xhosa.1666.legalnov2007
iingxaki zomthetho
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Ndimsulwa
INGXAKI: Ndandiphangela egaraji kumatshini wemali ndingomnye wabantu ababesebenzisa ithili kwaza kwakulahleka i-R300 umnini-garaji warhanela ukuba ibiwe ndim nomnye umqeshwa waza wasinyanzelisa ukuba senze uvavanyo lobunyaniso sobabini.
Waluphumelela lo omnye kodwa mna andaluphumelela.
Akukho phando lumbi lwenziwayo koko kwahlala intlanganiso yokolulekwa kwavezwa neziphumo zovavanyo.
Andizange ndinikwe thuba lokunik' ubungqina koko ndagxothwa.
Andizange ndiyibe loo mali kwaye ndibona ngathi aliphandisiswanga eli tyala lam. Ndiyaluthandabuza novavanyo lobunyaniso. Ndicela uncedo!
ICEBISO LAKWASCORPION:
Ukuhlala kwentlanganiso yokolulekwa kusemthethweni.
Kodwa sikwakholelwa ekubeni akwenziwanga ngendlela eyiyo kuba ukungaphumeleli uvavanyo lobunyaniso akuthethi kuthi uyibile imali elahlekileyo.
Baninzi abantu abangaluphumeleliyo olu vavanyo ngenxa yezizathu ezininzi hayi kuba benganyanisekanga.
Umatshini wokwenza olu vavanyo awukwazi ukwahlula ubuxoki nenyaniso!
Kaloku wona uveza iinguqu ezenzeka emzimbeni womntu owenza uvavanyo njengokubetha ngamandla kwentliziyo, ukubila nehayi-hayi.
Kuthiwa ezi nguqu zenzeka xa umntu exoka.
Akunjalo. Ngeliny' ixesha ezi nguqu zenziwa luloyiko lokungaluphumeleli olu vavanyo abe umntu lowo ulwenzayo emsulwa.
I-CCMA yakhupha umyalelo wokuba iziphumo zovavanyo lobunyaniso azithethinto kangako xa zizodwa ngaphandle kwaxa zikhapha obunye ubungqina.
Siqinisekile ukuba uza kubuyiselwa emsebenzini kwaye sikucebisa ukuba uye eCCMA ngokukhawuleza apho uza kufumana khona uncedo lokumangalela umqeshi wakho okugxothileyo.
Xa uhlangabezana neengxaki nceda uqhagamshelane ne-ofisi yakwaScorpion ekufuphi nawe uza kufumana uncedo. [x]
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
