xhosa.1813.contraception
Omawukwazi ngokucwangcisa...
BONA XHOSA - May 2007
Sikubonisa indlela yokukhetha uhlobo lokucwangcisa olukufaneleyo - ukwazi nokwahlula ubuxoki (obunobungozi)...
UKUKHETHA indlela oza kucwangcisa ngayo kuxhomekeke kwiimfuno zakho. Kuxhomekeke ekubeni impilo yakho injani na kwanokuba uyafuna na ukuba nabo abantwana yaye ubafuna nini.
Enye into ebalulekileyo kukuba unyanisekile na kwiqabane lakho okanye uthandana namaqabane amaninzi.
Noxa ubugcisa bamachiza bukwinqanaba eliphezulu kwaye neendlela zokucwangcisa sele ziphucukile kodwa ziikhondom kuphela ezikhusela usuleleko lweHIV/AIDS neziny' izifo ezosulela ngesondo.
Iingcali zicebisa ngelithi nokuba uyacwangcisa sebenzisa iikhondom ngaphandle kokuba uqinisekile ukuba wena neqabane lakho ninyanisekile omnye komnye.
Kuphando lwethu sifake iindlela zokucwangcisa ezifumaneka simahla kwiikliniki ezininzi. I-Intrauterine Device (IUD) yona ifuna utyando yaye ifumaneka kwiikliniki ezithile...
kubhale uGRACE KHUZWAYO
Iindlela zokucwangcisa ezisetyenziswayo
INDLELA YOKUCWANGCISA
UNCEDO
IINGXAKI ZAYO
Ikhondom yamadoda
Yenziwe ngelatex okanye ipolyurethane.
80-98%
Xa isetyenziswe ngokukuko.
Ithintela ugawulayo neziny' izifo ezosulela ngesondo. Ifumaneka lula kwiikliniki, ekhemisti nakwiindawo zikawonke-wonke.
Iyagqabhuka xa ingasetyenziswanga ngokukuko. (Qaphela: Ungayisebenzisi ikhondom nezinto ezinamafutha ezifana neVaseline kuba ziyithena amandla ilatex. Sebenzisa izinto ezinamanzi ezifana neKY Gel.)
Ikhondom yamabhinqa
Yenziwe ngeplastiki eyomeleleyo netyebileyo kwaye ivuleke ngaphezu kwekhondom yamadoda. Ifakwa kwilungu langasese lebhinqa ngaphambi kokwabelana ngesondo.
79-90%
Xa isetyenziswe ngokukuko.
Ithintela ugawulayo neziny' izifo ezosulela ngesondo. Inika ibhinqa igunya lokuzikhusela.
Kufuneka ifakwe ngaphambi kokwabelana ngesondo.
Iipilisi zokucwangcisa
Zine-oestrogen neprogesterone. Ukuzisebenzisa kwakho kuxhomekeke empilweni yakho kwanokuba awusebenzisi mayeza athile na. Kubalulekile ukubaxelela ekliniki xa kukho amayeza owasebenzisayo ukuze bakunike iipilisi ezikulungeleyo.
92-99%
Xa ziselwa ngokwemiyalelo.
Ziwalungele amabhinqa amaninzi, zinceda ukuhlisa iingxaki zokuy' exesheni, ukopha kakhulu nesilumo.
Zenza isicaphu-caphu, ukopha noxa ungekho sexesheni, intloko ebuhlungu kwaye ziyatyebisa. Azivani namany' amayeza. Xa ukhe walibala ukuzisela uyakhulelwa.
I-Mini Pill
Ineprogesterone. Yeyona ilungele amabhinqa ancancisayo. Idla ngokunikwa amabhinqa aneengxaki zempilo nalawo asebenzisa amayeza aselwa ixesha elide.
92-99%
Xa iselwa ngokwemiyalelo.
Iwalungele phantse onke amabhinqa yaye ineengxaki ezingaphantsi kwezeepilisi zokucwangcisa ezilapha ngasentla. Ikunik' ulawulo kwiintsuku zakho zokuy' exesheni.
Ukuze zisebenze ngokukuko kufuneka uzisele ngexesha elinye yonk' imihla. Xa ukhe walibala ukuzisela okanye wazisela emva kwexesha uyakhulelwa.
Isitofu
Sineprogestogen yaye kufuneka utofwe qho kwiiveki ezisibhozo okanye ezili-12.
92-99%
Sinik' ukuphumla kwengqondo. Usiphinda kane okanye kathandathu kuphela ngonyaka.
Ziyatshintsha iintsuku zokuy' exesheni de uyeke tu ukuy' exesheni emva kwexesha. Icacisa intliziyo nto leyo ikwenza utyebe.
I-Intrauterine Device (IUD)
Yinto encinci emilise njengo-T eyenziwe ngeplastiki okanye ubhedu. Uza kucetyiswa ngugqirha okanye ekliniki ngekufaneleyo. Ihlala esizalweni iminyaka eli-10. Ilungele onke amabhinqa.
98-99%
Isebenza ngokukhawuleza. Ayilwi namanye amayeza owasebenzisayo yaye ayikuniki ngxaki. Ayikukhathazi naxa usabelana ngesondo nanini na.
Ikwenza wophe kakhulu xa usexesheni okanye umana usopha noxa ungekho sexesheni. Xa ulala namaqabane amaninzi ufumana usuleleko.
Iingcebiso ngezesondo
BONA XHOSA - May 2007
Isondo elikhuselekileyo
Imo yongxamiseko
INDLELA ekhuselekileyo yokuval' inzala ebizwa ngokuba yiEmergency Contraceptive Pills (ECPs) ithintela ukumitha xa wabelane ngesondo elingakhuselekanga.
Iziindidi ngeendidi kodwa zonke zithintela ukukhulelwa ngokulibazisa iqanda lingaphumi okanye ngokunqanda iqanda elidibene nembewu yobudoda lingangeni esibelekweni.
Ii-ECP zisetyenziswa kwezi meko zilandelayo:
Xa wabelane ngesondo ungalindelanga waza awazikhusela;
Xa wabelane ngesondo ngesinyanzelo ube ungacwangcisi;
Xa kugqabhuke ikhondom;
Xa ungaselanga iipilisi ezimbini nangaphaya zokucwangcisa;
Xa usemva ngeeveki ezimbini ekufumaneni isitofu sokucwangcisa.
Ii-ECP ziyasebenza xa uzisele kwisithuba seeyure ezingama-24 kwaye kufuneka uzisele iintsuku ezintlanu emva kokwabelana ngesondo elingakhuselekanga.
Zisebenza ngokukuko xa uzisele kwangoko. Sela iipilisi ezimbini; eyokuqala yisele msinyane emva kwesondo elingakhuselekanga enye uyisele emva kweeyure ezili-12.
(Qaphela: Ungasebenzisi iiECP endaweni yokucwangcisa. Xa uzisebenzisa qho uzibeka esichengeni sokukhulelwa kunaxa usebenzisa iindlela zokucwangcisa eziqhelekileyo.)
BONA XHOSA - May 2007
Iindlela zokuval' inzala zendalo ezingakhuthazwayo
Ukukhuph' ilungu lobudoda ngaphambi kokufikelela kuvutho-ndaba nokulalana kwiintsuku ezithile emva kokuy' exesheni ziindlela zendalo zokuval' inzala kodwa iingcali azizithembi.
Ukulinda iintsuku kukubala iintsuku zokuy' exesheni ukuze ungabelani ngesondo ngexesha apho ibhinqa liqhama kakhulu.
Ukukhupha kukukhupha ilungu lobudoda ngaphambi nje kokuba likhuphe imbewu yaye ayithembeki le ndlela kuba imbewu kuyenzeka ibe sele ingenile kusisi.
Ispermicides ziikhemikhali ezibulala imbewu yobudoda yaye ziziindidi ngeendidi ezifana nekhrim, ijeli, ugwebu nezinto ezifakwa kwilungu lebhinqa langasese. Kufuneka zisetyenziswe kunye nediaphragm (into emile "okwekomityi" efakwa apha kusisi). Kubhetele zisetyenziswe neekhondom kuba azithembeki nazo. [x]
UNCEDO! Xa unemibuzo ngokuval' inzala ingakumbi kwimo yongxamiseko tsalela le nombolo yeEmergency Contraception: 0800-246-432
Ubuxoki ngoku-cwangcisa
BUNINZI ubuxoki obayanyaniswa nokucwangcisa nokukhulelwa...
Awukhulelwa xa uncancisa okanye xa usexesheni.
BUBUXOKI. Umntu uyaqhama nokuba uyancancisa okanye usexesheni.
Xa uqal' ukwabelana ngesondo.
Xa uzitsazisela ngamanzi emva kwesondo.
Xa utsiba-tsiba emva kwesondo.
Xa usabelana ngesondo umi ngeenyawo okanye xa ibhinqa lingaphezulu.
Xa uhlamba okanye uchama emva kokwabelana ngesondo.
BUBUXOKI. Zonke ezi zinto ngamampunge. Imbewu yobudoda ihamba nangayiphi na indlela yaye iyahlala iintsuku ezintlanu esibelekweni.
Endaweni yekhondom sebenzisa ibhaluni okanye iclingwrap.
BUBUXOKI. Zinobungozi.
Amantombazana angekaqali ukuy' exesheni angakhulelwa.
Ukuvala 'inzala ngokuphe-leleyo'
UKUVALWA kwenzala okanye ukudloliswa kwenziwa emadodeni nakumabhinqa akwi-18 leminyaka nangaphezulu.
Uyacetyiswa kuqala, kufuneka utyikitye ifom yokuvuma yaye iyasebenza le ndlela yokuval' inzala.
Amabhinqa: Olu tyando lubizwa ngokuba yitubal ligation. Iityhubhu ezithwala amaqanda ziwasa esizalweni ziyabotshwa ukuze amaqanda angachunyiswa yimbewu yobudoda.
Amadoda: Olu tyando lubizwa ngokuba yivasectomy. Kusikwa iityhubhu "zembewu yobudoda" zibotshwe ukuze imbewu ingadibani nolwelo oluphuma xa kufikwa kuvutho-ndaba lwesondo. Ambalwa amathuba okungaphumeleli kolu tyando. (Qaphela: Alukhawulezi ukuthintela ukukhulelwa - kufuneka usebenzise eziny' iindlela zokuval' inzala iinyanga ezi-3 emva kokulwenza.)
