xhosa.172.legalmar
Iingxaki Zomthetho
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
Uxinzelelo emsebenzini
INGXAKI: Umlawuli wam emsebenzini usoloko endingxolisa. Ndicele ilungu elimele umbutho wabasebenzi ukuba lithethe naye kodwa loyisakala ukumcenga ukuba athethe kakuhle nam. Ndifun' ukuyeka emsebenzini kuba ndiphil' ubomi bentshontsho. Ingxaki kukuba ndiyayifun' imali.
Ummeli wombutho undixelele ukuba umlawuli wam ugrogrise ngokundigxotha kuba olu xinzelelo ndikhala ngalo lwenza ndingawenzi kakuhle umsebenzi wam! Ndithini"
ICEBISO LAKWASCORPION: Xa ushiya emsebenzini ngoku kuza kufuneka ushiye ngenxa yento ebizwa ngokuba "kukukhokelelwa ekushiyeni emsebenzini." ILabour Relations Act iyichaza ngolu hlobo "ukushiya emsebenzini ngenxa yokuphathwa kakubi ngumqeshi."
Kufuneka ubungqina bokuba ngenene umqeshi uyenze yaba maxongo imeko yokusebenza yaye awunacembo limbi ngaphandle kokuba ushiye emsebenzini.
Bhalela umqeshi wakho ileta uxele iingxaki zakho, amanyathelo owathabathileyo nombutho wabasebenzi ukuzama ukufumana isisombululo kule ngxaki.
Kufuneka umnike ixesha ukuze athabathe amanyathelo afanelekileyo ukulungisa le ngxaki yakho nomlawuli wakho. Mxelele umqeshi wakho ukuba uza kushiya emsebenzini xa ingalungiswa le ngxaki kwiintsuku ezintathu ubuncinane uza kunyanzeleka ukuba ushiye emsebenzini ngenxa yokuphathwa kakubi ngumlawuli wakho.
Kubalulekile ukuba ubonise ukuba uzame ngako konke okusemandleni akho ukuyisombulula le ngxaki. Ungabonisa nokuba ubonene nomanejala wemicimbi yabasebenzi okanye nengqonyela yenkampani ukuzama isisombululo yaye sikucebisa ukuba ubonane naba bantu ngaphambi kokufak' isicelo sokushiy' emsebenzini.
Abaqeshi banyanzelekile ukuba bazilumkele izinto ezenza abasebenzi babe noxinzelelo oluza kubachaphazela emsebenzini.
Umthetho uthi umqeshi makamphandisise unobangela woxinzelelo kubaqeshwa. Xa kufumaniseka ukuba uxinzelelo awunako ukuluthintela kodwa abasemagunyeni bangaluthintela (njengomlawuli okuphatha kakubi) umqeshi uyanyanzelwa ngumthetho ukuba ayisombulule ingxaki ngaphambi kokugqiba kwelokuba awukwazi ukuwenz' umsebenzi.
Xa ungalifumani igqwetha okanye umnxulumanisi wemisebenzi qhagamshelana ne-ofisi yeScorpion siza kukunceda ufumane umntu oza kukumela. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
BONA XHOSA - March 2007
OFOTIWEYO UYABONISA NJE
