xhosa.110.rain making
Isizwe seKumkanikazi yeMvula
Izinyanya aziphenduli
Iintsapho ezikhethiweyo zidibanela ebhotwe lobukumkani zicele imvula kwizinyanya kodwa ayinethi. Ingaba amaBolobedu aphulukene namandla okunisa imvula"
kubhale kwafota uNGWAKO WAGA MODJADJI
INDLELA enamagophe iziikhilomitha ezi-5 ukuya kwiintaba zaseKhethakoni eBolobedu kwibhotwe lobuKumkani bukaModjadji. Yiminyaka esondele kuma-200 iiKumkanikazi zeMvula zamaBalobedu zisenzela umsitho wokucel' imvula kwezi ntaba.
Kuvakala ukuba nkqu nenkosi yamaZulu uShaka wakhe watyelela eBalobedu.
Iintaba zaseKhethakoni zisoloko zinenkungu kodwa thina sifike ingekho ngoko besikwazi ukubona imizi ephaya ezantsi yamaBalobedu.
Xa uphezulu kwezi ntaba ubona abantu phaya ezantsi bemanxada-nxada besenz' imisebenzi yabo yemihla ngemihla abanye benze imiqodi etephini yamanzi nto leyo intama ukubaluleka kwamanzi ebantwini bale ngingqi.
NgoOktobha lixesha lomsitho wokucel' imvula kuba kuthwasa ihlobo.
Ngethuba kusenziwa lo msitho kufika abantu abavela eJoburg ubukhulu becala, abancinane nabadala, amahlwempu nezinhanha bezobukela ezi ntsapho zintlanu zasebukhosini bakwaModjadji - olwakwaMathekga, olwakwaMasopha, olwakwaMorwatshehla, olwakwaMmapeule nolwakwaModjadji - xa zibongoza kwizinyanya zazo ukuba zizise imvula.
Kulo nyaka zijikil' izinto kuba lo msitho ubuphethwe yindoda, nto leyo ibiqala ukwenzeka ezimbalini.
UNkosana uMpapatla uthethe nezinyanya zakhe egalela amarhewu abizwa ngokuba yi-"mophapo," e-"Thokoleng" (eTempileni).
Amarhewu
Emva koko la marhewu aseliswe imazi yenkomo emnyama uMokgadi, ethiywe ngegama losapho lwasebukhosini.
Emva koko aselwe ngamalungu osapho ukuze aphiliswe kwizifo anazo kwaye abe namathamsanqa.
Kutyiwe inyama, kwaselwa utywala kwaza kwenziwa nemibongo.
Imvula ibilindeleke ukuba inethe kwiintsuku ezimbalwa emva kwalo msitho...
UJones Modjadji olilungu eliphezulu kwiBhunga loBukhosi lakwaModjadji uthi, "Imvula ibonwa njengentsikelelo ebantwini bethu. Sikholelwa ukuba izinyanya zethu zinawo amandla kwanokuba zinxibelelana nathi xa sisenza umsitho wokucel' imvula.
"Sithi kuphela abantu abanamandla okucela imvula kwizinyanya."
Ababoni ngolo hlobo bonke abantu kwaye nowalo nyaka umsitho ubenayo ingxwaba-ngxwaba.
Into ebaluleke kakhulu eyinxalenye yalo msitho luphondo lomlingo olugcinwa lusapho lwasebukhosini bakwaModjadji ukususela ebutsheni boo-1800.
Uphondo
Kutshanje usapho lwakwaMokoto lubhengeze ukuba lulo olungabalawuli abasemthethweni beBalobedu Ba ha Modjadji.
Bathi olu phondo lusetyenziswa ngabakwaModjadji xa becela imvula lolwabo. Bathi balunikwa ngooyisemkhulu kwaye mandulo abakwaModjadji babecela imvume kwaMokoto ngaphambi kokwenza umsitho.
Ingaba esi sisizathu sokunqongophala kwemvula kwesi sizwe"
Emva kokusweleka kweKumkanikazi yeMvula uMakobo Caroline Modjadji VI abanye abahlali bathi bakholelwa ekubeni imvula iza kunqongophala.
"Kudala sayigqibela imvula kwaye andisawathembi la mabali okucelwa kwemvula ukuba ayinyaniso," utsho uJoe Shoroma esidibene naye kwindawo yentselo ngemini yomsitho.
Intsomi
UJoe uneminyaka engama-29 kwaye uphila kule mihla yeeselfowuni, iiDVD, ihip-hop nexesha likabhubhane ongugawulayo.
Abantwana bala maxesha bawabona njengentsomi amabali okucelwa kwemvula.
Kodwa ngoku nkqu neenkonde ezifana noDerrick Mmapeule oneminyaka engama-82 uphelelwa lithemba emandleni amaBalobedu okuzisa imvula.
"Phaya mandulo kwakunetha kakhulu," utshilo ejonga ezintabeni ngokunga unethemba lokuba kuza kuvuleka umlambo omkhulu uhle kunethe imvula.
"Andazi nokuba sisenawo na amandla okunisa imvula. Mandulo sasiwenza umsitho ize ine imvula kodwa ngoku andazi nokuba siya kuphinda siyifumane na."
La mazwi antame ukuba abantu banoloyiko lokuphela kwamandla okunisa imvula kwabasebukhosini kwaye iBONA ide yahamba kungekhonto ibonisa ukuba imvula iza kuna. [x]
BONA XHOSA - December 2007
Lo msitho okoko wenziwa ukususela ebutsheni boo-1800.
NGASENTLA: IKumkanikazi yeMvula engasekhoyo uMakobo Caroline Modjadji VI.
PHEZULU: Amarhewu esintu i-"mophapo," agalelwa kwi-"Thokoleng" (iTempile).
BONA XHOSA - December 2007
