XHOSA.1084.legaljul
BONA XHOSA - July 2006
Iingxaki Zomthetho
Ndakhutshwa ebhasini
Kutshanje ndithe ndikhwel' ibhasi kwakho indoda ebetha ibhinqa eyayihamba nalo apho ebhasini. Le ndoda yakhuph' imela yahlaba elo bhinqa engalweni.
Ndazama ukunqanda ukuze loo ndoda ingalenzakalisi kwakhona elo bhinqa.
Kuloo mbudu-mbudu, umqhubi webhasi wemisa wayikhupha loo ndoda ebhasini. Ndamchazela ukuba bendilamla nje andibazi abo bantu, kodwa akazange afune nokuva nam wandikhupha ngetshova ebhasini ndawa.
Ndamelwa yimoto eyayigqitha yandithatha yandis' esibhedlele, kwafika kwathiwa ndophuke umlenze. Andizange ndiphangele iiveki ezintathu ndigcuma ziintlungu.
Ndingabuyelwa njani yimali endaya ngayo kwagqirha nendandithenga ngayo amayeza"
nguGG, eSoweto
lUmqhubi webhasi wayengafanelanga akukhuphe ngolo hlobo. Wayekwenzakalisa nje. Ungamhlawuliseli iindleko zonyango, ezokungaphangeli nezokuba ekuvise ubuhlungu kuphela, koko mhlawulisele nokumosha isidima nokuzithemba kwakho.
Kufuneka uyihlawulise nenkampani yaloo bhasi - yeyona iya kukwazi ukuhlawulela umonzakalo wakho.
Makhulu amathuba okuba uphumelele kwibango lakho, kodwa uza kufun' igqwetha elomeleleyo, kwaye kuza kufuneka amangqina aza kuchaza kakuhle akubonayo.
Masabelane ngenzuzo
Sadibana nomhlobo wam savula ispaza waza umntu ngamnye wakhupha i-R2 500 yeempahla zokuthengisa nerenti. Ishishini lethu laqhuba kakuhle sasithenga isakhiwo esasiliqhubela kuso. Eso sakhiwo yaba sesethu sobabini sabhaliswa phantsi kwamagama ethu. Savul' eny' ivenkile kweso sakhiwo sayirentisa. Yonk' into yahamba kakuhle de ndangenwa sisifo seTB ndaya kulala esibhedlele iinyang' ezintandathu.
Xa ndiphum' esibhedlele ndafumana ukuba ihlakane lam limkhuphile umntu oberenta ivenkile entsha lafak' omny' umntu. Akafuni nokundinika esam isabelo kwimali yerenti ebihlawulwa nguloo mntu. Ngaba andifanelanga ndiyifumane eyam imali kwaye ndingasifumana njani esam isabelo kule mali"
nguJK, eBhayi
lUfanele ufumane esakho isabelo kwimali yerenti. Kodwa kufuneka wazi ukuba ibiyimalini yona. Kufuneka ihlakani lakho likubonise ukuba lisebenzise malini ukuqhuba ishishini ngethuba ungekho.
Kungenzeka kukho iindleko ekuye kwafuneka azihlawule ezimayela nesakhiwo eso ngethuba ungekho. Kungenzeka kubekho imali ayichithileyo ekupeyinteni nasekulungiseni isakhiwo.
Imali eshiyeke kuloo misebenzi ke yeyona yenzuzo enifanele nabelane ngayo.
Xa umhlobo wakho engakuniki ingxelo yokuqokelela nokuchitha kwakhe imali, kuza kufuneka ummangalele uyifune le ngxelo.
Oko kuthetha ukuba ke kuza kufuneka ube negqwetha. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
