xhosa.1750.hearing
Ngaba umntwana wakho uva kakuhle"
INKOLISO yeentsana ziyeva zikwazi nokuphulaphula zisandul' ukuzalwa. Zifund' ukuthetha ngokulinganisa izandi zezinto ezizivayo nangokulinganisa amazwi abazali nabagcini bazo. Kodwa oko akwenzeki kuzo zonke. Ezinye zizalwa zizizithulu okanye zingeva kakuhle. Ukanti ezinye ziya zingeva ngokuya zikhula.
Lumele luvavanywe nini usana lwam ukuba luyeva na"
Lumele luvavanywe kwinyanga yokuqala. Xa kukho urhano lokuba aluva kakuhle, qinisekisa ukuba lwenziwa uvavanyo yingcali yogqirha wokuva zingaphelanga iinyanga ezintathu luzelwe. Xa kufumaniseka ukuba ngenene aluva kakuhle, kubalulekile ukufumana iingcebiso nokuqwalasela ukusebenzisa izinto eziya kulunceda luve kakuhle namanye amacebo zingaphelanga iinyanga ezintandathu.
Kungani kubalulekile ukuvavanywa kwangoko kosana lwam ukuba luyeva na"
Kaloku elona xesha libalulekileyo afunda ngalo ukuthetha umntwana yiminyaka emithathu yokuqala. Eneneni abantwana bafunda kwiinyanga zokuqala ezintandathu ukuthetha. Uphando lubonisa ukuba abantwana abangeva kakuhle baze bafumane uncedo bafunda ukuthetha kakuhle kunabo bangakhange balufumane uncedo.
Angavavanywaphi ukuba uyeva na umntwana wam"
Izibhedlel' ezininzi ziyazixilonga iintsan' ezisandul' ukuzalwa ukuba ziva kakuhle na. Ezinye zixilonga iintsana ezizibona zisesichengeni kuphela, njengeentsana ezizelwe zincinane kakhulu okanye zingaphilanga. Nokuba usana luzelwe kungekho nto irhanisayo ukuba aluva kakuhle, ukuxilongwa kubalulekile kuba nenkoliso yezizelwe zingekho sichengeni sokungeva zibanayo ingxaki yobuthulu.
Buza esibhedlele ukuba saluvavanya na olwakho. Xa sele usekhaya nosana lwakho ube ungaqinisekanga nokuba lwavavanywa na, yiya kubuza esibhedlele okanye kwiklinikhi owabelekela kuyo. Xa lungazange luxilongwe, yenza idinga lokuba luye kuxilongwa ingaphelanga inyanga luzelwe.
Ndithini xa ukuxilongwa kubonisa ukuba lunengxaki"
Xa uvavanyo lubonisa ukuba aluva kakuhle, inyathelo elilandelayo lelokwenza idinga nogqirha oyingcali yokuva oya kujonga ukuba uphi undonakele nokuba mkhulu kangakanani. Xa ukwenza oku lusandul' ukuzalwa usana, luya kufuman' uncedo ukuze lufunde ukuthetha nokuqhagamshelana.
Ndingambona umntwana oselethe dlundlu ukuba akeva kakuhle"
Kunzim' ukubona umntwana oselula ukuba akeva kakuhle. Abantwan' abangeva kakuhle badla ngokuncedwa kukubona nokuphatha kwiindawo abahlala kuzo, kwaye ezo zinto zingabufihla ubuthulu babo.
Iingxaki zobuthulu zidla ngokungabonakali de umntwana abeneenyanga ezili-12 ukuya kwezili-18, xa kufanele aqale ukuthetha. Kuba ngabazali, abagcini babantwana okanye oomakhulu babo ababaqaphela kuqala.
Nkqu nokuba umntwana wakho wayexilongiwe ukuba uva kakuhle na, ziqwalasele iimpawu zokuba uva kakuhle.
Iimpawu ezingakwenza ukrokre ukuba usana lwakho aluva
Alothuswa yingxolo enkulu xa lunenyanga enye luzelwe, okanye alujiki lujonge kwicala evela kulo ingxolo xa luneenyanga ezintathu ukuya kwezine.
Alukuva xa uthetha de lukubone.
Luyacotha xa luthetha, kunzima ukulandela okanye aluwatsho amany' amagama njengelithi 'tata' okanye 'mama' xa lunonyaka.
Alusabeli lonk' ixesha xa lubizwa.
Lubonakala luziva eziny' izandi, ezinye lungaziva.
Lubonakala lungeva kakuhle kwaye lunengxaki ukuphakamisa intloko okanye kunzima ukuhlala okanye ukuhamba lungancediswa.
Xa umntwana wam engeva kakuhle, angancedwa njani"
Unyango luxhomekeka ekubeni yintoni ingxaki. Ziliqela izinto ezincedayo ebantwaneni abangeva kakuhle. Ingcali yokuva iya kukucebisa ngento elungele umntwana wakho. Ezinye zinceda umntwana eve eklasini ukanti ezinye ziyamnceda eve xa ethetha nefowuni okanye xa ebukele umabonakude.
Ndingamnceda njani umntwana afunde ukuqhagamshelana nabantu"
Abazali kufuneka basoloko bethetha nomntwana osisithulu okanye ongeva kakuhle. Abantu abagcin' umntwana wakho bafanele bamnike ingqwalasela enkulu, bamphathe, bamjonge, bamncumele, kwaye bamsabele ukususela ngemini yokuqala.
Izinto ezincedayo uve kakuhle ziya kumenza akwazi ukuva nokuqonda ukuba abanye bathini.
Ndingamnceda njani umntwana wam aphumelele xa engeva kakuhle"
Xa befumen' uncedo kwangoko abantwana abazizithulu nabangeva kakuhle bangakufunda ukuthetha bakwazi nokuqhagamshelana nabany' abantu njengabantwana abeva kakuhle.
Fumana iindawo ezinganceda umntwana wakho kwingingqi yakho yaye zigcine unolwazi ngezinto ezintsha ezingamnceda.
Ngaba umntwana wam uya kutsala nzima esikolweni"
Nabantwana abazizithulu okanye abangeva kakuhle bangaqhuba kakuhle esikolweni nasentlalweni njengababantwana abangenangxaki. Nawe mzali ungaba nenxaxheba enkulu ekuqinisekiseni oko. Fumana ukuba isikolo aza kufunda kuso sinamalungiselelo ayintoni ukunceda abantwana abangeva kakuhle. Thetha nabazali abanabantwana abanengxaki efanayo neyowakho.
Ndingalufumanaphi olunye ulwazi"
Ungatsalela umnxeba kwiDeaf Federation of South Africa (DEFSA) ku-011-482-1610 ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe ngeengxaki zokungeva. [x]
Ingxaki yobuthulu
u
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS kufote uCLIVE THOMPSON
Xa umntwana wakho engeva kakuhle kubalulekile ukuyisukumela ngokukhawuleza loo meko ukuze afunde ukuthetha nokuqhagamshelana nabany' abantu
Zonk' iintsana mazihlolwe ukuva kwazo kwinyanga yokuqala zizelwe.
BONA XHOSA - December 2005
t
Zininzi izixhobo ezinceda izithulu
BONA XHOSA - December 2005
