Xhosa.1104.yourceleb_10q
IMIBUZO
kaXoli Zondi
LO MLINGANISI UDLALA INDAWO KAWINNIE KUMDLALO OTHI Family Bonds KWAYE USIXELELA UKUBA KUNJANI UKUBA YINDUMASI NOKUBA ZEZIPHI IINDWALUTHO AZITHANDAYO
1. Wazalelwa, wakhulela phi"
EHammarsdale, eKZN - ngoku ndiseMelville eJoburg.
2. Wakukhethiswa yintoni ukuba ngumlinganisi"
Yinto ekudala ndifuna ukuyenza. Kudala ndikuthanda ukuba ngumlinganisi.
3. Yayikho into yesibini owawufuna ukuyenza"
Ewe, kukuba yintatheli. Eneneni, ndaqala andakwazi ukwenza idrama emva kwebanga leshumi, ndaza ndenza izifundo zobuntatheli kodwa andazigqiba.
4. UWinnie kwiFamily Bonds ngumlinganiswa wakho wokuqala we-TV. Ingaba abantu bayakuvuyela"
Ewe, ingakumbi eKZN.
5. Butshintshe njani ubomi bakho"
Kufuneka ndilumke ndikuqaphele endikuthethayo, kuba ngoku abantu bandijongile kwaye bakuthathel' ingqalelo endikuthethayo. Enye into abantu xa bekubona umel' uziphathe kakuhle!
6. Yeyiphi indumasi owaqala wadibana nayo"
NguBrenda Fassie.
7. Uyahlekisa ebomini benene"
Hayi, andiqondi, kodwa ndiyakwazi ukubagcina benomdla abantu kwaye ndingabenza bahleke ngaloo maxesha.
8. Unjani uBongo ohlekisayo ebomini benene"
Uyahlekisa, unobubele, nentliziyo entle.
9. Ngowuphi umlinganisi ongathanda ukuba akutyikityele"
Kweli, nguJamie Bartlet, odlala uDavid Genaro kuRhythm City. EHollywood, nguDenzel Washington.
10. Uthanda ukuduma kweyiphi inkqubo yeTV"
IRhythm City.
Umqulunqi: Ntokozo Maseko
INCOKO NENDWALUTHO
