XHOSA.1835.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
IDLISO liyeza eligalelwa ekutyeni komntu ukuze agule okanye afe - okanye ukuze lowo ulityileyo akuthande. Eli yeza lothando laziwa njengegomondela (ikorobela).
Abantu badla ngokudliswa emitshatweni nakumatheko eentsapho. Eziny' iintsapho ziye ziqinisekise ukuba umntu ophakela iindwendwe ezibalulekileyo ngumntu othembekileyo.
Iyeza lentando
Nabo bathi amayeza bawasebenzisela izinto ezintle ezifana nokwenz' umntu akuthande kufanele bayazi into yokokuba amayeza akanakuthenjwa.
Xa udlisa umntu ukuze akuthande ungaphoxeka kuba angasuke agule endaweni yokuba akuthande.
Akulunganga ukunyanzelisa umntu ukuba enze into angayithandiyo.
Awufuni wena ukuthandwa ngumntu uyile nto uyiyo, akuthande unguwe engakuthandiswa liyeza omdlise lona" Uyayikholwa into etshiwo ngumntu onxilileyo"
Ngokuqinisekileyo awuyikholwa!
Neyeza kaloku singalifanisa notywala kule meko. Kubhetele ukuba umntu akuthande kuba ekuthanda nyhani engekho "phantsi kwempembelelo" yeyeza.
Iyeza lokubulala
Kuthiwani ke ngabo basebenzisa iyeza ukuze badlise abantu bababulale"
Abantu abaninzi bakholelwa ekubeni badliswa xa belele.
"Ndiphuphe ndinyanzeliswa ukuba nditye inyama yenkuku ebigalelwe umgubo omnyama.
"Ndikwanyanzeliswe ukuba nditye umbungu kwakwelo phupha," kutsho omny' umfundi.
"Ndithe xa ndiphaphama kwelo phupha ndeva kukho into eshukumayo esiswini sam. Ndayiva ngezandla ishukuma inga izama ukubaleka."
Lo mfundi utsala isigwebo entolongweni ukholelwa ekubeni eso saba sisiqalo seengxaki zakhe.
"Kwiintsuku ezimbalwa emva koko ndaba nephupha elibi kwakhona. Kweli tyeli ndaphupha ngathi ndilele ngecala kwaye kukho le nto ifana nenkumba indiluma isikhumba.
"Ndavuka apho ndineqhuma. Ndathi xa ndilicinezela elo qhuma kwavakala isandi esingaqhelekanga.
"Ndafuman' unyango kodwa alwandinceda. Ngamany' amaxesha oogqirha babendixelel' ukuba abayiboni le nto ndigula yiyo."
Elinye lamaxhoba edliso libhale lathi: "Xa ndisitya izinto ezimnandi ezifana netshokholethi neekeyiki kuba ngathi ndingahlanza.
"Emva koko ndiye ndiphathwe ziintlungu zesifuba kwaye amagqirha andixelele ukuba ndinedliso.
"Ndizamile ukulikhupha ngokuphalaza ngamanzi ashushu kodwa aliphumi."
Ukulinyanga
Ukuze uzikhusele kufuneka uqale ukhusele ikhaya lakho.
Xa ikhaya lakho lingabethelelwanga kufuneka ufune igqirha eliza kubethelela ukuze ikhaya lakho likhuseleke.
Qiniseka ukuba ufumana omny' umntu oza kukuxilonga ngengxaki yakho yesifuba. Kungenzeka ukuba ezi ntlungu zesifuba azinanto yakwenza nedliso koko zihambisana nengxaki yentliziyo.
Iindaba ezimnandi zezokuba idliso liyanyangeka.
Ubusazi ukuba ubisi lwebhokhwe luyalidodobalisa idliso"
Xa ulusele lugqitywa kusengwa luze ludityaniswe neyeza ekuthiwa yintsizi yamadlozi luyayitshabalalisa ityhefu. [x]
34 BONA XHOSA - August 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Zikhusele kwidliso!
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
