XHOSA.1599.muthi
BONA XHOSA - January 2007 39
kubhale uFORCE KHASHANE
UKUBA nombilini yenye yezinto eziyingozi emva kokusinda cebetshu ekufeni kwingozi yendlela okanye ekuphangweni zizikrelemnkqa. Umbilini yinto eyenza uvalo lungongoze wakuva iindaba ezimbi njengokusweleka okanye ukwenzakala komntu osenyongweni okanye isalamane.
Wakubethwa luvalo umzimba wakho ubabuthathaka - kwaye xa wenzakele ukubethwa luvalo kokona kuyingozi ngaphezulu kokopha kakhulu.
Kaloku baninzi abantu abasoloko benengxaki yokubethwa luvalo, kwaye kubo oko kwenzeka izihlandlo eziliqela ngemini.
Oko ke kubizwa ngokuba ngumbilini kwaye kudla ngokubonwa njengophawu lwento embi eza kuhla.
Umfundi ongumama wabantwana ababini abaselula uthi akalali buhlayo ngenxa yombilini.
"Lusoloko lungongoza uvalo lwam. Kungcangcazel' izandla namadolo, ndiwuve nombilo sele usihla ngomqolo nasebusweni."
Woyika nkqu nokukhaph' intombi yakhe xa isiya esikolweni. "Nkqu nemoto ezigqithelayo ngendlela iba ngathi iza kumngquba, nokuba izihambela kancinane. Kubanzima kakhulu ke xa kufuneka sinqumle indlela naye.
"Andisakwazi nokuhamba ngemoto ndedwa. Ndiba nombilini kakhulu xa kukho umntu okhalisa ihutara yemoto okanye xa ndisiva ingxolo yokugqitha kwesithuthuthu," utshilo.
Asinguye yedwa onale ngxaki.
Ukwenza okungaqhelekanga
Ndikhumbula ndisafunda kukho indoda eyayingumhlobo wosapho lwasekhaya eyayityelela rhoqo ifike yenze izinto ezingaqhelekanga.
Yayidla ngokuphatha ipakethe yecuba okanye itshefu xa incokola notata. Xa kukho umntu owisa into okanye owenza ingxolo eyothusayo, yayimgibisela ngaloo nto iyiphetheyo, emva koko iqhubeke incokole ngokungathi akwenzekanga nto.
Ndayiqonda emva kweminyaka into eyayiyenza yenze loo nto.
Yayinombilini owawuyenza ilahle into eyiphetheyo xa yothukile. Yiloo nto yayisoloko iphatha into engenabungozi.
Nam wakhe wandihlasela umbilini ndisangenwa yintwaso.
Ndandisothuka gqitha xa kukho umntu owisa into.
Ngethamsanqa loo mbilini wathomalaliswa kukubethwa kwamagubu emva kokuba ndiqale ukuthwasa.
Abangomagwala
Endikutshoyo kukuba abany' abantu baba nombilini osisiphiwo sezinyanya, kodwa oko akuthethi kuthi banentwaso.
Enye into amabhinqa anombilini athand' ukuthetha nje ngokukhululekileyo ngengxaki yawo, ukanti amadoda wona ayayifihla into yokuba anombilini kuba esoyika ukubizwa ngamagwala.
Ukuba nombilini akunanto yakwenza nokuba ligwala. Nabani na anganawo umbilini.
Kwakhona kufuneka ungamothusi umntu onombilini. Ukumothusa akumhlekisi koko kukwenza akubone ungumntu okhohlakeleyo.
Ungathi uyamdlalisa ngokumothusa umntu onombilini kanti uyambulala kuba ukubethwa luvalo kuye kungamenza amelwe yintliziyo.
Uyanyangeka ngamayeza esintu
Umbilini uyanyangeka ngamayeza esintu. Unyango lwawo lwenziwa ngeyeza ekuthiwa ngumfazi othethayo ngesiZulu.
Umntu owathiya eli yeza ngeli gama elithetha "umfazi ongxolayo", mhlawumbi wayekholelwa ekubeni umbilini ungawuphelisa ngokumngxolisa umntu onawo.
Xa usenza iyeza lokuphelisa umbilini ugalela ikota yetispuni yomfazi othethayo elulwimini lomntu onawo uze umselise iglasi yamanzi kathathu ngemini iveki yonke! [x]
40 BONA XHOSA - January 2007
Sithetha ngamayeza esintu
Ukunyanga umbilini
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
