xhosa.1775.parenting
Ubuzali
isikhokelo esiza kukunceda
Ukuya eklinikhi
Ukukhathalela impilo yakho kuya kuqinisekisa ukuba ubeleka ngokukhuselekileyo, yilo nto ke oogqirha nababelekisi besithi oomama abanzima mabangaphoswa ziintsuku zeklinikhi...
BONA XHOSA - July 2006
UKUYA rhoqo eklinikhi kuphela kwendlela ongaqinisekisa ngayo ukuba usana lwakho lukhula kakuhle esiswini yaye kuyanceda ikhawuleze ibonwe ingxaki onayo wena mama okanye usana lwakho.
Akungqina ukuba ukhulelwe ugqirha uya kukubekela iintsuku zokuy' eklinikhi. Ukuba uya kangaphi eklinikhi kuxhomekeka kwimbali yempilo yakho nasekubeni asikukhathazi na isisu.
Oomama abaphilileyo ezingenangxaki izisu zabo kuthiwa abakho sengozini kwaye abayi rhoqo eklinikhi njengoomama abanengxaki.
Xa ubuneengxaki kumntwana obumkhulelwe ngaphambili - njengehayi-hayi (high blood pressure) - kufuneka uye rhoqo kwagqirha.
Xa ungenangxaki uya kabini eklinikhi kwiinyanga ezintathu zokuqala, uze uye kanye kwiiveki ezine de ube neeveki ezingama-36, uze uye kanye kwiiveki ezimbini de ubeleke.
Ugqirha okanye umbelekisi uya kuncokola nawe ngokukhulelwa, akubuze ngempilo yakho aze aphendule imibuzo onayo.
Uya kujonga inkqubela yokukhulelwa kwakho nokuba usana luyakhula na esibelekweni. Oko kuquka ukukuweyisha nokulinganisa ukukhula kosana, ajonge uxinzelelo lwegazi ahlole nomchamo wakho. Uya kujonga nobungakanani bosana ukuze athelekelele umhla oza kubeleka ngawo. Kwiinyanga zokugqibela ujonga indlela usana oluhleli ngayo, kuba ukungemi ngendlela kungenza kufuneke ubeleke ngotyando.
Uya kukuxelela ukuba ufumene ntoni aze enze eziny' iimvavanyo xa kukho iingxaki. Xa kungekho ngxaki uya kukuxelela ukuba lindela ntoni ukususela ngoko aze akuxelele imini oza kubuya ngayo.
Okoomama nootata....
kubhale uNONHLANHLA KHUMALO
Kubuze ongakuqondiyo
Xa kukho into ongayiqondiyo yibuze xa uye eklinikhi. Ugqirha okanye umbelekisi uya kuyiphendula ngothakazelelo imibuzo yakho ngokukhulelwa kwakho. Bangaxilonga naziphi na iimpawu ezixhalabisayo ukuze bakwenze ungabi naxhala lanto...
Amacebiso okong' ixesha kubazali abaxakekileyo
UBUSAZI NA?
Ukunika usana iswekile kungalwenza luthande izinto ezimnandi, ukanti ukugalel' ityuwa ekutyeni kwalo kungenza lube neengxaki zezintso kuba azikakulungeli ukulihluza!
Ceba kwangaphambili. Cwangcisa indlela oza kuthenga ngayo. Endaweni yokuya ezivenkileni yonk' imihla, khetha imini evekini okanye enyangeni oza kuthenga ngayo zonke iimfuno ezisisiseko zakwakho. Zibhale phantsi ukuze kungabikho nto uyilibalayo.
Funda ukuthi hayi. Ungavumi ukwenza into kanti akunalo ixesha lokuyenza. Xa ummelwane okanye umhlobo efuna umncedise, mxelele ukuba nawe uxakekile. Kungakwenza ube noxinzelelo lwengqondo ukuvuma ukwenza into ongenalo ixesha lokuyenza.
Abantwana mabakuncedise. Banike imisebenzi yasekhaya amabayenze abantwana. Abantwana abaselula bayakuthanda ukuncedisa ukanti abadala bangahlamb' izitya emva kwesidlo bacoce namagumbi abo.
Linga ukuba nexesha lokwenza izinto. Ningayitya isopholo kwangoko ukuze kubekho ixesha lokuhlamb' izitya nelokwenza umsebenxi wesikolo. Nabantwana balale kwangoko ukuze ube nexesha elilelakho.
BONA XHOSA - July 2006
Ukukheth' igama losana lwakho...
Ukukheth' igama losana lwakho kusenokuba nzima kunokuba ubucinga. Nanga amacebiso angakunceda...
P Cinga ngemvakalo yegama. Likhwaze ukuze ubone ukuba liyahambisana na nefani yakho.
Ifani ende ihambisana kakuhle negama elifutshane, xa kuligama elide ifani mayibe mfutshane.
PYazi intsingiselo yalo. Xa uthand' igama lolwimi ongalwaziyo, libuze ukuba lithetha ukuthini kumntu olwaziyo olo lwimi uve nembono yakhe ngalo. Nokuba ligama lolwimi lwakho, buza ukuba lithetha ukuthini kweziny' iilwimi ngaphambi kokuba uthiye usana lwakho.
P Jonga oonobumba bokuqala bamagama. Jonga ukuba oonobumba bokuqala bamagama omntwana abathethi nto ithukayo na angantlontwa ngayo ngabanye abantwana. Bhala igama lakhe lokuqala, elesibini nefani ukuze ubone ukuba akavakali njengegama elinye na.
P Ungamthiyi ngamagama eendwalutho. Ukuthiya umntwana ngegama lendwalutho kungaba yingxaki ethubeni xa loo ndwalutho ingasathandwa ngabantu.
P Ungazami ukuvuyis' abany' abantu. Xa wena neqabane lakho nilithanda igama elithile, mthiyeni lona kuba aninakwanelisa ihlabathi lonke.
u
t
Lukulungele ukutya okuqinileyo?
Khokelwa kokwenziwa lusana...
SONKE siyazi ukuba ngokuya lukhula usana aluhluthiswa lubisi kuphela. Kodwa xa uqal' ukuba ngumdlezana kunzima ukulubona xa selukulungele ukutya okuqinileyo. Elona xesha lifanelekileyo kuxa luneenyanga ezintandathu, phofu ke iintsana azifani.
Qwalasela okwenziwa lusana lwakho. Uya kulubona ukuba selukulungele xa...
lLukwazi ukuphakamisa intloko: Ukulutyisa ukutya okuqinileyo lungekakwazi ukuphakamis' intloko kungalwenza lomiwe.
lLulamba rhoqo: Xa ibhotile yobisi iyodwa ingaluhluthisi usana, luphe ukutya okuqinileyo. Uya kukubona oko ngokufun' ukutya rhoqo emini nangokuvuk' ebusuku lufune ukutya.
lLubonisa ukukubawela ukutya: Xa luqala ukufuna ukuthatha ukutya kuwe, lusenokuba selukufuna ukutya okuqinileyo. Ungalutyisi ukutya kwakho kuba kungaba nezinto olungavaniyo nazo, lunike ukutya kweentsana.
Iintsana aziziyeki lula iibhotile. Ngoko nokuba selusitya ukutya okuqinileyo, luyaqhubeka nokuncanc' ibhotile. Akukho ngxaki xa umntwana engekawugqibi unyaka yaye engayeki ukutya afune ibhotile kuphela.
Xa ungakwazi ukumyekisa ibhotile, mselise ubisi ngekomityi yabantwana. Kwakhona yenza ukutya kwakhe kubekuhle, kuthi 'ndithe' yaye kube kunesondlo.
BONA XHOSA - July 2006
Okoomama nootata....
Ukutya okungavaniyo neentsana
Iimfuno zesondlo zosana ziyaneliswa lubisi lwebele de lube neenyanga ezintandathu. Ukulunika ukutya kweentsana lusengaphantsi koko kungalwenza lube nezinto olungavaniyo nazo ezingalwenza lurhawuzelwe ngumzimba, lungonwabi okanye lusoloko lulila.
Kukho nokutya okungangevani nalo nokuba selugqithile kwiinyanga ezintandathu. Oko kubangelwa kukuba umetyiso wosana ungekakhuli ngokwaneleyo ngoko usenezinto ongavaniyo nazo. Kodwa ungalutyisa oko kutya emva kweenyanga ezimbalwa.
lUbisi lwenkomo: Inkoliso yabantwana abaselula abevani nelactose nto leyo ithetha ukuba abanako ukwetyisa iiswekile eziselubisini lwenkomo.
lAmandongomane: Nakuphi na ukutya okunamandongomane angakuphiwa xa eneminyaka emithathu xa usapho lunembali yokutya olungevaniyo nako. Amandongomane bamawanikwe abantwana xa beneminyaka esixhenxe kuba kungenzeka bomiwe.
lUbusi: Bunezinto ezingamtyhefa umntwana aze abe neengxaki zokuphefumla nobu-ethe-ethe bezihlunu aze afun' unyango.
u
t
Ukumelana
nomsindo womntwana
NGOKUYA abantwana befunda ngezinto ezibangqongileyo bafun' ukukhokelwa ngumama notata ngokubaxelela okungalunganga, okulungileyo, okukhuselekileyo okanye okuyingozi. Usenofumana ukuba umntwana akathandi xa umxelela ukuba makayeke ukwenza into. Aze abenomsindo - alile, atsho ngesikhalo yaye akhabe kwanto iphambi kwakhe!
Xa usohlwaya umntwana wakho kufuneka uyazi injongo yokumohlwaya, uqinisekise nokuba awumonzakalisi emphefumlweni okanye enyameni. Zikho iindlela zokumelana nomsindo wakhe ngaphandle kokumngxolisa okanye ukumqhwaba ngempama!
Xa ungumzali kufuneka uzibone ngendlela yomntwana wakho izinto. Oko kuya kukunceda wazi ukuba yintoni emenza abe nomsindo.
Udano, ukudakumba, uloyiko, nokusoloko usithi "Hayi!" kwakho kwizinto azenzayo kungamenza abe nomsindo.
Zama ukuthetha naye kakuhle ungamngxolisi umoyikise nangokumbetha. Kungenzeka akuxelele ukuba yintoni emenza abenomsindo. Xa ekuxelela, mbalisele ibali lento owayenzayo wena usengumntwana xa wawukwimeko efana neyakhe.
Ukuthetha naye kusenokungancedi maxa wambi kuba etsho ngesikhalo ekhaba kwanto iphambi kwakhe.
Sisenokunganyamezeleki isikhalo sakhe, kodwa ukumngxolisa akuncedi. Mbeke elisweni ukuze angazenzakalisi, ungakuhoyi ukukhala kwakhe. Emva komzuzwana uza kuyeka ukukhala kakhulu, alile nje.
Yenza kube mnandi ukwenza izinto angazithandiyo. Xa engathandi ukuhlamba ngokuhlwa, mthengele izinto zokudlala xa esemanzini. Xa engathandi ukuxukuxa amazinyo, dlalani umdlalo wokuxukuxana amazinyo.
Okoomama nootata....
t
t
EBUSIKA kuyabanda kwaye zingaba yingozi eziny' iindlela esizisebenzisayo zokuzifudumeza. Nokuba uhlala emzini okanye kwiflethi ekwisakhiwo esiphakamileyo, ukufundis' abantwana ngeengozi zomlilo kungasindis' ubomi babo. Bafundise neendlela zokupheph' ingozi xa kusitsha.
Qinisekisa ukuba isitovu nehitha zicinyiwe xa nilala. Ungavumeli abantwana basebenzise isitovu bebodwa kuba bangazitshisa.
Xa ukhanyisa ngamakhandlela qinisekisa ukuba uyalicima xa nilala. Iinombolo zomnxeba zamaxesha kaxakeka mazibe kufutshane nefowuni, neyakho inombolo ibekho ukuze abantwana bazi ukuba mabafowunele bani xa kukho ingxaki.
BONA XHOSA - July 2006
Uncuthu lobisi!
ABATSHO abantwana bakho ukuba "alunamdla" ubisi? Abanakuphide batsho ngoku njengokuba sekukho iSipahh yakwaStrawtech.
ISipahh sistro sokucela ubisi esilwenza lube nencasa emnandi. Uyasivula nje usifake elubisini uze umunce emva koko uthi ''Ahh!" Kaloku iSipahh sistro esinencasa esijika incasa yobisi.
Ngaphezulu koko le ncasa ineswekile engaphantsi kwesiqingatha setispuni.
Esi stro sifumaneka ngeencasa ezine - ichocolate, istrawberry, icaramel nebhanana - kwaye asifakwanga zigcinakaliso okanye zijiki-bala. ISipahh ingasetyenziswa nangabantwana abangavaniyo nelactose kuba asinangxaki xa usela ngayo ubisi lwesoya okanye olwebhokhwe.
Usalinde ntoni ke? Yivule uyifake elubisini uze umunce! [x]
Okoomama nootata....
Khusela usapho lwakho kobu busika
