xhosa.1007.yourlifeguide_HIV
Bhota Criselda
Ingaba unombuzo ngeHIV okanye nge-AIDS? Ubhidekile? Ulilolo? Uyoyika? Ungaxhalabi, indumasi kanomathotholo neTV, uCriselda Kananda uza kuphendula imibuzo yakho
I-HIV ibulala ubuhlobo
Bhota Criselda: Umhlobo wam uneHIV kwaye andazi ukuba ndifanele ndimkhuthaze kanjani. Sineminyaka engaphaya kweli-15 singabahlobo abasenyongweni, kodwa ndibona ukugula kwakhe kubutshintshile ubuhlobo bethu. Asisenanto sincokola ngayo kwaye naye akasenguye lowa ndandimazi.
NguKG, e-Alberton
UCriselda uyaphendula:
Le yingxaki abajongene nayo abahlobo namalungu osapho amaninzi. Sinento yokucinga ukuba xa umhlobo ekuxelela ngemeko yakhe, oko kumenza uxanduva lwakho. Simxelela into afanele ayitye, ayisele yaye ayinxibe ngokungathi uyingcali ethile. Kulumkele oko; kaloku ungumhlobo awuyongcali yempilo.
Kufuneka niqhube nokwenza izinto ebenizenza engekakuxeleli ukuba uneHIV.
Mhlawumbi wakuxelela ukuba uneHIV, ukanti ngoku uyazisola ngokukuxelela kwakhe. Xa uzama ukuzenza umhlobo wokwenene kuye, uza kuzithemba kwakhona aze aphinde akhululeke kwakhona.
Ukuthetha ngeHIV nomntwana wam
Ndathatha umntwana oneminyaka esixhenxe ongenguye owam ndamkhulisa. Wayekhe wadlwengulwa waza wosulelwa yiHIV. Ugqirha uthe ngoku lixesha lokuba makasebenzise ii-ARV. Andizange ndathetha naye ngengulo yakhe. Ndingawusingatha njani lo mba?
ngu-Ester Janjties, eKenilworth
UCriselda uyaphendula:
Le yeyona ngxaki inkulu ejongana nabazali kunye nabagcini babantwana. Kuhle uye kucela uncedo lwengcali yengqondo okanye umcebisi oqeqeshiweyo.
Uqhagamshelwano ngokuthetha nangezenzo lubalulekile kuba eyona nto ibalulekileyo yinto oyithethayo nokuba uyithetha kanjani. Xa uthetha nentombi yakho niza kuphendulana, nicebisane nivakalise neemvakalelo zenu. Xa ungathethi nayo ngendlela eyiyo ingazibona ingento yanto okanye izibone kuyimpazamo yayo eyenza yadlwengulwa.
Kufuneka ikhululeke ngento oyithetha nayo ukuze ikwazi ukutsho iimvakalelo neengxaki zayo. Ukwazi kwayo ukuba uyithanda injalo kuza kuyenza izithembe.
Iza kufuna nengqalelo eyodwa indlela oza kuxelela ngayo abanye abantu ngemeko yayo, kwaye ndiyathemba uza kulufumana uncedo ekwenzeni oko. Ungonqeni ukubuza ugqirha nantoni na kuba ukusebenzisa ii-ARV linyathelo elikhulu kuwe nentombi yakho.
Ndibaxelele abantu ngemeko yam?
Ndineminyaka emininzi ndafumana ukuba ndineHIV. Kutshanje ndenze isicelo somsebenzi bandibuza ukuba andinasigulo ndinaso na. Andikhange ndazi nokuba ndibaxelele na ngemeko yam, ngoko andikhange ndisizalise eso sithuba kwifom yabo. Ndifanele ndimxelele umqeshi imeko yam?
NguDora D, ePretoria East
UCriselda uyaphendula:
Ngelishwa abantu basacalulwa xa beneHIV, nto leyo inxamnye nomthetho. Oku ke kwenza abantu bangafuni ukuthi pahaha ukuba baneHIV.
Ukuphendula umbuzo wakho, ndingathi kuxhomekeke kumsebenzi owenza isicelo sawo - kweminye imisebenzi ukugula ngenxa yezifo ezikuhlaseliswa kukuba uneHIV kungakwenza ungakwazi ukwenza umsebenzi wakho.
I-HIV awunako ukuyosulela abantu ophangela nabo. Xa ufuna ukuthi pahaha ukuba unayo, kukho imithetho ethintela inkampani okanye umbutho ophangela kuwo ukuba ungakucaluli ngenxa yaloo nto.
Liyintoni ingomso lam?
Ndineminyaka engama-21 yaye ndafunyanwa ukuba ndineHIV ebutsheni balo nyaka. Ngoku andiqinisekanga ngezinto ezininzi ngengomso lam. Ndifun' ukutshata ndibe nabantwana, kodwa andithandi ukuba ngumthwalo kwabany' abantu. Kungoku nje izinto azihambi kakuhle ncam phakathi kwam nomfana endincuma naye. Kukho umfana endisandul' ukudibana naye nendimxeleleyo ngemeko yam kwaye uyandikhuthaza. Ndicela undicebise kuba andisaqiniseki ngengomso lam.
NguVanness, eKapa
UCriselda uyaphendula: Wenze kakuhle ngokuvavanyelwa iHIV ukuze uzazi imeko yakho. Ufanele ubonane nomcebisi ukuze aphendule imibuzo onayo.
Okwesibini awunako ukulungisa uthando olungahambi kakuhle ngokuthandana nomnye umntu. Asiyonyaniso ukuba akusayi kuba nabantwana kuba uneHIV. Unako ukutshata uphile ubomi obunemveliso nempilo. Oko ungakwenza ngokuhoya ubomi bakho nokwamkela ukuphila nale ntsholongwane. [x]
IMIBUZO NEEMPENDULO NGE-HIV
Ingaba unombuzo?
Bhalela ku:
Criselda at HIV Q&A, Box 473014, Parklands,
2121.
Liya kufihlwa igama lakho.
