xhosa.161.lettersep
Umthetho mawudlal' indima yawo
Iyandikhathaz' indlela obenziwa ngayo ubulungisa kweli lizwe - ingakumbi kwimiba yodlwengulo nenkohlakalo.
La ngawona matyala axhaphakileyo yaye enziwa yonk' imihla. Amaxhoba amsulwa eva ubuhlungu.
Umthetho mawudlal' indima yawo. Izaphuli-mthetho mazigwetywe nokuba zizizinhanha okanye ziziimbalasane!
nguKhobe Mametja, eSegopje
Ileta ezuze
Ukumitha kolutsha
KUKHO abantu abathi ulutsha lumitha kuba lufun' imali yegranti yabantwana.
Ayikho loo nto!
Ngubani ongamithela ukuhlawulwa "umvuzo" we-R190 ngenyanga"
Amantombazana aselula amitha kuba engafundiswanga yaye engazazi izinto eziyinyaniso ngobomi. Iititshala nabazali mababafundise abantwana yonk' into ngemiba yezesondo.
Ndithi kuni mantombazana: akukho mnandi ukuba ngumzali useneminyaka eli-15. Fundani kuqala niphumelele.
nguThandeka Ndlovu, eCarolina
i-R100
Iileta Zenu
Izithethe namasiko
ENKOSI ngoshicilelo lweBONA yesiXhosa elungiselelwe abantu abangasaziyo isiNgesi. Ndicela nikhe nibhale uthotho lwamanqaku ngamasiko nezithethe zakwaXhosa"
nguNompumelelo Lukashe, eJoburg
lBathini abafundi" Ningathanda na ukufunda ngamabali angamasiko nezithethe ezahlukeneyo" Asizubhala ngamasiko nezithethe zakwaXhosa kuphela koko siza kubhala ngazo zonk' iilwimi ezisemthethweni zeentlanga zelizwe lethu elikhululekileyo.
Sibhalele usixelele olwakho uluvo!
BONA XHOSA - September 2006
IBALULEKILE!
Ukhuphiswano lweeSMS
Ndingumfundi wemagazini yenu. Andiphangeli ngoko andikwazi ukungenel' ukhuphiswano ngeSMS.
Ndifumanise ukuba i-90 phesenti yokhuphiswano lweBONA lungenelwa ngeSMS.
Asivalelwa ngaphandle ke thina bantu bangathathi ntweni nabangenayo imali yokuthumel' iSMS" Kutheni nje amangenelo engaposwa"
Ndiyazi ukuba kufanele sihambe namaxesha kodwa kutheni le nto ityabula thina "mahlwempu""
nguJohn Tsima, eLynnville
UMHLELI UYAPHENDULA:
Akukho mfundi weBONA ushiywa ngaphandle kukhuphiswano lwethu.
Kulo lonk' ukhuphiswano esiba nalo umntu ungenela ngendlela yakhe, ngeSMS okanye uthumele ngeposi. Amangenelo ayadityaniswa kukhethwe ophumeleleyo. Indlela ongenela ngayo ayiwachaphazeli amathuba akho okuphumelela!
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
u
t
LUTHINI OLWAKHO ULUVO"
Impatho embi kubahlali basezilalini
ANDAZI ukuba ndingalichaza njani ihlazo nomsindo endinawo ngendlela abaphathwa kakubi ngayo abantu basezilalini.
Bahlawul' irhafu njengomntu wonke kodwa akukho zinkonzo zikarhulumente bazifumanayo bona njengabany' abantu!
Noxa sineminyaka sakhululeka kukho abantu abasel' amanzi kunye namahashe, iinkomo neebhokhwe. Abanye abanawo nombane lo neendlela zimbi.
Kodwa xa kuthiwa kuyavotwa, kuyiwa kubo bacengwe ukuba bavote khon' ukuze baphil' ubomi obubhetele.
Lusakugqith' ulonyulo akukho namnye umntu obakhumbulayo abantu basezilalini.
Lixesha lokuba kuziswe iinkonzo ebantwini!
nguMS, eWhittlesea
lNithini nina bafundi" Ngaba imeko yasezilalini isembi njengakuqala" Ngaba abantu abahlala ezilalini babona ngathi urhulumente ubaphoxile"
Ngaba akho amabali enkqubela" Ikho bethu into eyenziwayo okanye akwenziwa kwanto"
Sibhalele usixelele olwakho uluvo nawe!
BONA XHOSA - September 2006
Iileta Zenu
Wayekeni
Ndidikiwe ziileta ezibhalwa ngabafundi bekhalazela amabanjwa afuna abahlobo kwiBONA. Wayekeni amabanjwa. Bonk' abafundi banelungelo lokuphendula okanye bafune abahlobo.
Yintoni embi xa ibanjwa elililolo libhala lifuna abahlobo" Abakhohlakalanga bonke abantu abasentolongweni!
Andililo ibanjwa yaye andizange ndabanjwa ngaphambili.
nguGH, eGeorge
Ezinye zamabanjwa...
Ndicinga ukuba amabanjwa afuna abahlobo kufanele acacise ukuba afuna ntoni na kanye. Afuna abantu aza kuthandana nabo okanye afuna abahlobo aza kunxibelelana nabo kuphela"
Andiqondi ukuba ungathandana nomntu ongasoze ulifumane ithuba lokumbona.
Ungathetha naye emnxebeni kodwa akufani naxa umbona ubuso ngobuso nize nikwazi ukuchitha ixesha kunye nizonwabise.
Abantu abanabahlobo abangamabanjwa mabawanik' inkxaso bawakhuthaze ukuba aguqul' izimilo esakuphuma entolongweni.
nguLuvo Makopo, eUgie
Kuza kwenzeka ntoni"
Ngo-2010 kuza kwenzeka ntoni" Xa izinto zisenzeka ngolu hlobo ngelo xesha luya kube lubhubhe lonk' ulutsha ngenxa kagawulayo.
Ngathi siza kuphoxeka nakuloo Ndebe yoMhlaba!
nguMM, ePietersburg
Kudlalwa ngetalente"
Xa ungena kwizindlu zangasese zoluntu ufika kunemibhalo ezindongeni. Eminye ayilunganga kodwa ikho ebonisa italente yokwenene.
Nemizobo oyifumanayo apho mihle - ingakumbi leyo izotywe kwiindonga zasezidolophini ezinkulu.
Masizame ukubanceda aba bantu bazoba le mizobo khon' ukuze baphuhlis' iitalente zabo bazibonise ngeendlela ezakhayo!
nguMphikeleli Mahlangu, eLotus Gardens [x]
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
