xhosa.1800.manners
BONA - August 2005
Baqeqeshe abantwana bakho
Ayikho indlela yokunceda umntwana wakho akwazi ukwenza abahlobo aze aphumelele ebomini eyogqitha ukumfundisa isimilo...
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
kufote uCLIVE THOMPSON
BONKE abazali bakhe bakwiimeko apho benga bangathi vuleka mhlaba ndingene ngenxa yokuphoxwa bubukrwada babantwana babo. Abazalwa benesimilo abantwana - yaye abazalwa bengenaso kunjalonje - kufuneka bafundiswe.
Yintoni ebonis' isimilo emntwaneni"
Nangona abantu bohlukene ngokweenkcubeko zabo, zikho izinto ezithatyathwa "njengezilungileyo" ngumntu wonke...
4 Ndicela, enkosi, uxolo: Abantwana mabawafundiswe la magama yaye alula. Kubalulekile ukuba umfundise kwaesafund' ukuthetha.
4 Ukubazi abantu: Fundis' umntwana wakho intobeko nendlela yokunceda abantu abasengxakini. Mfundise angakhombi okanye ajonge okanye ahlekise ngabantu beziny' iintlanga okanye abahlelelekileyo, iingxwelerha nokuba abo bantu bakhangeleka njani na. Angathuki abantu kuba loo nto ibuhlungu.
4 Ukuhloniph' izinto zabantu: Mfundise ukuyihlonipha imizi yabantu, iimpahla zabantu neziny' izinto. Xa kukho into ayibolekileyo makayiphindise injengoko ebeyithathile kungenjalo xa yonakele uthenge enye.
4 Ukuhlonipha indawo engeyoyakhe: Xa enkqonkqoza endlwini angangeni kungekatshiwo ukuba makangene, angaguqululi ezimpahleni zomny' umntu; angafundi iileta zabany' abantu futhi angamameli iincoko zabantu zasekhusini.
4 Ukuhlonipha abantu abadala: Angankqangazi abantu abadala ngamagama. Mfundis' ukuba xa kungekho ndawo yokuhlala abobasukumela abantu abadala.
4 Ukuhlonipha abantu abangaphezulu kunaye: Kaloku utitshala kufuneka ahlonitshwe ngabafundi. Kufuneka umntwana umfundise ukuba angathethi krwada nabantu abadala.
4 Ukunyaniseka: Noxa nje kunzima ebantwaneni ukuxolisa xa bonile kubafundisa ukunyaniseka. Xa umntwana evuma ukuba wonile mxelele ukuba ubuza kuphoxeka ukuba ebengasivumanga isono sakhe.
Zizinto ezingafaniyo
Kwabany' abantu ukuba nesimilo kutheth' ukuba umntwana abe manyonywana, enz' izinto ezifunwa ngabany' abantu okanye abe nguvuma-zonke. Kule minyaka kulungile ukufundis' umntwana ukuba angavumi yonk' into.
Kulungile kona ukuba umntwana angabi nguvuma-zonke, azithembe yaye azimele kodwa akufuneki ade agqithise angabi nasimilo.
Uqala nini ukumfundisa
Lugotywa luselutsha kaloku ngoko mfundise ukuziphatha kakuhle kanye ngelaa xesha eqal' ukuyiqonda into oyithethayo. Akufuneki nokuba ulinde de aqal' ukufunda ukuze uqale ukumfundisa ukuba nembeko. Kaloku xa sele engaphezulu koko angakuxaka angabi safundiseka.
Yiba ngumzekelo
Ukuze umfundise ngempumelelo umntwana wakho kufuneka wenze le nto ufuna ayenze wena kuqala. Xa ungenasimilo uza kubaqeqesha njani abantwana bakho" Abantwana bafunda lukhulu ekhaya. Kubalulekile ukunikana imbeko phakathi kwabazali nabantwana.
Xa usithi abantwana mabenze ngolu hlobo uze wena utenxe, bona baza kulandela ekhondweni lakho benze le uyenzayo hayi le uyitshoyo!
Bancome xa benesimilo
Ukubancoma kuyabakhuthaz' abantwana. Baxelel' ukuba uyazingca ngabo xa benesimilo. Kubalulekile ukuba uyenze loo nto ngelaa xesha usandul' ukuqal' ukubafundis' ukuziphatha kakuhle, kodwa nabantwana asele bekhulile bayathanda ukuva ubancoma ngendlela abaziphethe ngayo.
Ungahlali ubaxelela into abayenzileyo engalunganga kuba lo nto intama ukuba ubahoya xa besona kuphela. Xa besenz' into engalunganga ungalwi nabo ngoko baxelele ukuba yenziwa njani na. Ungaze ungxolis' umntwana phakathi kwabantu kodwa ungamkhumbuza ngezinto ezingalunganga maxa wambi. Kukuziphatha kakubi ukwenz' into elolo hlobo.
Kulindele ukuziphatha kakuhle
Ukungabi nasimilo komntwana kumenza angathandeki. Abantu bathand' umntwana onesimilo yaye ongenaso bayamcaphukela. Abantwana abakrwada nabangenambeko abathandwa naziintanga zabo baze bacatshukelwe nokuba sele bebadala.
Esakucatshukelwa ziintanga zakhe umntwana uba neengxaki zokungazithembi. Mhlangule umntwana wakho kwiimeko ezinjalo ngokumfundisa ukuhlonipha abanye abantu.
Balindel' ukuba babonis' isimilo benze le nto ubafundisa yona abantwana bakho maxa onke. Ungaguqu-guquki. Makube yinto yemihla ngemihla ukufundisa indlela yokuziphatha kakuhle ebantwaneni. Mana ubakhumbuza yaye ngaloo ndlela uza kuzibona unamanene namanenekazi xa sele bekhulile.
BONA XHOSA - October 2005
I
similo
Fundis' abantwana
Emnxebeni
Kubalulekile ukuba abantwana bangawuphenduli umnxeba de babe bayayiqonda inkqubo yokuwuphendula. Loo nto ithintela ukuphoxeka emnxebeni xa ephendula esithi, "Utata akanakuthetha emnxebeni kuba usethoyilethi."
Bafundise ngomnxeba wokudlala. Kubalulekile ukuba abantwana bakwazi ukuphendul' umnxeba ngokukuko.
Bacacisele ukuba loo umntu utsal' umnxeba akafuni kwazi yonk' into. Kulungile ukuba umntwana athi xa ephendul' umnxeba, "Umama ulele," okanye "Umama akakwazi ukuthetha emnxebeni okwangoku ndicela ushiye umyalezo."
BONA XHOSA - October 2005
Indlela yokuziphatha etafileni
Abantwana abazalwa besazi ukuba yintoni na elungileyo nengalunganga xa kutyiwa etafileni yaye abantwana abangafundiswa ngabazali babo bakhula de babe badala bengazi kwanto ngokuziphatha etafileni - ukanti itafile yindawo apho kucaca khona ukuziphatha komntu.
Nazi iindlela zokuziphatha etafileni ongazifundis' abantwana bakho:
Ungakugxeki ukutya. Xa ungakuthandi yithi "Andithandi kutya, enkosi."
Bulela. Xa uphakelwa ukutya yithi enkosi maxa onke.
Ungaphangi kuba kuyacaphukis' ukubon' umntu ophangayo yaye ungomiwa.
Xa utye into etshisayo ungayikhuphi emlonyeni. Sel' isiselo sakho ukuyipholisa.
Yitya kancinci ungaphangi.
Val' umlomo xa uhlafuna. Akukho mntu ufuna ukubon' umthamo wakho xa uhlafuna.
Kuginy' ukutya ngaphambi kokuba uthethe.
Ungadlali ngokutya.
Ungathathi into engaphaya kwepleyiti yomny' umntu, cela akugqithisele.
Ungavunguli.
Ungabeki iingqiniba etafileni! [x]
