xhosa.1811.purity May
Ukunika inkxaso kwisikhokelo seWorld Health Organisation kunye neSebe leZempilo, ubudala bokuqala ukutyisa umntwana ukutya okuqinileyo kuzo zonke iimveliso zakwaPurity ibhekeliselwe kwiinyanga ezintandathu. Zonke iimveliso zakwaPurity azifakwanga zilondolozi, izijiki-bala neencasa zokuzenzela.
inqaku lentengiso
USis Purity olilungu leqela leengcaphephe zokutya kweentsana lakwaPurity, uphendula imibuzo yenu malunga nokondla iintsana zenu
USis Purity uthi...
Umbuzo woku-1:
Ndiqaphela ukuba iiPurity Cereals zongezwe i-iron, i-zinc kunye neselenium. Ngokunjalo, kwiimagazini nakwi-TV kuthethwa nge-iron. Kutheni le nto ibaluleke kangaka kusana lwam uThabang oneenyanga ezi-7 ubudala, osancancayo? Umazala wam ufuna atye ipapa njengosapho lonke.
- Jabulile Motlaung
Impendulo:
Ndiyavuya xa ufunda ngezinto ezilungele usana lwakho. Kubalulekile xa ungumama wazi ngokondla usana lwakho kuba lukhula ngokukhawuleza kwaye ludinga iiminerali - i-iron, i-zinc ne-selenium - ukuze lukhule lusempilweni kwaye lunamajoni omzimba omeleleyo.
I-iron inceda ekukhuliseni ingqondo ukuze kwixesha elizayo incede xa umntwana sele efunda esikolweni. Ngoko ke wenza kakuhle ngokungamtyisi ipapa umntwana de abe uneminyaka emibini ubuncinane.
Umbuzo wesi-2:
Ingaba ndingalutyisa usana lwam icereal kabini ngemini? Ndilupha icereal yerayisi kusasa nesidudu seentsana iPurity Cream Of Maize ebusuku. Ndinoloyiko lokuba luza kutyeba kakhulu - luyasithanda isidudu salo. Kunjani xa ndilutyisa kanye ngosuku nokuyeyona nto ilungileyo? Ndicela iingcebiso malunga nendingalutyisa kona emini nasebusuku? - Phaka Singwane.
Impendulo:
Akukho ngxaki xa ulutyisa icereal kabini ngemini, kodwa ungalupha okunye ukutya emini. Uze kwesinye isidlo uqhubeke ngokulutyisa enye yezi cereal. Zombini azinakufane zikhatywe ngumzimba zize zilugulise ngoko zezona zilungele ukuba sisidlo sokuqala.
Isidlo sesibini ungalupha ukutya okutsha, njengeefruit purées ezenziwe ngeziqhamo ezinjengee-apile nezinye, okanye isingle vegetable purées ezenziwe ngethanga nebhatata. Xa usana lwakho lungakufuni ukutya okutsha, luxubele nenye yeecereals uye usongeza. Yonwaba nosana lwakho... Ixesha lokutya lixesha elimnandi.
Zonke iiPurity cereals zongezwe izakha-mzimba kwaye zine-iron ngaphezu kwayo nayiphi na imveliso yokutya kwabantwana ekhoyo kweli. Inyaniso kukuba, isidlo esinye nje sePurity Cereal sinika ama-50% e-iron efunekayo ngosuku emntwaneni oneenyanga ezintandathu ukuya kwezili-12. Ukhangele noVithamini C ephepheni elibhaliweyo, nanjengoko enceda umzimba wosana lwakho ukuba ukwazi ukwamkela i-iron.[x]
Kutheni iyimfuneko?
- Yakha izihlunu zomzimba
- Inceda umzimba ekulweni nezifo
Inyama yenkomo
Amaqanda
Ispinatshi
Intlanzi
Neecereals zeentsana
Ukutya okuqulathe i-iron
