XHOSA.1702.cells
IBONA iyaphanda
Kuthiwa amapolisa endlela aseMzantsi Afrika ophula umthetho rhoqo ngokubamba abaqhubi beemoto abanamatikiti engenazo izigunyaziso ezithi mababanjwe. Ngaba ziyinyaniso ezi zityholo" Ngaba azama ukuba ngqongqo kwizaphuli-mthetho, okanye ngumkhwa oyingozi ongenza kuphathwe gadalala abaqhubi beemoto abamsulwa" Bathini bona abasemagunyeni ngezi zityholo"
ZOTHUSE umzi iindaba zokuba amapolisa endlela kamasipala waseThekwini aguqule ikhitshi elikwiiofisi zawo alenza isisele sokuvalela abaqhubi beemoto abanamatikiti angahlawulwanga. Iintatheli zithe zakuva ezo ndaba zafun' ukuqonda ubunyani bazo kuMike Sutcliffe onguMphathi wedolophu yaseThekwini.
Kuthiwa eso sisele "nokubanjwa" kwabaqhubi akukho mthethweni.
Imibuzo yeentatheli ayikhange ifumane mpendulo, kodwa kuthiwa akuphelanga yure zingaphi emva koko lwakhutshwa ucango lwentsimbi kweso sisele kwabhalwa ukuba elo gumbi lelokulinda.
INtloko eBambeleyo yamaPolisa kaMasipala, uTitus Malaza, uphikile ukuba elo gumbi belisisisele xa ebenodliwano-ndlebe nephepha-ndaba iThe Mercury.
Emva koko uye waguquka wathi. "Asivaleli baqhubi beemoto apha koko sigcina abaqhubi beeteksi abanamatikiti angahlawulwanga. Bahlala apha balinde abanini beeteksi, bancedwe nangendlela yokuqhagamshelana nabo," unyhwalaze watsho.
Emva kokuva oko iBONA iphume iphulo lokufumana abantu abakhe bagcinwa kwelo gumbi.
Sicele ukubona incwadi ebekubhalwa kuyo abantu abakhe bavalelwa kwelo gumbi, sacela nokubona iincwadi ezazigunyazisa ukuba babanjwe.
Kuthiwe uMphathi weSixeko uMike Sutcliffe uyayiphanda le nyewe, ngoko sifanele isicelo sethu sisibhekise kuye.
Sithumele imibuzo yethu eJamani apho uSutcliffe ebesonwabela imidlalo yeNdebe yeHlabathi. Kodwa asifumananga mpendulo.
Nangona singalufumananga uncedo lukaSutcliffe nolwamapolisa kamasipala asezikhundleni eziphezulu, siphumelele ukufumana nokuthetha nabaqhubi beemoto abakhe bavalelwa kweli gumbi bengalindelanga...
Ubengawazi amalungelo akhe
Ibali likaMagcaba
Mhla uWilliam Magcaba wayesiya kuqala umsebenzi omtsha wokuqhuba imoto ediliva iimpahla ngoOktobha wanyakenye, wayengazi ukuba uza kubanjwa aye kuvalelwa kwiiofisi zeDurban Metro Police imini yonke.
"Ndamiswa ngamapolisa kamasipala, ajonga ilayisensi yam emva koko athi ayandivalela ngenxa yamatikiti endingawahlawulanga," utshilo lo tata wabantwana abane oneminyaka engama-43.
Wavuma ukubanjwa kuba wayengawazi amalungelo akhe. Loo mapolisa akazange ambonise incwadi egunyazisa ukuba abanjwe (iwaranti) njengokuba kufanelekile.
Nokuba ayenayo, ayefanele amse kwisikhululo samapolisa eSAPS esikufutshane okanye kwinkundla ekhuphe loo waranti. Kodwa amthatha amsa kwiiofisi zawo, afika amvalela khona.
"Ndandingawazi amalungelo am, ngoko ndavuma ukubanjwa," utsho uMagcaba.
Yayingekho mthethweni nento eyenziwa ngamapolisa kwiveni eyayiqhutywa nguMagcaba.
Ayiqhuba nezo mpahla aya kuyigcina kwindawo kamasipala yeemoto ezibanjiweyo, athi akanakuyikhulula de kuhlawulwe amatikiti akhe.
UChris Felton owayengumqeshi wakhe wazama wancama ukuba ikhululwe iveni yakhe.
"Athi amapolisa ayinakukhululwa iveni yam engekahlawulwa amatikiti omqhubi wam," utsho uFelton.
Loo matikiti kaMagcaba wayewanikwe kudala ebanjwe eqhub' imoto yenkampani ayesebenza kuyo eyayingakulungelanga ukuba sendleleni kwaye wawanika umqeshi wakhe ukuze awahlawule.
"Kwanyanzeleka ukuba ndihlawule amatikiti enye inkampani ukuze kukhululwe iveni yam nomqhubi wayo," utshilo engaxolanga uFelton.
Yayingekho iwaranti
Ibali likaAnthony
"Kwakumalunga no-7.30 kusasa ngomhla we-15 kuMatshi walo nyaka. Ndemiswa ngamapolisa endlela kamasipala acela ilayisensi yam," utshilo uLeon Anthony oneminyaka engama-43.
"Athi kukho amatikiti endingawahlawulanga, aza athi ayandibamba ngenxa yaloo nto. Athatha isitshixo semoto yam andivalela evenini yawo.
"Akazange athethe ngewaranti yokuba ndibanjwe, kwaye nam andizange ndifumane isamani ngenxa yaloo matikiti, kodwa kuba ndandingawazi amalungelo am ndavuma ukungena kwinqwelo yamapolisa.
"Emva kweeyure ezimbini ndivalelwe apho nabany' abaqhubi abamalunga nama-20, sasiwa kwi-ofisi yamapolisa kamasipala, safika savalelwa esiseleni.
"Andizange ndiziboniswe izityholo zokuvalelwa kwam, kodwa kwathiwa ndinamatikiti amathathu ayi-R450 ewonke."
IBONA ibuze uAnthony ukuba wayevalelwe esiseleni na okanye wayehleli nje "kwigumbi lokulinda".
"Sasivalelwe esiseleni, kutshixiwe emnyango isithuba esingaphezulu kweyure. Ndacel' ukuvulelwa ukuze ndiyochama, kwaliwa.
"Ndavulelwa kuba ndisithi ndiza kuchama phantsi apho. Ndakhatshwa lipolisa ndayochama labuya landivalela," utshilo.
Wakhululwa uLeon kusakufika umhlobo wakhe wamhlawulela i-R450, kwaye wazenzela icebo lokuya kulanda imoto yakhe apho zigcinwa khona.
"Abasebenzi bam abazange baphangele ngaloo mini, ngoko ndalahlekelwa yimali engaphezulu kwe-R450," utshilo ekhathazekile.
IBONA ihambe noAnthony ukuya kwii-ofisi zamapolisa kamasipala ukuya kujonga incwadi eyayigunyazisa ukuba makabanjwe. Sifike sathetha namapolisa amabini nawo angayifumani loo ncwadi.
Isehlo esibi
Ibali likaBullock
NgoNovemba wanyakenye, uZamo Radebe osebenza noMagcaba uthi wamiswa ngamapolisa kamasipala, ambamba engambonisanga iwaranti yokuba abanjwe.
Naye uthi wayengafumananga isamani - amatikiti ayebanjelwa wona ngawomntu awamthengisela imoto yakhe.
"Ndafakwa evenini ndaya kuvalelwa kwisisele samapolisa akwamasipala nabanye abaqhubi ababemalunga nama-20.
"Athi ndiya kukhululwa yakuhlawulw' i-R900 yamatikiti am."
Wafowunela emsebenzini waza uAngela Bullock waya kumhlawulela loo mali.
"Ndathi xa ndiye kuhlawula loo mali kwii-ofisi zamapolisa kamasipala, ipolisa endathetha nalo lacela ukubona i-ID yam.
"Ndalinika laza lathi 'nawe kukho iwaranti yokuba ubanjwe,' laza landivalela kweso sisele namadoda.
"Alizange lindibonise iwaranti kodwa igama elalisecaleni kwenombolo yam yeID kwakulelendoda entsundu, kwaye loo mntu wayeqhuba iJetta eluhlaza eneenombolo-mbhalo endingazaziyo.
"Ndalixelela ukuba asilogama lam elo nokuba loo moto andiyazi, kodwa alizange liphula-phule lathi ityala lam yi-R1 200 kwaye ndiza kuvalelwa apho de ndihlawule.
"Ndathi ndifun' ityala liye kuthethwa enkundleni, lathi ndiza kulala kweso sisele baya kundisa enkundleni ngengomso.
"Ndalila ndafowunela umqeshi wam - wafika wayihlawula loo mali.
"Akazange avume ukungena kuba esoyika ukuba naye baya kumbamba bamvalele, ngoko ndacenga amapolisa ukuba andise kuye emotweni ngaphandle ndiye kulanda imali!"
Abaqhubi beeteksi
UZakhele Ngidi uliGosa loNxibelelwano (iPRO) leClermont and KwaDabeka Taxi Association, enabaqhubi abangama-500.
"Oku kwenzeka lonke ixesha. Amapolisa kamasipala amisa iiteksi, abambe abaqhubi engenazo iiwaranti, athathe neeteksi ayozivalela.
"Ingxaki ke kukuba umqhubi sukuba engenguye umnini weteksi, kwaye loo matikiti abanjelwa wona sukuba engamchaphazeli umqhubi.
"Ajonga nje inombolo-mbhalo yeteksi. Kuyenzeka umqhubi avalelwe iintsuku ezimbini nangaphezulu eziseleni zamapolisa endlela kwaye esaa sisele 'asiyondawo yokulinda' njengokuba esitsho amapolisa.
"Kuvalelwa umqhubi neteksi igcinwe de kufike umnini wayo ahlawule amatikiti."
Amalungelo akho
Ngokomthetho amapolisa kamasipala angabamba kuphela umqhubi ongawahlawuliyo amatikiti akhe xa enencwadi ewagunyazisayo ukuba ambambe.
Inkundla yamatyala iyikhupha loo ncwadi xa uthunyelelwe iisamani zokuba uze enkundleni, waza wangezi.
Amatikiti ancanyathiselwa ezifestileni zeemoto neesamani ezithunyelwe ngeposi azithatyathwa njengezithunyelwe ngendlela eyiyo.
Xa abaqhubi bengawahlawuli amatikiti, luxanduva lwamapolisa endlela ukuthumela uMthunywa weNkundla ase isamani emzini womqhubi okanye apho asebenza khona, nalapho kubekho umntu osayinayo ukuba uzifumene ngaphambi kokuba zibe semthethweni.
Xa umntu engazisabeli ezo samani, okanye engalihlawuli itikiti lakhe, inkundla ingakhupha incwadi egunyazisa ukuba abanjwe. Loo ncwadi ke kufuneka ayiboniswe xa ebanjwa. Amapolisa endlela akanazo izisele zokuvalela abantu, akanalungelo futhi lokukulindisa ecaleni kwendlela esafuna ikopi yencwadi ethi banjwa, kwaye kunjalo nje akafanelanga akuvalele evenini abe eqhubeka nokubamba abanye abantu.
Kwakhona afanele akuvumele ufune omnye umqhubi oza kuthatha imoto yakho, okanye xa kungenakwenzeka oko kufuneka kufowunelwe amapolisa eSAPS, ukuze akufunele umntu oza kulanda imoto yakho.
Umthetho uthi amapolisa endlela kufuneka akubambe akuse kwisikhululo samapolisa olwaphulo-mthetho okanye kwinkundla ekhuphe isigunyaziso sokuba banjwa.
Unalo nelungelo lokuya kuzithethelela enkundleni, kwaye awunakunyanzelwa ukuba uhlawule imali yokuvula ityala ukuze ukhululwe. [x]
#SIBHALELE! Ngaba ukhe wabanjwa ngamapolisa endlela ngenxa yamatikiti engenancwadi igunyazisa oko" Ngaba wakhe waphathwa "gadalala" ngamapolisa kamasipala" Sibhalele usibalisele okwenzekileyo!
Bhalela kule dilesi: Iincwadi Eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060, South Africa.
BONA XHOSA - August 2006
kubhale kwafota uGAVIN FOSTER
U-Angela Bullock - "wavalelwa" xa wayeyokhulul' umntu asebenza naye.
Xa kungamapolisa ophul' umthetho...
BONA XHOSA - August 2006
ULeon Anthony - ngaphandle kwendawo awayevalelwe kuyo ngokungekho mthethweni.
u
t
Wazi amalungelo akho
BONA XHOSA - August 2006
UMphathi kaMasipala weTheku uMike Sutcliffe uza kwenza uphando ngezi zityholo.
