XHOSA.1615.muthi
UBONA ngathi abantu aph' ekuhlaleni bayakucaphukela" Abahlobo bakho bayakutshalazela" Ngaba konyuselwa abany' abantu emsebenzini endaweni yakho"
Ngaba uhlala uxabana nesithandwa sakho"
Ngamany' amazwi - ngaba uva ngathi uqalekisiwe"
Ucinga ukuba ngubani okuqalekisileyo"
Siye sigxeke izinyanya xa sisehlelwa ngamashwa alolu hlobo sicinge ukuba zisilahlile kuba siziqumbisile.
Sigxek' imimoya yabazali bethu abasishiyayo sixhel' iibhokhwe, iigusha, iinkuku okanye iinkomo kuba sisithi siyangxengxeza...
Ayizozinyanya kuphela ezinamandla okusisikelela nawokusiqalekisa.
Ilishwa nethamsanqa zingavela kweny' into esingayihoyi.
Bahloniphe
Apha ndithetha "ngezinyanya zethu eziphilayo." Aba bantu zizalamane zethu oomalume, oomakazi nabo abasaza kulandulela eli. Nabo bafun' ukuhlonitshwa.
Lo gama omnye weMithetho eLishumi uthi masihloniphe abazali bethu, isiko lakwantu lona lihlabela mgama ngokuthi wonk' umntu omdala mhloniphe njengomzali wakho.
Thobeka, uthobele imithetho oyinikwa ngumntu omdala - uza kufumana iintsikelelo ezogqitha nditsho nokuzuza intywenka yemali kwilotho.
Xa uxakanisa, ucaphukisa okanye uxhaphaza umntu omdala uza kuzisola!
Xa uphakamela umntu omdala ebhasini okanye kuloliwe uzenzela iintsikelelo.
Uzifumana iintsikelelo engekatsho nokutsho umntu omdala ukuthi, "Enkosi, mntanam."
Xa bebaninzi abantu abadala abaphathwa gadalala, abaxakaniswayo nabaqhitswayo kusaza kubakho amashwa neziqalekiso ezininzi kweli lizwe. Kungenzeka ukuba kuthi kanti ayinguwe ncakasana ongabahloniphiyo abantu abadala kodwa xa umhlobo wakho engabahloniphi nawe ungaqalekiswa ngenxa yakhe.
Ngoko ke imimoya yabangasekhoyo akuyiyo kuphela engasiqalekisa. Njengoko sesinolu lwazi, singasisusa kanjani isiqalekiso esilolu hlobo"
Ukwenza uxolo
Masiziphathe kakuhle "izinyanya zethu eziphilayo." Kodwa nathi thina bazali masiyilumkel' indlela esibaphatha ngayo abantwana bethu.
Nokuba sicaphuke kangakanani na masingabathuki - sithi bazizihiba okanye babi okanye bakhohlakele.
Xa umthuka ngolu hlobo umntwana wakho uyamqalekisa nto leyo iza kubuya kwakuwe kungekudala.
Akufuneki abazali bahluphekise abantwana ngenxa yeengxaki zabo - njengaxa utata engafuni kumondla umntwana ngenxa yokuba engafuni unina womntwana.
Xa sibaphatha kakuhle abantu abadala nabantwana bethu singasinda kwiziqalekiso. Kodwa ke makhe sithi sizama kangangoko sinako ukuphepha iziqalekiso kodwa siqalekisiwe phezu koko - singathini"
Xa amagqirha ekhupha isiqalekiso ayalela umntu onaso ukuba ahlambe ngamanz' abandayo axutywe neyeza elimbiwa endle - ayiloyeza lomthonyama laseMzantsi Afrika.
Kufuneka ahlambele kude nekhaya phambi kokuphuma okanye kokutshona kwelanga.
Isasebenza loo nto nangoku. Xa eli yeza lingekho kufuneka kusetyenziswe umgubo ophuma kumasebe awo nawuphi na umthi adityanisiweyo.
Mandiphinde ndilumkis' ulutsha ngokuphatha gadalala abantu abadala.
Xa uphendula abantu abadala okanye ubaxakanisa uzibizela iziqalekiso zikude nawe ekuza kuba nzima ukuzisusa.
Ungazixakanisi izinyanya eziphilayo kuba uya kuba uzibizel' iingxaki ezinkulu.
Yenz' uxolo nazo lo gama zisaphila. [x]
46 BONA XHOSA - January 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Ungasisusa njani isiqalekiso"
kubhale uFORCE KHASHANE
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
