IBhunga le-SATI linqwenelela onke amalungu ethu unyaka ka-2010 onamathamsanqa. Sisoloko sikunxanelwe ukuva ukuba amalungu ethu athini na;  ukuba ke ngoko kukho iinkonzo ocinga ukuba lo Mbutho ungazenza nceda uqhagamshelane nathi. 
ICandelo laseBholani (eNtshona Koloni) linemicimbi eliqela ecetyelwe lo nyaka. Ukuze ufumane iinkcukacha okanye ukuze uzimanye neli candelo, nceda uqhagamshelane no-Wilna Liebenberg (wilna@lieben.co.za), no-Gretha Aalbers (aalbers@iafrica.com) okanye no-Elise Engelbrecht (Elise.Engelbrecht@capetown.gov.za). 
Umrhumo wonyaka ka-2010
Ii-invoyisi zemirhumo yonyaka ka-2010 ziye zathunyelwa nge-imeyile okanye zaposwa kumalungu onke. Ukuba awuyifumenanga eyakho, nceda uqhagamshelane nomgcini-zincwadi (registrar@translators.org.za) okanye ne-ofisi ye-SATI (office@translators.org.za). Khumbula ukuba umele usazise ngazo zonke iintlawulo ezenziweyo ukuze zigqithiswe. Ukuba uye wagqiba ekubeni ungabuhlaziyi ubulungu bakho, nceda usazise ukuze silungelelanise iingxelo zethu. Imirhumo kufuneka ihlawulwe kude kube ngumhla wokugqibela kuMatshi, kwaye amalungu aneziqinisekiso angabuhlaziyiyo ubulungu bawo aza kuphulukana nokuqinisekiswa kwawo.
Khumbula kwakhona ukuba lo Mbutho ukwamkela nobulungu bamaqumrhu. Nayiphi na i-arhente okanye umbutho onomdla ungaqhagamshelana kunye ne-ofisi ye-SATI ukuze ufumane amaxwebhu afunekayo. Ngokungenisa ubulungu bamaqumrhu, ilungu ngalinye ukususela ngoku liza kukwazi ukubhalisela kuphela iinkonzo elizinikezayo ngokwalo.  
Intlanganiso YoNyaka KaWonke-wonke Ka-2010
Intlanganiso yonyaka kawonke-wonke ye-SATI kunye nengqungquthela eya kuba semva kwentlanganiso yonyaka kawonke-wonke ziza kubanjwa ngoLwesihlanu umhla wama-26 kuFebruwari 2010 e-Elegant Lodge eMenlo Park ePitoli. Ungaphoswa! Umxholo wengqungquthela uthi Izimilo, umthetho kunye nawe: Indlela yokumisa ingqondo.  Siza kujonga ukuba uMthetho omtsha oKhusela uMthengi uzichaphazela njani na iingcaphephe zeelwimi, kwaye kuza kubakho ingxoxo yamaqela emalunga nezimilo. Imali yokubhalisa iquka ‘isiselo sasimahla ngoxa sisidl’ imbadu’ emva kwengqungquthela. Ukuba awukayifumani ifomu yokubhalisa, qhagamshelana ne-ofisi ye-SATI.
Khumbula ukuba ngamalungu aneziqinisekiso ahlawuleyo anokuvota kwiziphakamiso ezenziwa kwintlanganiso yonyaka kawonke-wonke, ngoko ke hlawula umrhumo wakho ngokukhawuleza. 
INdebe YeHlabathi ka-2010
I-SATI ingathanda ukwenza ingxelo apha ekuhambeni konyaka ngohlobo lomsebenzi weelwimi ovulelwe amalungu ethu yiNdebe yeHlabathi. Amalungu athe enza imisebenzi enxulumene netumente yebhola ekhatywayo aza kucelwa ukuba asazise ngayo. 
Khumbula ukuba xa ufuna ukuba igama lakho silifake kuvimba wethu othi “Fumana IiToliki Ngo-2010 [2010 Find Interpreters]” ofumaneka kwiwebhusayithi yethu, kufuneka ukuba oko ukucele ngokungqalileyo. Amalungu akwincwadi ze-SATI yabantu abazisebenzelayo awafakwa ngokuzenzekelayo kuvimba ka-2010. Nceda uqhagamshelane ne-ofisi ye-SATI ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe. 
Uphengululo lwentlawulo 
Lo Mbutho uza kwenza uphengululo lwentlawulo kumalungu alo kwikota yokuqala yalo nyaka, lisebenzisa isixhobo sophengululo esisekelwe kwi-intanethi nesifana ncakasana neso besisisebenzise kwiminyaka emibini edlulileyo. Siyathemba ukuba amalungu aza kuthatha inxaxheba ngobuninzi bawo ukuze siqinisekise ukuba iinkcukacha esiziqokeleleyo zichanile. 
Eziphathelele amalungu
Amalungu amatsha: Kengni Bernard, Frans Boot, Andries Conradie, Tertius Janse van Rensburg, Franziska Keiser, Ria Kruger, Tom Larney, Anneke Milne, Ramodima Moikanyang, Katharina Reichert, Michael Waldeck
Osutywe kukufa: Marla Sanchez
Osandul’ ukufumana isiqinisekiso: Klaus Staudt: Umguquleli wolwimi ofungisiweyo wesiNgesi – nesiJamani 
Okwenza umdla
Amawonga e-Akhademi yesiNgesi 2010: Kumenywa abahleli boolindixesha, amaphepha-ncwadi nabamaphepha-ndaba, kunye nababhali, ukuba bangenele iBhaso lika-Olive Schreiner (kulo nyaka ludidi lolwesiHobe), iBhaso lika-Percy Fitzpatrick (eliwongelwa umsebenzi wokuqala kwezoncwad lwesiNgesi nolujoliswe ebantwaneni abaminyaka iphakathi kweli-10 neli-14) kunye namaWonga ka-Thomas Pringle (kulo nyaka anika imbeko kuhlaziyo lwemidlalo, lweencwadi, lweefilimu, lweenkqubo zikanomathotholo nezikamabonwakude ezishicilelwe kumaphepha-ndaba namaphepha-ncwadi; amabali amafutshane akoolindixesha nakumaphepha-ncwadi; kunye namanqaku oncwadi). Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe, nceda uqhagamshelane neGosa loLawulo kule nombolo: 011 717 9339 okanye kule imeyile: englishacademy@societies.wits.ac.za.
Iinkqubo Zekhompyutha kunye Neewebhusayithi
I-Three Percent yiwebhusayithi yeYunivesithi yaseRochester (eNew York) nejoliswe kubafundi, kubahleli nabaguquleli bolwimi abanomdla wokwazi uncwadi lwezi mini nolwamazwe ngamazwe. Eyona ikhuthazayo ngale webhusayithi yimbono yokuba ukufunda uncwadi oluvela kwamanye amazwe kubalulekile ukuze ube nembono edlamkileyo ngoncwadi nokuthi chatha ekuncazelaneni ngezimvo phakathi kweentlanga. Kweli xesha lokumanyaniswa kwamazwe omhlaba, enye yezona ndlela zingcono zokulondoloza ubunyulu besithethe kungokuguqulela ulwimi nokuxabisa uncwadi lwamazwe ngamazwe. Bona http://www.rochester.edu/College/translation/threepercent/index.php?s=about 
I-L10NCafe.com yiwebhusayithi apho amalungu oshishino lweelwimi anokushikixa khona ukuguqulela ngoomatshini, iTMs neminye imiba ekwanjalo. Bona http://worldify.com/l10ncafe/index.html 
Imicimbi nokuhlatywa kwekhwelo lokufakwa kwamaphepha
I-16th International Congress of the Names Society of Southern Africa (NSA): Homo Nominans – Mankind, the namer: Iya kuba kwi-Club Mykonos, eNtshona Koloni, ngomhla wama-26 ukuya kutsho kowama-28 ku-Oktobha 2010. Le yona inkomfa iya kuhlola ukuthiya amagama kunye nomnqweno ulunhtu olungakwazi kuwubamba wokuthiya imibutho amagama. Abaphengululi bamagama bayamenywa ukuba bafake amaphepha eziphakamiso ngaphambi komhla wama-28 kuFebruwari 2010. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, qhagamshelana noBertie Neethling ku-bneethling@uwc.ac.za.
I-Cologne Conference on Specialised Translation: KwiYunivesithi yaseCologne yeZifundo zeNzululwazi, eJamani, ngomhla wama-21 ukuya kutsho kuma-22 kuOktobha 2010. Ukukhula okukhoyo kobugcisa bokuguqulela kumasebe ezifundo zokuguqulela kuvule inyoba yokuqwalasela ngokunzulu uqeqesho olukhethekileyo kumasebe eenkcazelo oqeqesho. Le nkomfa iya kugxininisa kwiindlela ezintsha zobugcisa bokuguqulela. Umhla wokugqibela wezicatshulwa ngumhla we-15 kuMatshi 2010. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: http://www.f03.fh-koeln.de/fakultaet/itmk/fachgebiete/konferenzen/00558/index.html 
International Postgraduate Conference in Translation and Interpreting (IPCITI) 2010: From Reflection to Refraction – New perspectives, new settings and new impacts: KwiYunivesithi yaseManchester, e-UK, ngomhla wama-29 ukuya kuthi xhaxhe kowama-31 kuOktobha 2010. Le iya kube iyinkomfa yesithandathu kolu dederhu, ejoliswe ekuvuleleni abaphengululi abaselula ithuba lokwabelana ngophando lwabo nokuthath’ inxaxheba kumcimbi omkhulu wokudl’ imbadu noluntu lwamazwe ngamazwe. Umhla wokugqibela wokufakwa kwezicatshulwa ngumhla wama-30 kuMatshi 2010. Imibuzo ifanele ibhekiswe apha ipciti2010@manchester.ac.uk. Inkcazelo ebhekele phaya ifumaneka apha: http://www.ipciti.org.uk/ 
SCREENIT 2010: The changing face of screen translation: KwiYunivesithi yaseBologna, eItaly, ngomhla wama-20 ukusa kowama-22 kuOktobha 2010. Iziphakamiso zeengxoxo kunye namaphepha kuzo zonke iinkalo zokuguqulela ngeskrini zifanele zithunyelwe ngomhla we-15 April 2010 apha screenit2010@sslmit.unibo.it. Iwebhusayithi yenkomfa isenziwa.
5th International Maastricht-Łódź Duo Colloquium on Translation and Meaning 2010: Maastricht session: KwiSikolo SezoNxibelelwano SamaZwe NgamaZwe saseMaastricht, e-Netherlands, ngomhla we-19 ukuya kowama-22 kuMeyi 2010. Apho lujoliswe khona olu dederhu lweentetho kukuvula iqonga lamazwe ngamazwe eliza kuxoxa nezifundiswa zokuguqulela/ukutolika kunye neengcali ngemiba yentsingiselo ekuguquleleni iilwimi nasekutolikeni. Iseshoni yaseMaastricht iya kugxininisa kushishino. Inkcazelo engakumbi ifumaneka: kuGqr. Marcel Thelen (m.m.g.j.thelen@hszuyd.nl) okanye apha http://www.translation-and-meaning.nl
International Technical Translation Conference: KwiUniversidade Nova, e-Lisbon, e-Portugal, ngomhla wama-28 ukuya kutsho kowama-29 kuMeyi 2010. Njengoko iququzelelwa yiTradulínguas nazezinye iingcali zokuguqulela ezobugcisa, le nkomfa iya kuba neeseshoni zeentsuku ezimbini zokufunda – iingqungquthela zokuguqulela nesigama (ngesiPhuthukezi, isiNgesi ne-Spanish, neelwimi ezingakumbi ukuba kunokwenzeka) – ukulungiselela iingcali zabaguquleli beelwimi neetoliki kwimiba yezobugcisa, ezobunjineli, ezobunzululwazi nezoshishino. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: http://www.tradulinguas.com/conf-tech/ 
Travelling Languages: Culture, Communication and Translation in a Mobile World: KwiYunivesithi YoMasipala Ombaxa (Metropolitan) waseLeeds, e-UK, ngomhla wesi-3 ukusa kowesi-5 kuDisemba 2010. Izicatshulwa zenkomfa ye-10 YoNyaka yoMbutho WamaZwe NgamaZwe WeeLwimi NeeNkcubeko NgeeNkcubeko zifanele zithunyelwe kuJane Wilkinson apha IALIC2010@leeds.ac.uk ungadlulanga owoku-1 kuJuni 2010. Inkcazelo ethe xhaxhe ifumaneka apha: www.leeds.ac.uk/german/ialic_conference_2010.htm 
Translating Multimodalities: KwiYunivesithi yasePortsmouth, e-UK, ngomhla wesi-6 kuNovemba 2010. Ngokuqhelekileyo xa uguqulela ubhala phantsi, kodwa kwimeko yanamhlanje eneenkalo ezahluka-hlukeneyo abaguquleli bolwimi bamele bacingele nezinto izinto ezibalulekileyo (imifanekiso emiyo neshukumayo, iizazobe, umculo, itayipografi okanye ukulungiswa kwephepha). Kumenywa abanokuba negalelo kwimiceli-mngeni ejongene nabaguquleli ngenxa yezi zinto zahlukeneyo. Imibuzo kunye/okanye izicatshulwa zamagama angama-300 zifanele zithunyelwe kuCarol O’Sullivan ku-carol.osullivan@port.ac.uk ungadlulanga umhla wama-30 kuJuni 2010. Inkcazelo engakumbi: www.port.ac.uk/translationconference.    
Society for Editors and Proofreaders (SfEP) AGM and 21st annual conference: KwiYunivesithi yaseStrathclyde, e-Glasgow, e-UK, ngomhla wesi-4 ukuya kuma kowesi-6 kuSeptemba 2010. Le nkomfa iya kuquka iingqungquthela eziya kunyathela kwimixholo enjengethi typesetter-copy-editor interface, exploiting social internet platforms for professional networking, nothi ethics and plagiarism in publishing, kwaneengqungquthela ezahlukeneyo. Iincwadi zivalwa ngomhla wesi-9 kuJulayi 2010. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha:
http://www.sfep.org.uk/pub/confs/conf10/conf2010_advance.asp 
TKE (Terminology and Knowledge Engineering) Conference 2010: KwiYunivesithi yaseDublin, e-Ireland, ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kuAgsti 2010. Le nkomfa ingokukhuthaza ulwazi nokusasaza ubugcisa ukwenzela unxibelelwano olukhethekileyo lweelwimi phezu kweenkqubo zesigama nenkcazelo. Iya kubeke’ umnwe ngokukodwa kumxholo wokuza nesigama kunye nezinto ezandisa ulwazi kwi-intanethi. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha:
http://www.dcu.ie/fiontar/conference/home_baile.shtml
Iguqulelwe kwisiBhulu nguJohan Blaauw, Mariènne Botha  noJackie Viljoen
Iguqulelwe kwisiTswana nguPeter Mekgwe
Iguqulelwe kwisiXhosa nguThokozile Mabeqa noSonwabile Cotiyana
Iguqulelwe kwisiSotho nguMike Mahase
__________________________________________________________________________________________________________________
Dintlha tsa go ikgolaganya le Setheo:
     Marion Boers. Mogala: 011 803-2681. Fekese: 0866 199 133. Imeili: publications@translators.org.za
     Irene Dippenaar. Mogala: 079 492 9359. Fekese: 086 511 4971. Imeili: registrar@translators.org.za
