xhosa.1618.today March
Sebenzisa le nkqubo ingezantsi ukwazi ukwahlukanisa
Amakhasi eProjekthi Bona
UMzantsi Afrika udume ngokuba neendidi ngeendidi zeentyatyambo, izilwanyana neentaka. Kwiindidi zeentaka ezingaphezulu kwama-950 eziseMazantsi eAfrika, ezili-177 zifumaneka apha kuphela. Ngamanye amazwi, i-20 phesenti yeentaka zaseMazantsi eAfrika azifumaneki kwe-zinye iindawo zehlabathi! Kule projekthi yeNatural Science siza kuchaza ngokwahlukanisa iintaka sikucebise nangendlela ongabukela ngayo iintaka.
endemic eli gama lithetha izinto ezifumaneka kwindawo ethile kuphela nezingafumanekiyo
kweziny' iindawo zehlabathi
Le nkcazo icatshulwe kwiincwadi ezithi Science TODAY ezishicilelwe ngabakwaMaskew Miller Longman. The TODAY series covers Grades 7 to Grade 9.
Yintoni i-ornithology?
ILongman Active Study Dictionary ithi i-ornithology kukufunda nzulu ngeentaka.
Inesicholo entloko
Isisila esifutshane kunomzimba
BONA XHOSA - March 2006
Ubude obuyi-13cm, iMalachite Kingfisher yeyona ntaka incinane. Umlomo obomvu oku-orenji nomzimba obhlu okumenyezelayo yeyona ibonisa iintaka ezindala.
Isisila eside kunomzimba
IBlue Crane
IBlue Crane enobude obuyimitha ukusuka emhlabeni phantse ifumaneka eMzantsi
Afrika kuphela. IBlue Crane inebala elibhlu neligreyi elikhanyayo, inomqala omde nentloko engqukuva, imilenze emide neentsiba ezinde zamaphiko ezifika emhlabeni. Itya iimbewu, izinambuzane nezilwanyana ezirhubuluzayo. Izalela emadlelweni kufutshane nendawo enamanzi. Zininzi kakhulu eKaroo, kodwa ziyabonakala nakumadlelo aKwaZulu-Natal zihamba ngambini okanye ziliqelana.
Umzimba onobude obungaphezulu kwe 20cm
Iintaka
Ubude obungaphantsi kwe-20cm
Umlomo ogobileyo
Umlomo omfutshane omnyama
Ubusazi na?
Akukho mthethweni ukugcina iintaka zasendle kwikheyiji ngaphandle kwemvume.
Ubusazi na?
Ukuba iblue crane iyintaka yelizwe laseMzantsi Afrika
Africa.
Ilungele abantwana abaneminyaka
ephakathi kwesi-8 neli-14
Umlomo ongagobanga
Umlomo omde obomvu
Ayinasicholo
Indlela yokubona iintaka
Qwalasela ezi zinto zilandelayo xa ubukele iintaka:
n Ubukhulu - ngaba loo ntaka ilingana nonondlwane, ihobe okanye iguinea fowl?
n Umlomo neenyawo - qwalasela ubude bazo, ukuma kwazo nebala lazo zombini.
n Izinto ezenzayo - ibisenza ntoni intaka? Ibihamba phantsi okanye ixhuma-xhuma?
n Ibala leentsiba zayo - injani intloko, isifuba, amaphiko nesisila?
Ngaba inamachaphaza okanye imigca? Ngaba inesicholo entloko?
n Indawo ehlala kuyo - uyibonephi intaka? Uyibone edlelweni okanye ehlathini?
n Igama layo - fuman' igama lentaka: ungabuza abantu, okanye ulijonge ezincwadini kwithala leencwadi.
IYellow-billed Hornbill yintaka ephakathi ngobukhulu, inobude obuphakathi kwe-48 ne-60cm ubude, ukanti inomlomo omde otyheli.
IKnysna Lourie ifumaneka emahlathini aseMzantsi Afrika kuphela. Yintak'enkulu eluhlaza enomlomo omfutshane ogobileyo namaphiko abomvu nabonakala ukuba abomvu xa ibhabha.
Iintaka zifana
ngezinto ezininzi.
Phanda ngobomi beentaka kummandla wakho
Kuza kufuneka ube nezi zinto: incwadi echaza ngee-
ntaka,* incwadana encinane, ipensile.
a. Ziziphi iintaka ezifumaneka kummandla wakho?
b. Ngaba zininzi iintaka apho uhlala khona okanye apho kukho isikolo sakho?
c. Ngaba kukho iintaka ezifanayo unyaka wonke?
* Yiya kufuna incwadi echaza ngeentaka kwithala elikufutshane.
I-African Hoopoe isebenzisa umlomo wayo omde ukugrumba iminyundulu neentubi. Isandi esithi-"Hoop-hoop" esenziwa yiHoopoe ilifumana apho igama layo.
Ubusazi na?
Ukuba kokona kubhetele ukubukela iintaka kusasa okanye matshona.
Ubusazi na?
Iinciniba ingabaleka ngesantya esiyi-70km nge-yure.
