xhosa.1009.hair
BONA July 2008
IIMFIHLELO ZIKAKELLY KHUMALO ZOKULUNGISA IINWELE
Esi stayile ngumzekelo omhle weenwele ezifakelwayo apho iinwele zakho ziflerhwa zonke ze yona ithungelwe ngaphezulu. Okumnandi ngayo kukuba ikhusela iinwele zakho, okuyinto ebalulekileyo nokuba uneengxaki okanye uyindwalutho efana noKelly Khumalo elungiswa iinwele yonke imihla.
"Indilungele kuba ndingumntu onomunyu ngeenwele zam," utsho uKelly. Nanga amacebo akhe ama-3 awathandayo:
Mkhethe ngononophelo umntu olungisa iinwele zakho: "Esaluni ndenziwa linenekazi elinye kanti nakuRhythm City mnye umfo ondenzayo, sele bezazi iinwele zam."
Zikhethe iimveliso zakho: "Ndiyaqiniseka ukuba kusetyenziswa ishampoo elungileyo nehair food isetyenziswe rhoqo. Ndiyazithanda iimveliso zakwaMizani."
Bazi ubuthathaka bakho: "Mna indawo ekuqala kuyo iinwele zam ibuthathaka."
Yandisa
iztayile zakho
Iinwele ezifakelwayo zifuna ukukhethwa ngobuchule nokuphathwa ngononophelo ukuze zikuvumele wenze iztayile ozithandayo, itsho ingcaphephe yeenwele uFaith Seuoe
ENYE yeentento endizithandayo yethi, "Khohlisa de kube yinyani" - ngoko ke ukuba uneenwele ezimfutshane kwaye uziva ungenakulinda zikhule, kulungile thenga iinwele ezifakelwayo.
Fumana esakho istayile
Umbala, inkangeleko, ubude nendlela ezichetywe ngayo - oku ungakwenza ngeenwele ezifakelwayo. Zininzi iindlela ongenza ngazo, ungazithungela, uzincamathisele ngeglue okanye ngephini kungenjalo wenze iisingili okanye iikhonrowzi.
Kodwa qiniseka okokuba wenziwa yincutshe ukuba ukhethe ukuthungelwa. Khumbula kaloku kumbalwa apho iinwele ezithungelweyo ziphuma zintle, kwaye naxa uza kuzicheba istayile esithile awunakuchetywa nangubani na.
Iindidi zeenwele ezifakelwayo
Ukuzithungela iinwele ezifakelwayo kokona kuxhaphakileyo kuba uba neenwele ezinde ngesaquphe kwaye zibukeke njengezendalo. Ukuba ukhetha ukuba iinwele zakho ziflerhwe ikhonrowzi zonke ze kuthungelwe ezifakelwayo ngaphezulu, unako ukuthenga iinwele ezingafaniyo nohlobo lweenwele zakho zokwenene nkqu nombala. Le indlela yeyona ilungileyo xa ufuna ukuphumza iinwele zakho kwiztayile ezenziwa ngobushushu, okanye iinwele zendalo ongafuni kuzirileksa kodwa ube uzithanda neenwele ezoluliweyo neziphothekayo.
Ukuba awuziflerhi zonke, ushiya ezisemacaleni ukuze zona zihlale phezu kwezifakelweyo, thenga iinwele ezifakelwayo eziza kufana neenwele zakho.
Ngaphandle kokubreyida iisingili neekhonrowzi, ezinye indlela zokufakela ihuman-hair extensions ziquka:
IGlu: Ukuncamathelisa iinwele ezifakelwayo entlonzeni ngeglu yindlela elula. Kodwa akulo cebo xa ufuna zihlale ixesha elide kuba ingazimosha iinwele zakho zendalo.
IMicrobonding: Le yeyona ndlela inexabiso elixhomileyo, yenziwa ziisaluni ezikhethekileyo apho uhlawuliswa ngokobunzima nobude beenwele ezo kuquka nokuzifakela.
Ukunonophela iihuman-hair extensions
Ukuba uza kuzihlamba ekhaya ii-extensions zakho, funa iingcebiso kwingcaphephe, wazi ukuba yeyiphi ibrashi, ishampoo neconditioner omawuzisebenzise.
Zibrashe phambi kokuba uzihlambe ngeshampoo, uzikame ngekama enkulu ziseneconditioner.
Thambisa kancinci ezakho iinwele nentlonze ukuze zingemki. Ungayisebenzisi i-oyile okanye isifumisi kwii-extensions kuba iza kuzenza zigqole yaye zimbatshe.
Ukuze zivuseleleke ezijijiweyo sebenzisa ileave-in conditioner okanye imousse engenatywala kabini nakathathu ngeveki kwiinwele ezimanzi. Ngeziny' iintsuku zitshize ngamanzi, uzikame kuhle okanye uzibrashe, zihlikize uziyeke zizomele ukuze kuvuseleleke imiphotho.
Qiniseka ukuba iinwele zakho zenene zomile emva kokuzihlamba nokufaka iconditioner ukunqanda ukungunda nentlonze enukayo.
Thenga ihairdrier elungileyo, iflat-iron kunye nehot-brush.
Ukuhoya iisynthetic extensions
Ungazihlamba uzikhondishine ekhaya lula ezi iinwele, ngaphandle kokuba zifuna uhoyo oluthe kratya, njengezijijiweyo okanye ikinky extension ingakumbi ke ukuba ziisingili. Ziphithana lula ngoko yiya esaluni.
Isynthetic hair ungayitshiza, uyithambise ukuze ibukeke ikhazimla. [x]
Kufote: Ivan Naude; iinwele nolungiso-buso; Faith Seuoe; iztayle: Marina Walsh
UNONOPHELO LWEENWELE
BONA XHOSA July 2008
3
Ungachitha imali engakanani?
Bala imali onako ukuyichitha xa uthenga ii-extensions nezinto zokuzinonophela.
Lingakanani ixesha olichithayo ezinweleni zakho ngemini?
Ukuba ungumntu oxakekileyo, qiniseka ukuba ukhetha istayile esiza kukwenza ubukeke ngaphandle kokufuna uhoyo olumandla.
Luluphi uhlobo lwakho lwe-extension?
Ihuman hair ixhomile ngexabiso kodwa iyahlala kwaye ungabusebenzisa ubushushu ukuyolula/okuyiphotha kanye njengeenwele zakho zokwenene. Ukuba ukhethe zona, buza ingcaphephe ukuze uthenge ezisemgangathweni nezinexabiso.
Kanti isynthetic hair ungakwazi ukuthenga eziliqela ukuze uzixube. Qiniseka ukuba azikhazimli kakhulu, kuba ziza kucaca ukuba ayizonwele zokwenene.
Ezinye iisaluni nabathengisi abayithengi kakhulu ihuman hair ngenxa yexabiso layo elixhomileyo - isynthetic hair yona isoloko ifumaneka kuba yona iyafikeleleka. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukwazi ukuba wena unemali elingene ukuthenga ntoni na.
70 BONA XHOSA July 2008
IMIBUZO OFANELE
UYIPHENDULE
Xa ufuna "iinwele ezifakelwa ngomzuzu," tsalela iinwele zakho emva, uqhoshele iinwele ezifakelwayo, ungenza iiphonitheyili ezohlukeneyo.
BONA July 2008 71
