xhosa.1784.yourfamily_quiz
INGABA UNGUMNTU OTHAND' IZINTO"
Ingaba awungomntu uwahoyileyo amaxabiso, okanye bethu uphakamile kwaye uthanda izinto eziphambili" Phendula imibuzo yethu ubone ukuba ungumntu othanda izinto na
1 Abamelwane bathenge imoto entsha. Ingaba ikuphatha njani loo nto"
a) Ayikuhluphi konke konke
b) Uyabasizela, kuba bamel' ukuba baboleke imali enkulu
c) Iyakucaphukisa loo nto kuba wena awunayo imali yokutshintsha iskorokoro sakho
2 Ufuna ukuthatha iinombolo zomnxeba zomntu othile. Ungazibhala phi"
a) Emva kwesandla sakho
b) Ephepheni elincinane olifumana ebhegini yakho
c) Kwiselfowuni ephucukileyo
3 Nizikhuphile nabahlobo bakho niyatya, size isinqanda-mathe sakho sijonge ixesha esihlahleni. Abahlobo bakho bayabona ukuba unxibe udanya-cimi wewotshi. Uthini"
a) Uyathula kuba awunamsebenzi nokuba unxibe ntoni
b) Uyaqhula ngayo uthi uyishiyile eyexabiso ekhaya
c) Uyathula, kodwa xa ninobabini uyamgxolisa kuba ekuhlazile
4 Ukuba umntu ufuna ukuqhagamshelana nawe ngokukhawuleza wenza njani"
a) Ukutsalela emnxebeni wakho wasendlwini
b) Kwiselfowuni okanye emnxebeni wasekhaya
c) Kwiselfowuni, kumnxeba wasendlwini, kwipager, ifeksi kungenjalo i-email
5 Sesiphi isiqholo ongathanda ukuba isinqanda-mathe sakho sikuthengele sona"
a) Nokuba sesiphi
b) Osithandayo
c) Isiqholo asithandileyo waze wasikhetha ngobunono
6 Nithi nisazikhuphile nomntu wakho nidibane nesidala sakhe uze uqaphele ukuba sinxibe ijakhethi yexabiso. Itsho loo nto ikwenze ucinge...
a) Ukuba inokuba ngumntu onxungupheleyo ozonwabisa ngokuthenga iimpahla zexabiso
b) Sithanda iimpahla ezifanayo njengoko sikwanjalo nakumadoda esithandana nawo
c) Eli lifongkhong lokwenene
7 Ungancuma nendoda embi emathileyo kuba nje inemali"
a) Hayi, wena uthanda indoda ebukekayo enik' umdla kunesisityebi
b) Ukuba nawe uza kuba nesabelo kobo butyebi
c) Ewe, ngaphandle kwamathandabuzo
8 Uthe usathenga wabona iselfowuni kanokutsho phofu lithotyiwe ixabiso layo. Awunayo imali yokuyithenga, kodwa yeyokugqibela kwaye umthengisi uthi olu hlobo luza kubakho emva kwenyanga. Uthini...
a) Uyalibala ngayo kakade awunangxaki neselfowuni onayo
b) Uyithenga ngecredit card yakho uqale ukuba nexhala xa ubona ityala
c) Uqala wonge imali ukuze xa sifika istokhwe esitsha uyithenge
9Xa uthenge amafongkhong eempahla ungenza ngathi zezenyani kubahlobo bakho"
a) Ewe, ingenza ukuba bandincome
b) Hayi, kuba kaloku bakundibona njengesidenge xa befumana inyani
c) Hayi, kunzima kuwe ukuxoka
10 Xa uza kumema abahlobokazi bakho endlwini yakho, yeyiphi ifilim onokubakhethela y ona"
a) Ifilim esanda kukhutshwa oza kuyidlala kwimatshini yakho yeDVD entsha
b) Ifilim ekudala waba nayo uyidlale kumatshini wevidiyo
c) Ifilim edlala kwiTV, kuba awunawo umatshini wevidiyo okanye iDVD
Umqulunqi: Theresa Murphy/Planet Syndication
UVAVANYO
Uthe phithi zizinto zexabiso ezipha-mbili
UFUMENE AMANQAKU AMANGAPHI"
1. a) 0; b) 1; c) 3
2. a) 1; b) 2; c) 3
3. a) 1; b) 3; c) 2
4. a) 1; b) 2; c) 3
5. a) 3; b) 2; c) 1
6. a) 0; b) 1; c) 3
7. a) 1; b) 2; c) 3
8. a) 1; b) 3; c) 2
9. a) 3; b) 2; c) 1
10. a) 3; b) 2; c) 1
Phakathi kwe-0-10
Awungomntu othanda izinto kakhulu ebomini. Okubalulekileyo ebomini bakho ngabantu obathandayo. Vuya kuba izinto ezibalulekileyo kuwe zezifanelekileyo.
Phakathi kwe-11-20
Awubonakali njengomntu othanda izinto, kodwa ikhona indawana kuwe ethanda ukuba neempahla ezinamagama. Kuyinto eqhelekileyo ukuba ufune ukuphucula ubomi bakho, kodwa qiniseka ukuba ukunqwenela kwakho izinto zabanye abantu akugqibeli kukwenza umntu onomona.
Phakathi kwama-21-30
Kucacile ukuba uyazithanda izinto zexabiso. Eli lixesha lokuba uyeke ukumosha imali, kuba ukuba awenzi njalo uza kuzibona sele untyumpantyumpeka ematyaleni.[x]
