xhosa.178.Lesley
UBOMI BENENE
YAZALA yema ngeembambo iholo ngaloo ntsasa. Abantu babephume ngendlu yabo beze kumamela "umgulukudu" owawuphilis' ubomi bentshontsho abantu baseLulekani (ngasePhalaborwa eLimpopo) ixesha elingaphezulu kweminyaka eli-10.
ULesley Mongwe wasiwa kuloo holo esuka kwintolongo yaseTzaneen ukuze aye kuthetha namaxhoba olwaphulo-mthetho owayelwenza.
Wayenxibe isinxibo sasentolongweni, ebotshwe izandla neenyawo. Wakhwel' eqongeni waqala ukuthetha ngelizwi eliphantsi wathi: "Ndicela ukuqala ngokuxolisa kumaxhoba olwaphulo-mthetho ebendilwenza. Ndisifumene isifundo, kwaye ngoku ndiyazi ukuba ebendikwenza bekunga-fanelekanga."
Kwathi cwaka eholweni.
"Ndiyathembisa ukuba ndakuphuma entolongweni ndiza kuqalisa iphulo lokufundisa ulutsha ngobubi bolwaphulo-mthetho.
"Ndifuna abantu basekhaya bakwazi ukuhamba ngeqhayiya kwakhona eluntwini, ngoko ndigqibe ekubeni ndiphindele esikolweni," watsho uMongwe.
Oko kwenzeka ngo-2006 kwaye ngenene uMongwe wasizalisekisa isithembiso sakhe. Ngoku lo mfana unama-31 eminyaka utshintshe ubomi bamawaka-waka olutsha lwaseLimpompo.
Phofu ke ingaba ungubani uLesley Mongwe? Waqala njani ukuphilisa obentshontsho uluntu lwakowabo?
ULesley ulizibulo kusapho olunabantwana abali-10. Uyise wayengaphangeli kanti unina yena wayengumcoci kwisibhedlele salapho. ULesley wabanjwa eneminyaka eli-15 ngezityholo zokuqhekeza waza wanikwa isigwebo esixhonyiweyo ngenxa yeminyaka yakhe.
Wathi egqiba iminyaka engama-28 waba sele ebanjwe izihlandlo ezingama-25 ngamatyala aquka ukuba ezivenkileni, ukubetha, ukuphanga nokuqhekeza izindlu.
"Njengezibulo ekhaya bendikubona kuluxanduva lwam ukondla abantwana basekhaya" utshilo kwiBONA.
"Ngoko ndandisiya kuba xa singenakutya ekhaya okanye umama engenayo imali yokusithengel' impahla. Ndaqala kanjalo ke ukuba sisaphuli-mthetho."
Ingaba kukuzalwa kusapho olungathathi-ntweni okwamenza isaphuli-mthetho?
"Akunjalo, kwaye andizami kuzithethelela ngobubi endandibenza. Ndingathi nje andizange ndibathobele abazali bam, ndabe ngaphezulu ndinabahlobo abangalunganga."
Wabonwa ngabalindi bentolongo yaseTzaneen ukuba unetalente yokuthetha nabantu uLesley xa wayetsala isigwebo seminyaka emibini ngetyala lokweba.
Wenziwa "unozaku-zaku" wephulo lokulumkisa uluntu ngolwaphulo-mthetho elaliqhutywa liSebe leeNkonzo zoLuleko kula ngingqi.
Wasiwa ezikolweni nakwiiholo zoluntu ukuze ayochazela ulutsha ngobubi bolwaphulo-mthetho.
"Lwaluyiva ulutsha into endiyitshoyo kuba ndandiluxelela ngento endiyaziyo. Ukuzibandakanya kwam nelo phulo kwaguqula nendlela endandibubona ngayo ubomi.
"Kaloku ndandilibona limfiliba ingomso lam, ndibona ukuba ndiza kuchitha ubomi bam ndingena ndiphuma ezintolongweni. Ndaqonda ukuba mandizame ukubutshintsha ubomi bam," utsho uMongwe.
AKUKHULULWA entolongweni ngoJanuwari walo nyaka uqale ukuzalisekisa izithembiso owazenzayo.
Ngoku uqhuba iphulo le-"Youth Against Crime" kwi-ofisi eseLulekani Police Station.
Eli phulo ligaye laqeqesha ulutsha olungama-40 "olulumkisa ngolwaphulo-mthetho" nokutyelela uluntu nezikolo.
ULesley uphindele nasesikolweni yaye wenza unyaka wokuqala wezifundo zeCivil Engineering Diploma eSir Val Duncan Technical College ePhalaborwa.
USarah Mabunda ongunina uvuyile kukutshintsha kobomi bonyana wakhe.
"Ndibulel' uThixo ngokutshintsha konyana wam. Ndase ndimncamile ukuba uya kuluyeka ulwaphulo-mthetho," utshilo.
Nangona kunjalo izinto azikamhambeli kakuhle ncam uLesley. Abazali bakhe abanamali yokuhlawulela imfundo yakhe. "Kodwa nokuba kungenzeka ntoni, andisokuze ndibuyele kulwaphulo-mthetho," utsho.[x]
NewsFirst
ULesley kunye nabazali bakhe abazingcayo. "Ndibulel' uThixo ngento yonke," utsho unina, uSarah.
BONA XHOSA July 2008
Wathi eba neminyaka engama-28 uLesley Mongwe wabe sele evalelwe entolongweni izihlandlo ezingama-25. Kodwa ngoku ubutshintshile ubomi bakhe kwaye akukho mfuneko yokuba ubesisaphuli-mthetho ukuze ulandele ekhondweni lakhe! Kubhale kwafota uNeville Maakana
Owayengumgulukudu unceda uluntu ngoku
ULesley uthetha nabagcini mabanjwa okokugqibela ngemini yakhe yokuphum'entolongweni.
ULesley ume ngokuzingca phandle kwesikolo afundela kuso izifundo zecivil engineering.
AMACEBO ASI-7 KALESLEY'S OLUTSHA
1. Bakhethe abahlobo. Yakha ubuhlobo nabantu abathanda izinto ozithandayo nabanenjongo onazo ngobomi.
2. Zibandakanye kwimibutho nezinto zasekuhlaleni.
3. Hambela kude neendawo zentselo neziyobisi.
4. Hamba icawe.
5. Dlala imidlalo esikolweni nasekuhlaleni.
6. Zihloniphe wena, iititshala nabazali.
7. Ukuba awukwazi ukuzibamba, zikhusele kwindibano yesondo.
BONA XHOSA July 2008
