xhosa.1120.legal
Thumela ingxaki yakho yomthetho ku -BONA Legal Advice, Box 32083, Mobeni, 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
Isizathu esingakugxothisa
xa ogxa bakho besiba
INGXAKI
Ndandisebenza kwicala lentlama yamazinyo kwinkampani enkulu yamachiza. Kwakuthi xa kophuke omnye woomatshini kubiwe intlama yamazinyo eninzi ithubeleziswe ikhutshwe efestileni iphoswe ngaphaya kocingo. Mna ndandingebi, kodwa ndandingomnye wabaninzi ababeyazi loo nto.
Emva kokwebiwa kwayo kutshanje, kubizwe inkampani eza kuphanda. Mna nabanye, siye savavanywa ngomatshini obhaqa umntu oxokayo. Kwathiwa loo matshini ubonise ukuba noxa ndingelilo isela kodwa ndiyawazi amasela.
Inkampani yandinyanzela ukuba ndiwaxele, itsho isithi xa ndisala iza kundibizela intlanganiso yokwalulekwa. Kodwa ndandiza kuthini? Xa ndibaxela ndandiza kubizwa ngempimpi ndibeke nobomi bam esichengeni.
Kwintlanganiso yoluleko ndafunyanwa ndinetyala, ndaze ndagxothwa. Ngoku usapho lwam luyafa yindlala andifumani msebenzi. Ikho into endingayenza ngale nto?
IINGCEBISO ZESCORPION
UMthetho waBasebenzi uthi bonke abasebenzi bamelwe "ukuthembeka emsebenzini."
Oku kuthetha ukuba umsebenzi ufanele abengakwicala lomqeshi wakhe ngalo lonk' ixesha.
Umzekelo...
Akafanelanga ukuqala ishishini elilelakhe eliza kufana nelomqeshi wakhe ngexa esamsebenzela.
Akanakusebenzisa "iimfihlelo zokurhweba" zomqeshi wakhe ukukhuphisana naye.
Ufanele alikhusele igama elihle lomqeshi wakhe.
Akhusele nezinto zomqeshi wakhe.
Konke oku kuyinxalenye yomthetho weli loMzantsi
Afrika. Naxa wena ungelilo
isela, useza kuqwalaselwa ukuba uye wathembeka na kumqeshi wakho.
Ukuba akakuthembi njengomsebenzi wakhe, unako ukukugxotha emva kokuchophela intlanganiso yoluleko.
Xa umsebenzi engumbukeli nje omsulwa kodwa engakuxeli akubonileyo kuthiwa oko kuziphatha kwakhe "yi-derivative misconduct," okuthetha ukuba wenze isenzo esibi esisusela kwesinye isenzo esikwanjalo.
Ukusukela ngo-1994 iiNkundla zaBasebenzi zagqiba kwelokuba esi senzo sisizathu esonelisayo sokugxotha umsebenzi.
INkundla yaBasebenzi yeziBheno ithi "umsebenzi makangasong' izandla xa kusonakala kwaye ukuba uyala ukuncedisa kuphando olwenziwayo unako ukubizelwa kwintlanganiso yoluleko." Siyavuma ukuba ubufakwa engxakini - nasengozini, kodwa unako kwaye ubufanele ucel' ukukhuselwa ngumqeshi wakho.
Ngokwale meko ngoku akukhonto inokwenziwa ukujika isigqibo sokugxothwa kwakho.
Kodwa abacebisi beScorpion bakholwa kukuba xa unokufumana igqwetha, ubhale i-afidavithi exela yonke into, ucacise ngoloyiko owawunalo ngeliya xesha, uze uxolise ngesenzo sakho, inkampani ingaphinde iyiqwalasele kwakhona imeko yakho. Mhlawumbi ingade izame kukunceda ufumane omnye umsebenzi.
Ungayeki ukufun' umsebenzi - kwisicelo somsebenzi uyichaze yonke imeko yakho. [x]
AMANDL' OMTHETHO
BAGXOTHWA BONKE
Ngo-1998, nkampani ithile yayingafumani ukuba ngubani osebenzisa kakubi iimoto zayo yaze yabhalela bonke abasebenzi bayo ileta eyayisithi: "ukuba kuphinde kwasetyenziswa imoto yenkampani ngondlela mnyama aze umntu owenze loo nto angaziwa, uza kugxothwa."
Ngenene kwenzeka, waze umqeshi wanika abasebenzi bonke imizuzu engama-20 ukuba beze negama lomntu ochaphazelekayo. Bala, baza bagxothwa bonke.
Eli tyala lasiwa phambi kweNkundla yaBasebenzi, lasuka apho laya kwiNkundla yaBasebenzi yeziBheno.
INkundla yaBasebenzi yeziBheno yaphuma nelithi "bonke abasebenzi babemazi umenzi wobubi kodwa bamkhusela."
Ngenxa yeso sizathu ke abaqeshi ababekwanga tyala ngokugxotha abasebenzi.
Wawufanele ucele ukhuselo
BONA XHOSA January 2009
