xhosa.1817.iron (2)
Ulutsha
Phantse azizigidi ezine amantombazana aselula aseAfrika aviswa ubuhlungu obungathethekiyo kwisenzo senkohlakalo esithintela ukukhula kwamabele...
Isenzo sothuthumbiso
UJOSIANE Matia une-11 leminyaka yaye usendleleni yokuba libhinqa elipheleleyo. Ukukhula kukaJosiane kube sisiqalekiso esibi. Kaloku kuye nakwamanye amantombazana ukukhula kuza noloyiko nobuhlungu.
Kunzima nokuhamba xa esiy' esikolweni kuba uneenyanga ezintathu ebotshwe ngebhanti lesikhumba elimqinisa amabele.
"Ngaphambi kokuba ndibotshwe ngeli bhanti, umama wayetshisa ilitye emlilweni andi-ayine amabele.
"Qho ngokuhlwa umama ujonga isifuba sam aze asi-ayine ngelo litye lojiwe emlilweni," utsho.
Yenzelwa ntoni le nto imbi nebuhlungu kangaka" Yenzelwa "ukulalisa" amabele entombazana ukuze ingabi namtsalane emadodeni.
UBessem Ebanga weNational Network Of The Associations Of Aunties uthi eCameroon ama-24 amantombazana aselula ayalaliswa amabele awo.
KUSETYENZISWA amatye, isingqusho, amacephe okhuni, imicephe, amagqabi emithi eyohlukeneyo, iparafini, ityuwa, namabhanti esifuba ukuthintela ukukhula kwamabele.
Ngokophando olwenziwe ngoDisemba ka-2005, ama-58 ekhulwini oku-ayinwa kwamabele kwenziwa ngoomama, isixhenxe ekhulwini kwenziwa ngoomakhulu, ithoba ekhulwini ngoodadewabo, ithoba ekhulwini ngoomakazi, ishumi ekhulwini ngabagcini bamantombazana ukanti isixhenxe ekhulwini sizenza ngokwaso.
"Ngaphaya kokungcungcutheka, amantombazana akwasesichengeni sokuba nomhlaza wamabele," utsho uGqr. Marie Eteki wesebe lezempilo eCameroon.
Kwindibano yeUnited Nations International Day In Support Of Torture Victims Worldwide ebingoJuni eYaounde, elikomkhulu laseCameroon, uMathias Nyoh Dinga wesebe lezomthetho kweliya lizwe uthe uku-ayinwa kwamabele amantombazana sisenzo sokungcungcuthekisa yaye bafanele bohlwaywe abasenzayo.
Ephendula abo bathi esi senzo "sisisithethe" kwaye abantu abasenzayo abasenzi kuba befuna ukuthuthumbisa abanye, uDinga uthe nasiphi na isenzo nokuba sesesithethe na xa sinxamnye nentlalo asamkelekanga.
Ukususela ngoko baninzi abantu abakugxekayo uku-ayinwa kwamabele. Enye yezinto ethe yavela ekuchaseni kwabantu esi senzo kukuba asiyenzi into esenzelwa yona!
UKU-AYINWA kwamabele akuwenzi amadoda angawahoyi amabhinqa! Maninzi amantombazana akhulelwa eneshumi elivisayo leminyaka eCameroon. "Oko kubonisa ukuba uku-ayinwa kwamabele akuncedi nganto. Yintlungu nje eviswa amantombazana," utsho uGqr. Flavien Ndonko weGTZ, inkqubo yempilo yeGerman-Cameroon HIV/AIDS .
Lulutsha i-5,5 ekhulwini yabantu abaphila neHIV, ukanti isinye esithathwini sama-20 ukuya kuma-30 amantombazana akhulelwayo aneminyaka ephakathi kwe-13 nama-25 eminyaka, ukanti ngaphezulu kwesiqingatha sawo akhulelwa emva kokuba nendibano yesondo okokuqala, kutsho iGTZ.
"Kunzima ebazalini ukuthetha ngesondo nabantwana ngenxa yezithethe, ngoko bakhetha ukuphelisa iimpawu zokulungela isondo ngoku-ayina amabele," utsho uGqr. Ndonko.
Ngaphandle kokuvisw' ubuhlungu kwamantombazana, ashiyeka engazi ukuba angazikhusela njani kwiHIV, nto leyo iwenza abe sesichengeni sokosuleleka.
UJEANINE EFON onama-23 eminyaka uxelele abeInter Press Service ukuba ubuhlungu boku-ayinwa amabele kwamenza washiy' ikhaya waya kuhlala noninalume xa wayeneminyaka eli-13.
Kodwa naye uninalume nomalumekazi wakhe bazama ukum-ayina amabele waza wabaleka.
Waya kwammelwane owayebonis' uvelwano kanti uza kumdlwengula kwangobo busuku.
U-Ariane Elouna naye ubalis' ibali elifanayo. Ngeny' imini wathi ebuya esikolweni, umakazi wakhe wamlandela baya kungena kwigumbi lakhe wathi: "Yintoni le isesifubeni""
Emva koko unina nomakazi wakhe baqala "ukumnyanga".
"Umama wathatha intsimbi yokungqusha wayoja emlilweni waza wandilalisa phantsi wacinezela amabele am ngaloo ntsimbi ishushu.
"Wathatha umva wekhokhonathi wawoja eziko waza wacinezela ngawo amabele am.
"Ndandikhala kuba kwakubuhlungu kodwa ndingenakubaleka.
"Ngemini elandelayo ndazimela kwammelwane ndaza ndadlwengula ngumfana wakhona ndakhulelwa."
U-Elouna uneminyaka eli-15 ngoku, unyana wakhe uneenyanga ezi-3.
Abasemagunyeni eCameroon bathi basichasile esi senzo, kodwa abakasivali ngokusemthethweni, ngoko uJosiane Matia namanye amantombazana aselula azizigidi ezine asaqhubeka nokuva iintlungu.
"Nditsho esofelweyo ngenxa yeentlungu, kodwa umama athi: 'Nyamezela ntomb' am, usemncinci awafuneki la mabele,'" utsho uJosiane. [x]
BONA XHOSA - September 2006
Olungenamabele
Kusetyenziswa namatye ukuthintela ukukhula kwamabele.
kubhale uISAAC KWELA
kufote uCLIVE THOMPSON
