xhosa.1677.yourstories_rape
IBALI LIKASYLVIA
Wayeneminyaka eli-13 kuphela ngexesha indoda engumyeni kanina iqala ukumdlwengula. Yaze yamkhulelisa uSylvia xa ene-14
UKUBA wawundibuze ndineminyaka eli-12, ukuba ndicinga ntoni ngotata ngendandikuxelele ukuba wayeyindoda elungileyo eyayisikhathalele nakuba nje sasingengobantwana bayo. Wayemhlamba umntakwethu xa umama engekho aqiniseke ukuba sityile kwaye siwenzile nomsebenzi wesikolo phambi kokuba silale.
Zatshintsha izinto.
Kwakungunyaka ka-2007 umama elele esibhedlela.
Umntakwethu oneminyaka esibhozo nam sasihlala etyotyombeni notata eCosmo City.
Njengesiqhelo, utata wayelala ebhedini ze mna nomntakwethu silale phantsi.
Ngobunye ubusuku, umntakwethu sele elele ubuthongo mna ndisenza umsebenzi wesikolo, utata wandicela ukuba ndize ebhedini. Wathi ufuna ukundincedisa emsebenzini wesikolo.
Kodwa ndathi ndakufika, wandibamba wandicinezela, waqala wandiphulula amabele.
Wathi kum ndikhawulezile ukukhula. Ngoku sendilibhinqa.
Intliziyo yam yaqalisa ukubetha ngamandla. Ndandingazi ukuba ndithini, kuba ndandingazi ukuba undenza ntoni!
Ndazama ukukhwaza, kodwa wakhawuleza wandivala umlomo ngesandla.
"Kuza kuba buhlunu kancinci," wandisebezela, umphefumlo wakhe utshisa endlebeni yam, "kodwa uza kude uqhele."
Wandidlwengula ephindaphinda ngaloo mini.
"Ungaxeleli mntu. Ingakumbi umama wakho. "Kuba ukuba umxelele, ndiza kunigxotha nonke," watsho!
Kamva, wandigrogrisa nangokundibulala ukuba ndikhe ndaxelela umntu ngakwenzayo.
Wayendidlwengula rhoqo xa efumana ithuba.
Umama wayazi le nto mhla ndakhulelwa.
Wathi wakundibuza ukuba ndifuna ukumthini umntwana ndathi ndiza kum-adopthisa. Kodwa emva kokubeleka, sagqiba kwelokumgcina.
UBOMI BENENE
UDLWENGULWE
nguyise
USylvia ubengekaqali nokuya exesheni ukuhlaselwa kwakhe adlwengulwe yindoda engumyeni kanina, eyathi iza kumbulala ukuba ukhe waxelel' umntu. USylvia nonina babalisela iBONA okwabehlelayo
Wathi kuza kuba buhlu-ngu, kodwa ndiza kuqhela
UMAMA KASYLVIA UYATHETHA
UReina Maguguza (34), waqala ukwazi ngokuphathwa kakubi kukaSylvia akukhulelwa
EMVA kokufumanisa ukuba intombi yam ikhulelwe, isihlobo sambizela ecaleni sabuza uyise womntwana. Kulapho ndeva ukuba ngutata wakhe.
Ndandingazi ukuba ndithini. Ndandothukile. Ndaf' isiqaqa ndaze ndasiwa esibhedlela. Kwafunyaniswa ukuba ndinemeningitis.
Ndathatha iiveki ezintathu ukubuyela empilweni kwaye kwezoveki ndandikhathazekile ngabantwana bam. Ingaba banjani" Ndiza kuthini ukuphuma kwam esibhedlela"
Ndiza kubajongelwa ngubani abantwana bam, uSylvia wam, emva kwayo yonke le nto"
Umyeni wam wabanjwa ngezityholo zokudlwengula. Ndandiziva ndinetyala kuba ndim owazisa le ndoda ebomini bomntwana wam.
Ndadibana naye ngo-2005 saza sakhawuleza emva koko sahlala kunye etyotyombeni lakhe salusapho.
Ndandicinga ukuba yindoda elungileyo. Wayengenangxaki nabantwana bam babede bathi "Tata" xa bembiza.
Wayelilungu lelocal policing forum. Wayesithi ulwa nolwaphulo- mthetho ekuhlaleni kanti uxakekile udlwengula umntwana wam.
Ngethamsanqa, abahlali babengecala lam. Bandinqandela nodadewabo xa wayezama ukundigxotha etyotyombeni.
Andikakholwa nangoku ukuba indoda endandiyithanda ndiyithembile itshabalalise ingomso lomntwana wam wamoxutha ubuntwana bakhe. Andisokuze ndimxolele. Ndifuna umthetho uthath' indawo yawo avalelwe ixesha elide.
Ndizimisele ukumlwa umyeni wam enkundleni ndenzele umntwana wam. [x]
Umbhali: Kamogelo Sebola
Umfoti: PH Photography
