuba ndandingenaye umntwana kuye.
Into eyothusayo kukuba ndaye ndakhulelwa, ntonje saphuma eso sisu kuba sasihleli sisilwa. Loo nto yasiqhekeza endaweni yokusisondeza, wahamba ekhaya ngelithi ufuna ukuba kufutshane nomsebenzi.
Maxa wambi kwakuphela iiveki engabuyi endlwini, xa ebuyile wayecel' uthando kubahlobo bam. Wakhe wathi akandifuni. Ngenye imini wabopha iimpahla zam ngeshithi wandigxotha. Kodwa ndaphinda ndabuya. Ndakhulelwa kwakhona yaye ndandingumlwelwe ixesh' elininzi. Oonyana bam babefunda isikolo, ndacela umakazi wam onama-20 eminyaka, uKondi ukuba aze kundinceda.
Emva kweeveki ezintathu ehlala nam ndaya edolophini. Wayekhona endlwini uNicholas kodwa wala ukuba ndihambe noKondi, ndamshiya ke kuba ndandingxamile yaye ndingazimiselanga kulwa naye.
Ndadibana noNicholas endleleni xa ndibuya; kwakho into engaqondakaliyo ngaye yaye wayenuka utywala. Ndafika endlwini uKondi ekhathazekile kodwa engafuni ukutsho ukuba ukhathazwe yintoni. Ndade ndeva ngomhlobo wakhe ukuba udlwengulwe! Ndambuza umntu omdlwengulileyo wathi ngumyeni wam - ndandingathi ndiphambene!
Sammangalela uNicholas, wavalelwa iintsuku eziliqela entolongweni. Bandicenga abantu bakowabo ukuba ndilicime ityala kodwa ndala. Ngelishwa yonke loo nto yayingemnandi kuKondi. Wayengazimiselanga ukuya enkundleni yamatyala, waza wagqiba ekubeni agoduke. Lacinywa ke ityala, wakhululwa noNicholas.
Nam yandenzela istresi loo nto sade saphuma nesisu kwakhona endandisikhulelwe. Waqhuba nokundithuka esithi ndiyihagu etye abantwana bakhe. Ndanyamezela iminyaka emithathu kweso sihogo somtshato ndade ndafumana nomnye umntwana.
Ndayeka isikolo, ndingenawo umsebenzi yaye ndingenayo indawo endinokuya kuyo. Ekugqibeleni ndaba naso isibindi sokumshiya. Usandifowunela uNicholas, kodwa ubomi bam buya phambili yaye andibuyi ngamva. [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
IBALI LIKA-ANDREW
(liyaqhutywa):
IBALI LIKARHOFIWE (liyaqhutywa):
Amagama abantu ekuthethwa ngabo kula mabali atshintshiwe.
