XHOSA.182.yourfamily_pregnancy
UKUKHULELWA SELE
ULIQINA
Isikhokelo somawukulindele xa uza kuba nomntwana uneminyaka engama-35 nangaphezulu
AMABHINQA angaphezulu kweminyaka engama- 35 ubudala asecicini lokufumana iingxaki ezininzi xa ekhulelwe, kwaye ukuba ubenomntwana wokuqala uneminyaka engaphaya kwama-40, usengozini ngakumbi, utsho uGqr. Magezi Hlongwane, ugqirha wamabhinqa akhulelweyo.
Kodwa ke, amabhinqa amaninzi anale minyaka akabinayo ingxaki xa ekhulelwe, kwaye ezivelayo iingxaki ziye zinyangeke, utsho uGqr. Hlongwane.
Njengalo naliphi na ibhinqa elikhulelweyo umel' ukuhamba iklinikhi okanye udibane nogqirha, yitya ukutya okusempilweni, kwaye phepha izinto ezikukhathazayo. Ukuyeka ukusel' utywala nokutshaya nako kwehlisa amathuba okuvela kweengxaki.
Nazi iingxaki ongadibana nazo xa ukhulelwe sele uliqina:
Ungakhulelwa nzima - Xa sele ungaphezulu kweminyaka engama-30 inani lamaqanda akho liya ngokuncipha. Kuye ngokuba nzima ukuthatha isisu.
Xa uneminyaka engaphezulu kwama-35 kwaye sele uneenyanga ezintandathu uzama ukuthatha isisu kungenzeki, dibana nogqirha. Amathuba okuba siphuncuke isisu nawo ayanda.
Xa uneminyaka ephakathi kwama-40 nama-44 ubudala, ayi-34% amathuba okuba singaphuncuka isisu kanti xa ungaphaya kwama-45 ayi-53%.
IGestational diabetes - Olu hlobo lwesifo seswekile luxhaphakile kumabhinqa amadala akhulelweyo kwaye singayingozi emntwaneni kuba ukhula agqithise esibelekweni. Wena kungafuneka ufumane unyango, kodwa esi sifo siyalawuleka ngokuthi utye kakuhle wenze nemithambo.
Ihayi-hayi - Ingayingozi kuwe nasemntwaneni xa ingagadwanga. Unganestrowukhi, isifo sentliziyo kwaye umntwana angakhula ngokucotha azalwe emncinci.
Ukuhlala ungakhathazwa nto kubalulekile xa ukhulelwe. Ukuba ufunyaniswe unehayi-hayi yenza izinto ozicetyiswa ngugqirha.
Ukubeleka phambi kwexesha - Umntwana ozalwe phambi kweenyanga ezingama-37 uzalwe phambi kwexesha ngoko uza kuba nomzimba omncinane. Ngokuyeka ukutshaya nokusela ungawanciphisa amathuba okubeleka phambi kwexesha.
Usenokubeleka ngotyando - Amabhinqa aqalayo ukukhulelwa eneminyaka engaphaya kwama-35 ubudala aqhele ukuba nengxaki yokubeleka. Usenokuvel' iplacenta previa - xa umkhaya ehleli kakubi egqume umlomo wesizalo.
IiGenetic disorders - Umntwana wakho anganeDown Syndrome. Kodwa ke lukho uvavanyo lokujonga ezi ngxaki. [x]
Xa ufuna olunye ulwazi vula ku-: www.pregnancy-info.com; www.mayoclinic.com
Umbhali: Kamogelo Sebola
UKUKHULELWA KWAKHO
Ngokuya ukhula kuya ngokuba nzima uku-thatha isisu
IXESHA LOKUBA NGUTATA
Uphando lubonise ukuba abantwana abazalwe kumadoda aneminyaka engaphaya kwama- 40 asebungozini bokuba neengxaki ezifana ne-autism. Amadoda angaphaya kwama-50 asebungozini bokuba nabantwana abazalwa neziphene.
