XHOSA.1769.lettersnov
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Iiteksi
Abaphembeleli bodushe lweeteksi kufuneka bagwetywe kanobom kuba babek' ubomi babantu abamsulwa esichengeni.
Aba bantu abakhathali nokuba iteksi inabakhweli basuke badubule umqhubi nto leyo yonzakalisa kungenjalo ibulale nabakhweli.
Xa lungenakupheliswa udushe lweeteksi kubhetele urhulumente azivale iiteksi, abantu bakhwele oololiwe neebhasi qha.
nguZP, eMount Frere
Mnu Mbeki, konakele phi"
Inde indlela esiyihambileyo ukuze siphume kucalu-calulo. Saphumelela ebunzimeni ngenxa yokubambisana, salwa nengcinezelo yabamhlophe sibambisene.
Kwenzeka ntoni ngoku" Xa sakwazi ukulwa nengcinezelo yintoni esixakileyo ekulweni nendlala neAIDS"
Kuthiwani ngolwaphulo-mthetho"
Ndiyoyika nokuhamba ebusuku - andoyiki ziporho! Ndoyik'abantu!
Bayaphi ubuntu kuMzantsi Afrika "okhululekileyo""
nguLunga Mnwana, eKhayelitsha
Masihloniph' abazali
Masihloniphe abazali bethu abasikhulisa nzima...
Masihloniphe bonk' abantu abadala. Ngaloo ndlela siza kube siqinisekis' ukuba nathi siza kuhlonitshwa ngeny' imini.
Xa ujong' indlela ezenzeka ngayo izinto uyazibuza ukuba ngaba yile nkululeko sasiyilwela na le"
Masiqale siyek' utywala size sizakhele ikamva eliqaqambileyo.
Urhulumente wethu usivulel' amathuba esasiwavinjwa yaye kukuthi ukuba siwasebenzisa njani na. Abazali bethu basibonisil' indlela, masilandele ekhondweni.
nguAmos Mdlalose, Eshowe
Iigranti zikarhulumente
Abantu bathetha abayeki ngegranti yabantwana evela kurhulumente. Andiyazi ukuba kanye iphi ingxaki kuba umthetho awuphunyezwa kungavunyelwananga ngawo epalamente kuqala. Babekade bethulele ntoni abantu"
Ingxaki yezi granti kukuba abantu bayazixhaphaza. Ndicebisa ukuba urhulumente wethu akhe imizi-mveliso khon' ukuze kuvuleleke amathuba emisebenzi kuba ezi granti ziza kuphela kungekudala.
nguLungile Ntshangase, eEstcourt
Sinayo yonk' into
Ukunyamezela nokuzimisela sisiseko sempumelelo. Xa usenza umhlobo wakho esi siseko uza kuphumelela!
Nditsho kuba sihlala sisiva ngokubulawa nokudlwengulwa kwabantu, ubusela, ukuxhonyiswa, ubuhenyukazi nobundlobongela. Nokuba zitshabalalisa kangakanani na ezi zinto umntu ozimisele ebomini uphumelela nokuba kunjani na!
Sinayo yonk' into esiyifunayo ukuze siphumelele.
nguMichael Makola, eMidrand
Ukungaqondisisi
Kukho ukungaqondisisi okukhoyo ebantwini. Sifuna uncedo emazweni eG8 kodwa thina siyafuna na ukunceda abany' abantu"
Abantu baseMzantsi Afrika bayahlupheka kodwa bambalwa kakhulu ababancedayo. Xa singancedani thina sodwa silufuna njani uncedo kwabanye abantu"
Masibe nenceba! Sihlala kwilizwe elinye ngoko masibambisane sincedane.
nguAndrew Mothatsi, ePotchefstroom
Ileta ezuze i- R100
Umyalezo obhekise kubazali
UNINZI lwabazali bethu basalibona isondo njengenyala ekungafanelanga kuthethwe ngalo - nto leyo yenza bangafundiseki abantwana.
Abazali ngabo abakhumbula ukukhula kwezinyo lokuqala ebantwaneni babo. Ngabo abakhumbula iintsuku zethu zokuqal' isikolo. Kodwa abafuni nokuwuphatha umba wesondo.
Kungenxa yaloo nto uninzi lolutsha luphambuka endleleni. Alwazi ukuba lulindele ntoni na okanye lutsho njani ukuba hayi.
Akufanelanga ukuba iyenzeka le nto ingakumbi kweli xesha libi kangaka apho isondo linobungozi obukhokelela ekufeni.
Thethani ngesondo nabantwana benu, bazali. Musani ukucinga ukuba xa nithule ezi zinto ziza kuphel' emehlweni.
Nani bantwana, phulaphulani abazali benu ningacingi ukuba nikrele-krele kunabo.
nguPetunia Senong, eMarble Hall
Iileta Zenu
Zingce ngesiqu sakho
Umyalezo obalulekileyo...
ZINGCE ngento oyiyo nento oyiphiwe nguThixo. UThixo wasidala ngokufanayo yaye wayesazi ukuba usibekele ntoni. Akacaphukeli mntu uThixo njengoko ndikhe ndeva abany' abantu besitsho. Abantu abafana nam abaziinkawu abamkeleki ebantwini yaye bayathukwa. Musani ukusicalula! Nathi singabantu njengani.
Ndifun' ukuthi kumlisela nomthinjana ofana nam, zingceni ngezinto enizizo. UThixo wayengasokuze asidale ukuba wayesicaphukela. Masiyazi ukuba ubomi bunamajingi-qhiwu yaye indlela eya elonwabeni inameva iyahlaba.
nguSM, eNewcastle
BONA XHOSA - November 2005
Viva BONA Empowerment!
Viva BONA Empowerment! Enkosi ngale projekthi exhobisa abafundi. Ndinqwenela ukuba ize naseNtshona Koloni kuba thina apha sikude neJoburg naseThekwini. Singathanda nokuxhotyiswa ngeendibano ezifundisa ngokupheka nokubhaka.
nguMP, ePaarl
u
Iileta Zenu
t
BONA XHOSA - November 2005
Imililo yamadlelo
Mabayeke abantu ukutshisa amadlelo kuba le mililo itshabalalisa yonk' into ehlala kuwo.
Le yingxaki enkulu ezilalini. Zininzi izinto ezitshatyalaliswa yimililo yamadlelo kuquka amakhaya, imithi, iipali zombane nezilwanyana zasendle.
Le mililo iyingozi nakubaqhubi bezithuthi kuba kaloku umsi uyayivala indlela ingabonakali.
Xa ubon' umntu eqal' umlilo, mxele emapoliseni!
nguTT, eQueenstown
Ungalisebenzisa igama ozithiye lona xa usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo siza kuzipapasha.
NDIYAKONWABELA ukufund' imagazini yenu. Ndilithandil' ibali lentwazana yaseEthiopia eyahlangulwa ziingonyama (Agasti 2005). Livakala ngathi yintsomi kodw ndilonwabele.
nguAD, eBloemfontein
LINDIKHUTHAZILE ibali likaSimphiwe Dana ngobuzali (Julayi 2005). Kumnandi ukuva ukuba zikho iimbalasane ezaziyo ukuba yintoni ebalulekileyo ebomini!
nguPC, eGcuwa
ENKOSI ngamanqaku enu okupheka ndiyawonwabela kakhulu. Iiresiphi zenu zinik' umdla, kulula ukuzenza yaye ziyafikeleleka. Ndiyayithanda kakhulu loo nto! Kutheni le nto ningakhuphi incwadi eyodwa yeeresiphi zeBONA"
nguDF, eThekwini
ENKOSI ngokuthath' ixesha lenu nibhale ngomngcwabo kaMakobo Caroline Modjadji VI (Agasti 2005). Loo nto yasibonis' ukuba sinayo into esiza kumkhumbula ngayo.
nguAK, eTzaneen [x]
