xhosa.1608.legalaug
iingxaki zomthetho
Akonyuselwanga
INGXAKI: Omnye wabasebenzi ushiyile kwinkampani endisebenza kuyo kwaza kwaqeshwa umntu omtsha endaweni yokuba ndonyuselwe.
Ndibona ngathi ndiqhathiwe apha kuba ndineminyaka eli-15 ndiphangela kule nkampani yaye irekhodi yam intle kunjalonje ndibalasele emsebenzini wam.
Ingaba ndiyacalulwa apha" Ingaba ikho into endingayenza"
ICEBISO LAKWASCORPION:
Uyavakala ukuba uphoxekile. Kwiimeko ezilolu hlobo kuyenzeka ukuba umsebenzi azibone engaphathwanga ngendlela eyiyo kuba ezibona efanelekile ukuba onyuselwe okanye abekwe phambili kunabanye abasebenzi xa kuvela isithuba esilolu hlobo.
Awunalo ilungelo elisemthethweni lokonyuselwa ngaphandle kokuba isivumelwano sakho sengqesho sinawo umhlathi okuthembisa ngokonyuselwa.
Khumbula ukuba inkampani ilawulwa ngumniniyo ngoko nguye onelungelo lokuqesha umntu amfunayo.
Kodwa loo nto ayithethi kuthi makangawuhoyi umthetho weLabour Relations Act onyanzelisa abaqeshi ukuba balandele imithetho ethile xa beqesha abasebenzi.
Kufuneka umqeshi angathathi cala kwaye xa ethatha icala unxamnye nomthetho iLabour Relations Act.
Umqeshi unelungelo elisemthethweni lokuqesha abasebenzi abawufaneleyo nabawufundeleyo umsebenzi.
Xa kuqeshwa ke kuthelekiswa amava, imfundo nezakhono zabantu abafake izicelo zomsebenzi.
Zixhaphakile iingxwaba-ngxwaba ezibangelwa kukungaboni ngasolinye ngendlela ekuqeshwe ngayo kuba wonke umntu obefake isicelo uzibona ewufanele loo msebenzi.
Ngoko ke akufuneki kufaniswe iimeko ezingafaniyo.
Asikwazi ukukunika ingcebiso ephathekayo ngalo mba kuba asizibonanga iinkcukacha zomntu lowo oqeshiweyo yaye asiyazi inkqubo esetyenziswe ngumqeshi xa emqesha loo mntu mtsha.
Kodwa ke ngumqeshi othabatha isigqibo sokuba uqesha bani na, nini na. [x]
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
BONA XHOSA - August 2007
