     

IX / 3 (2009)

____________________________________________________________________________





EkaSATI Intlanganiso Yamalungu onke Yonyaka ka-2009

Uyakuba sowufundile kwii-Council Briefs ukuba Intlanganiso Yamalungu Onke Yalo Nyaka ibone umgaqo-siseko omtsha nobume obamkelelwe eli ziko. Ngoku abakwaSATI baphethwe liQumrhu elinamalungu a,mahlabu nangumlawuli oyintloko. Abo bantu ke ngaba: Anne-Marie Beukes (usihlalo), Johan Blaauw (usekela-sihlalo), Beverley Boland, Manzo Khulu, Michelle Rabie noMarion Boers (ongumlawuli oyintloko). Apha siyanazisa ngeli qela litsha.



U-Anne-Marie Beukes usebenzile njengeQoqo lakwaSATI iminyaka engama-23, eqala njengommeli weRAU ngo-1986! Usebenze kwaSATI njengomhlali-ngaphambili eminyakeni emine edlulileyo, wayekweli Qumrhu le-International Federation of Translators ixesha eliyiminyaka esithoba. Ukongeza apho ekuzimiseleni kwakhe kwa-SATI, usebenze kwicandelo lemfundo ephakamileyo, efundisa ngendlela yokuguqulwa kwemibhalo kwiDyunivesithi yaseJohannesburg (ebisakwaziwa njenge-RAU), wasebe-nzaiminyaka emininzi nanjengentloko yocwangciso leelwimi kwiNkonzo yeeLwimi zikaZwelonke.



U-Johan Blaauw ungumququli-zilwimi owamkelekileyo kwaSATI, uyitoliki ekwangumhleli weelwimi osebenze njengengcali kwezokuguqulwa kweelwimi ukususela ngonyaka ka-1979. Ngoku uyiNtloko yecandelo loku-Setyenziswa kweeLwimi kwiDyunivesithi iNorth-West, uyabandakanyeka kuqeqesho nasekusebenzeni. Eminyakeni apha sekukudala esebenzisana kakhulu nabakwaSATI, ebekwiqoqo njengonobhala ukususela ku-1987 kude kufikwe ku-2005, engumphononongi weemviwo zoku-nikwa kwewonga, ikakhulu njengombizi-ntlanganiso wamathuba okuvavanyela iwonga lokutolika okoko kwaqaliswayo ngale ndlela yokuwongwa kwabantu. 



U-Beverley Boland usebenze kwiQoqo leSATI kangangeminyaka emibini. Unesidanga seBA (kwezee-Lwimi) awasifumana eRAU kunye nesinye se-MA kwi-Translation awasifumana eWits. Usebenze njengengcali kwezokuguqula iilwimi kumaPolisa oMzantsi-Afrika, ubungcali bakhe kwiilwimi ubusebenzisele icandelo lokuthengisa iimveliso kwamanye amazwe iminyaka eliqela phambi kokuba asebenze njengomguquli-zilwimi ozimele geqe ngo-2007. Ukongeza kumsebenzi wakhe weelwimi, uyancedisa kwicandelo lolawulo esenzela abakwaSATI.



U-Michelle Rabie waqalisa nge-arhente yakhe yokuqala eneminyaka engama-22. Emva konyaka i-arhente yakhe yadibana nenye eyi-Dilicom, ukususela ngoko wakhula uMichelle ekubeni nekhampani yomntu omnye, waba kwikhampani enabaqeshwa abasixhenxe abasebenza isigxina kukho nentaphane yabanye abeneekontraki eziphantsi kweyabo. Ngoku uxakekile zizifundo zakhe ze-BA e-Unisa ukwenzela ukuba adibanise ulwazi lwenkcu-beko kumava ache omsebenzi.    



U-Manzo Khulu unemvelaphi yolawulo lwamandla oluntu, unamava eminyaka engama-30 kwinkuthazo yoqhaga-mshelwano kwezoshishino kwimeko yenkcubeko exubileyo kwiikhampani zeemveliso zoMzantsi-Afrika nezamazwe ngamazwe. Njengomguquli weelwimi onewonga lakwa-SATI, wabandakanyeka kwicandelo elisebenza ngeelwimi eminyakeni emithathu eyadlulayo. Ngoku uyazisebenzela kwezokuguqula iilwimi ezimele geqe. Ukuzimisela nothando lwakhe kusekukhuthazeni nasekuphuhliseni iilwimi zeenkobe zoMzantsi-Afrika.



U-Marion Boers ebengumguquli weelwimi ozimele geqe ekwangumhleli ukususela ngo-1987, emva kweminyaka emine yokusebenzela urhulumente kwicandelo lokuguqula iilwimi. Ukususela ngonyaka ka-2000 waba se-ofisini yeli Ziko, ngo-Agasti ka-2008 wakhethwa njengomongameli we-International Federation of Translators.





Ubulungu

Amalungu amatsha: Africa Centre for Health & Population Studies (ilungu lembumba), Michelle Andrews, Galal Ari, Glenn Babb, Willem Botha, Wayel Boulos, Ty Broberg, Tinyiko Chauke, Carolina Christians Lupi, Patrick Derrien, Nina Dodds, Danijela Dragojevic, Lize du Plessis, Gawie du Toit, Arica Fouché, Johan Fourie, Galina Fryshko, Kobus Geldenhuys, Danél Hanekom, Bettina Harnisch, Helga Hofmann, Corné Janse van Rensburg, Sophia Kapp, Sibusiso Khoza, Jane Kim, Emmanuel Kiro, Thandi Kleinbooi, Yameng Li, Dikeledi Magongoa, Mahomed Mahomedy, Olivia Mametja, Tshedza Manugeni, Phumzile Masala, Thato Mokhele, Senomphana Molapo, Wanda Molteno, Didi Morake, Abdelfatah Mouttaqui, Edmundo Rocha, Mmapula Segatlhe, Charmaine September, ST Communications (ilungu lembumba), iZiko leeLwimi leDyunivesithi yaseStellenbosch (ilungu lembumba), Clara Tilve, IiLwimi zeDyunivesithi yeJohannesburg (ezililungu lembumba), Liesl van der Westhuizen, Tania van Vuuren, Nhlaka Vezi, Bridget Wolmarans

Abashiye izikhundla: nguJoan Bothma, Ilze Ludick no-Annatjie Rautenbach

Abanegalelo kwiNgxowa-mali yoPhuhliso: B Angelis, R Bertelsmann, I Catalano, JI  Cilliers, F Coelho-Valongo, E Cornelius, JI de Jager, M Delport, IM Dippenaar, S du Toit, G Greyling, E Grobler, S Gussmann, L Hartman, M Hurndall, J Kok, C Kyriakos, V Leckie, W Liebenberg, I Luus, M Mahasa, G Matheatau, APM Moen, W Moepedi, MA Morgado Grobbelaar, K Muller, L Nas, J Ngubane, I Nkulu, B Nokele, T Phathela, E Pooe, SJ Portman, S Pratten, D Profir, M Rademeyer, S Richardson, P Schwartz,,WK Smit, HJ Smith, TW Steward, E Steyn, K van der Mast, K van Wyk, J Vorster , S Wolmarans, A Wright, J Zucker

Abasandula ukuwongwa: nguBelinda Bezuidenhout: oguqulela isiNgesi kwi-Afrikaans; uBéatrice Boltz: uguqulela isiNgesi kwisiFrentshi; uJean-Christophe Courbin: uguqulela isiNgesi kwisiFrentshi; uSonwabile Cotiyana: uguqulela isiNgesi kwisiXhosa; u-Inge Luus: unoguqulo olufungelweyo lwesiJamani nesiNgesi; uGrit Naidoo-Goedecke: unoguqulo olufungelweyo lwesiNgesi nesiJamani.



Okunika umdla

USuku lokuGuqulwa kweeLwimi kumaZwe ngamaZwe kulo nyaka luza kubona ukusingathwa kwento ebizwa njengenkongolo yokwenene yoshishino lokuguqula! Kuza kubakho usasazo-ngqo lweeyure ezilishumi elinambini, amathuba othungelwano olusemandleni kunye namaxesha okutyelela kuhanjwa nababonisi – oko kwakwenzeka ungakhange uphume e-ofisini osebenzela kuyo! Siyabulela kubameli beziganeko, abaguquli beelwimi bakungeniswa simahla kulo msitho. Kwakunikezelwa ngezinto, ngothungelwano, amathuba okuhlangana nokusebenzisana nabanini beekhampani zokuguqula iilwimi, isoftware ekhutshwa ngezaphulelo nokunye okuninzi! Ezinye iinkcukacha zifumaneka apha: 

www.proz.com/conference/74.



AbakwaGoogle babhengeze ukuba eyayo i-Gmail Labs seyityhile indlela yofako lwezicelo kwiilwimi ezingama-43 eziquka nesiFilipino. Ukwaziswa ngokusesikweni kwezicelo zeelwimi ngeelwimi kwenzeka ngexesha elinye nonyaka wesihlanu we-Gmail. 

[www.eweek.com/c/a/Messaging-and-Collaboration/Google-Gmail-Labs-Activates-49-Languages-850479/]



I-World Digital Library (WDL), elithala elikwikho-mpyutha laziswe ngokusesikweni ngembonakalo ekwiilwimi ngeelwimi yaye oko kuhlanganisa amaxwebhu avela kumazwe angama-32 kunye nenkcubeko yehlabathi jikelele. Izixhobo okanye iinkqubo zokugoca-goca kumnathazwe kunye nenkcazelo yeziqulatho zifumaneka ngolwimi olusisi-Arabhu, ngesiTshayina, ngesiNgesi, ngesiFrentshi, ngesiPotshugizi, ngesiRashiya nangolwimi lwaseSpain. Ngokuqhutywa yi-Library of Congress, i-WDL ibandakanya igalelo lamaziko angamakhonkco obuhlakani kumazwe amaninzi, kunye nenkxaso yeMfundo yomButho weZizwe eziManyeneyo, ezeNzululwazi neNkcubeko, noncedo lwezimali oluvela kwiqela leekhampani nasemibuthweni yabucala. Ezinye iinkcukacha zilapha: 

www.wdl.org/en/. 



I-Lingo Systems eyikhampani ebonelela ngeenkonzo zokuguqula iilwimi nangokunikezela ngeendawo ezithile, seyazisile ngoshicilelo oluluhlelo lwesixhenxe lwe-Guide to Translation and Localization – Communicating with the Global Marketplace. Esi sikhokelo siyilwe ngokutsha yaye siqulathe iinkcukacha ezintsha ezijoliswe kwimo yoshishino, ekuphuculweni kwethekhnoloji nakwintse-benzo ephucukileyo. Kananjalo esi sikhokelo sitsha sinezahluko ezininzi zeendwendwe eziphuma kwiingcali zoshishino nakwiincutshe zamaHindu ezijongene nezifundo ezisuka kwiinkqubo zolawulo lweziqulatho nakwimi-bandela yokuguqula koomatshini kude kuyiwe kushwanka-thelo lwekamva lokushishina ngokuguqula iilwimi. Ezinye iinkcukacha zilapha: www.lingosys.com.



I-Software nee-Websites

I-WinSplit. Xa kusetyenzwa ngeekhompyutha, kukho imfuneko yee-windows ezimbini okanye ngaphezu koko emazivuleke ngexesha elinye. I-WinSplit Revolution, eso sisicelo sasimahla se-Windows XP ne-Vista, ziyancedisa kulawulo lwee-windows ezininzi. Oku kuyakuvumela ukuba wongeze, wahlule uze ulungise neenkqubo kwane-sithuba se-desktop ukuze isithuba onaso usisebenzise ngendlela eyakhayo. Tyhila apha: www.winsplit-revolution.com.

  Abasebenzisa i-Firefox befuna ukuveza amakhasi amaninzi ngexesha elinye, ikhona indlela yokungeza ekuthiwa yi-Split Browser esenokukhangelwa ukuze ifakwe kwikhompyutha. I-Split Browser iyakuvumela uwahlule kabini nangaphezu koko amacandelo eFirefox, oko kuyakuvumela ukuba ufake ukuze ubone iindawo ezininzi ngexesha elinye. Tyhila apha: 

https://addons.mozilla.org/en-US/firefox/addon/4287. 



I-Lexicool (www.lexicool.com) inezi zichazi-magama zilandelayo zifumanekayo:

LexALP Term Bank (DE-FR-IT-SL): Esi sisibonelelo esintsonkothileyo esiphuma kwiprowujekhthi ye-trans-alpine ukwenzela ukuba kubekho imvisiswano yesi-gama sasemthethweni nomgangatho kwiinkalo zocwa-ngciso lwezithuba kunye nophuhliso olugcinekileyo kwiilwimi ezine zeNgqungquthela ye-Alpine Conven-tion (isiFrentshi, isiJamani, isiTaliyane neSloveniya.). [http://217.199.4.152:8080/termbank/LexALP.po]

Isichazi-magama sezaci zesixhobo i-woodwind (DE-EN-FR): Isichazi-magama somculo esiqulathe isigama esinxulumene nsixhobo esiyi-woodwind. Isiqalo somsebenzi singeelwimi ezintathu yaye amabinzana entetho kungaphandwa ngawo kusetyenziswa elona gama liphambili okanye inqobo ethile. 

[www.molem.fr/wordsearch.php?lang=eng] 

Isigama somgaqo-nkqubo wemfundo yaseYurophu kunye noqeqesho (DE-EN-ES-FR-HR-IS-IT-NO-PT-SL-SV-TR): Le yinkcazelo enika ingqiqo yesigama esifikelela kwi-100 esisetyenziswayo eYurophu kwibakala lomgaqo-nkqubo wemfundo noqeqesho. 

[http://europass.cedefop.europa.eu/europass/home/hornav/Glossary.csp?loc=en_GB]



I-Wordfast LLC, ibonelela ngesoftware esisikhumbuzo, inochungechunge olunika abaguquli-zilwimi abayisebenzi-sayo imiboniso yeempawu ezithile ezimalunga neWordfast Pro. Ezi webinars ziza kurekhodwa zize zenziwe zifumaneke kwiiwebhusayithi ukuze zinike eminye imiyalelo nenkxaso yale mveliso. Ezinye iinkcukacha zilapha: info@wordfast.com or www.wordfast.com



I-TranslatorsTraining, sisibonelelo ikwasisixhobo esikwi-khompyutha sokuthelekisa izinto nokufunda ngeguqulo oluncedwayo yikhompyutha, kuthiwa yi-(CAT), seyazisile ngokongezwa kwezifundo ezitsha zezixhobo eziphambili zeendawo ezinokusetyenziswa. – i-SDL, i-Passolo ne-Alchemy Catalyst. Izifundo ezitsha ziyabavumela abahlawulayo ukuba babone okwenziwayo zizixhobo zokukhethwa kweendawo, ziyawazi umahluko phakathi kwezixhobo zokukhethwa kweendawo nezo zeCAT, zithelekisa izixhobo zokhetho lweendawo. Ezinye iinkcukacha zilapha: 

http://www.translatorstraining.com/sito/. 



I-TT-Software seyiqulunqe uhlobo olutsha lwesichazi-magama seelwimi ezininzi, oko kukuthi multilingual dictionary. Zisibhozo iilwimi zemvelo ezizezi – isiNgesi, isiFrentshi, iSpanishi, isiPhuthukezi saseBrazili, isiTaliyane, isiJamani, isiDatshi nolwimi lwaseSweden. – ziboniswa kwi-window enye, kuqukwa ubudlelwane nemvelaphi yeelwimi ezahlukeneyo. Ulwimi ngalunye lwemvelo luqulathe amagama angundoqo nangaphezulu kwama-35 000 kunye noguqulo lolwimi ngalunye olungaphezulu kwama-350 000. Ezinye iinkcukacha zilapha: http://www.multilingual-databases.com/.  



Isebe lokuguqula iiwimi le-ETI kwiDyunivesithi yaseGeneva liza kwazisa ngokusesikweni inkqubo yayo yokuqala ekwikhompyutha ethi: online doctoral pro-gramme in interpreting research ngomhla we-15 ku-Oktobha ka-2009. Ezinye iinkcukacha zilapha: 

http://virtualinstitute.eti.unige.ch/conf. 



I-SDL Trados iyilungisile inkqubo yayo yeelayisenisi kwabo banazo ngeli ixesha besebenzisa i-Trados 2007. Ezinye iinkcukacha zilapha mazijongwe apha: 

http://www.proz.com/forum/sdl_trados_support/137176-sdl_trados_studio_2009_licensing_and_process.html



Ushicilelo

I-Introduction to Chinese-English Translation kaZinan Ye noLynette Xiaojing Shi, ISBN 978-0-7817-1216-0. Le ncwadi ithathwa ngabanye abathile njengeencwadi zabafundi zokuqala emalunga nokufundwa kwesiNgesi ngabantu baseTshayina abaguqulela isiTshayina kwisiNgesi. Ezinye iinkcukacha zilapha: 

http://www.amazon.com/Introduction-Chinese-English-Translation-Zinan-Ye/dp/078181216X/ref=sr_1_1?ie=UTF8&s=books&qid=1245535788&sr=8-1



I-Translation kaJuliane House (eyinxalenye ye-Oxford Introduction to Language Study), ISBN 978-0-19-438922-8: Yintshayelelo emfutshane kodwa entsonkothileyo kwizifundo zokuguqulwa kweelwimi nokusebenza ngazo. Le ncwadi ijonga inguqulelo yolwimi ngokwemiba eyahlukeneyo equka iingxoxo ezibalulekileyo zofano kwiindlela zokuguqula ulwimi, zokuxabisa umsebenzi oguquliweyo, uguqulo-lwimi njengoqhagamshelwano lweendidi zenkcubeko, uphango ngenkqubo yokuguqulwa kweelwimi uguqulo-zilwimi nokhuphiswano lweemalike zehlabathi, ingqokelela yezifundo ezithile ngoguqulo-zilwimi kunye nemfundiso kwibakala lokuguqula iilwimi.



I-Internationalizing Media Studies ihlelwe nguDaya Kishan Thussu, ISBN 978-0-415-45530-5, isisikhokelo sosasazo oluphakathi kwamazwe ngamazwe nokufundwa kwaso kujoliswe kwimeko yehlabathi jikelele. Ezinye iinkcukacha zilapha: http://www.routledge.com/9780415455305



Iziganeko nezibongozo zamaphepha

The World in Crisis – And the Language Industry? YiNkongolo yesihlandlo sama-34 edolophini iGeneva yaseSwitzerland, iqala ngomhla we-13 kude kube ngowe-14 kuNovemba ka-2009. Inkongolo le ilungiswe ngentsebe-nziswano ye-International Association Language and Busi-ness (IALB) neSwiss Association of Translators, Terminol-ogists and Interpreters (ASTTI), phantsi kweFIT Europe. Ezinye iinkcukacha zilapha:

 http://www.ialb-astti.org/en/index.html.



The Interpreter and Translator Trainer: Kucelwa igalelo kwibakala le-ITT ejongene nenxaxheba kunye nempatho yezithethe ekuqeqeshweni kwabaguquli-zilwimi neetoliki.. Iqaqobana labajongene nokuguqula iilwimi nabahlohli sebeqalisile ngempikiswano yokuba uqeqesho lwabaguqula iilwimi nabatolikayo lumele ukudibanisa amalungiselelo angaphelelanga kwezorhwebo kuphela, mawabafanele nabahlali – ngenxa yengxaki ebonakalayo yemimiselo ejongene nabaguqula iilwimi neetoliki emisebenzini. Injongo yalo mbandela kukuba makubekho igqiza lokuphonononga imibuzo emalunga nezithethe okanye nemimiselo kwibakala lemfundo yomguquli-zilwimi netoliki. Amanqaku abhaliweyo mawabe namagama aphakathi kwama-6 000 nama-10 000 ngokomyinge. Izicatshulwa ezimalunga namagama angama-500 mazithu-nyelwe kubahleli abaziindwendwe be-Mona Baker (mona.baker@manchester.ac.uk) naku-Carol Maier (cmaier @neo.rr.com). Umhla wokugqibela wokuzithumela izicatshulwa ngowama-20 ku-Oktobha ka-2009. Ixesha lokushicilela nguMatshi ka-2011. 



Methodological Advances in Corpus-Based Translation Studies. Amaphepha okanye imibhalo esemaphepheni amakhulu axhonyiweyo iyafuneka kwixesha lezifundo leentsuku ezimbini, zakubanjelwa kwiDyunivesithi Kholeji iGhent ukususela ngomhla wesi-8 kube ngowesi-9 ngoJanyuwari ka-2010. Ukwazisa kufuneka kugxile kwingqokelela yomsebenzi ojongene neziFundo zoku-Guqulwa kweeLwimi.. Izicatshulwa mazithunyelwe ngomhla wama-30 kuSeptemba ka-2009. Ezinye iinkcuka-cha zilapha: http://veto.hogent.be/actua/mats2010/. 



Critical Link 2010 Conference: Interpreting in a chang-ing landscape, yeye-Aston University eseBirmingham e-UK, ukuqalela ngomhla wama-26 kube ngowama-30 ngoJulayi ka-2010. Injongo yale nkongolo kukupho-nononga iinkalo zopolotiko, zomthetho, zamalungelo oluntu, eziphakathi kwezizwe, zoqoqosho, zenkcubeko entlalweni neelwimi zentlalo kwinkonzo karhulumente okanye kwindlela yokutolikela abahlali. Ikomiti eququ-zelayo yamkela izicatshulwa ezingeniswayo, (zamagama angama-300 kubhalwe ngesiNgesi) ukuze kwaziswe abakhoyo kufundiswa, kungasetyenziswa amaphepha, amaxesha emibhalo esemaphepheni axhonywayo, amagqiza ajongene neengxoxo, ucweyo okanye iingxoxo zikawonke-wonke kudityenwe ndawonye. Umhla wokugqibela wokungeniswa kqwezicatshulwa nezindululo ngowama-31 ku-Oktobha ka-2009. Inkqubp yoyilo iya kufumaneka ngomhla wokuqala kuMeyi ka-2010. Ezinye iinkcukacha zilapha kwii-Critical Link 6 website, tyhila apha: www.aston.ac.uk/CL2010 okanye qhagamshelana noNjingalwazi Christina Schaffner apha: c.schaeffner@ aston.ac.uk. 



5th International Postgraduate Conference in Trans-lation and Interpreting: Ise-Heriot-Watt University, ese-Edinburgh eSkotlani ukususela ngomhla wama-21kube ngowama-22 kuNovemba ka-2009. Le nkongolo yeentsuku ezimbini iyilelwe ukunika abo basele benezidanga bokuguqula iilwimi nokuzitolika bephuma kwiinkalo zonke zophando, banikwa ithuba lokwazisa nokuxoxa ngolwabo uphando. Izicatshulwa mzithunyelwe apha: ipciti2009@gmail.com ngomhla wama-31 kuJulayi ka-2009. Ezinye iinkcukacha zilapha: http://www.ipciti.org.uk/



Globalization and Localization Association, GALA 2009: The business of language. The language of business: Yobakhona eCancun eMexico ukususela ngomhla we-14 kube ngowe-16 kuSeptemba ka-2009. Ezinye iinkcukacha zilapha: www.gala-global.org



Effective Minutes for Successful Meetings: Ucweyo oluthatha usuku lonke kwiZiko leeLwimi leDyunivesithi yaseStellenbosch, lungomhla wama-21 ku-Agasti ka-2009. Iinkcukacha neefom zokubhalisa zilapha: 

http://academic.sun.ac.za/taalsentrum/EVD. Ungabuzisa kulo: Audrey Poole at taalsentrum@sun.ac.za okanye tsalela umnxeba apha: 021 808 2167. Ubhaliso luyavalwa ngomhla wesi-5 ku-Agasti ka-2009.



7th International Conference on Translation: The para-textual elements in translation kunye ne-1st Inter-national Symposium for Young Researchers in Trans-lation, Interpreting and Intercultural Studies: kwi-Dyunivesithi ezilawulayo yaseBarcelona eSpain, ukususela ngomhla wama-21 kube ngowama-23 ngoJuni ka-2010. Kucelwa ukungeniswa kwamaphepha kwezo ziganeko zozibini. Le nkongolo yogxila kwimixholo enxulumene ne-paratextual polyhedron kwizifundo zokuguqulwa kwee-lwimi yaye ezi zifundo zakunikezela ngethuba labasebatsha abaphandayo abaqalisayo kumsebenzi wemfundo ephakamileyo ukuze bazise ngomsebenzi wabo. Ezinye iinkcukacha zilapha: 

http://www.fti.uab.es/departament/congres-simposi/international-conference-on-translation/index.htm



Korean Association of Translation Studies (KATS) International Conference: Translation and Global-isation, e-Sookmyung Women’s University eseSeoul yaseKorea, yoqala ngomhla wama-30 kude kube ngumhla wama-31 ku-Oktobha ka-2009. Ezinye iinkcukacha zilapha: 

http://www.kats.or.kr.



Inkongolo yemfundo ephakamileyo yamazwe ngamazwe: Théorie, pratique et didactique de la traduction spécialisée,yobanjelwa eCraiova yaseRumania, yoqala ngomhla wama-28 kude kube ngowama-29 kuMeyi ka-2009. Ulwaziso lwakwenziwa ngesiFrentshi okanye ngolwimi lwaseRumania. Ezinye iinkcukacha zilapha: 

http://dtil.unilat.org/colocviu_craiova_2009/



International Conference on the Role of Translation in the Dialogue of Civilizations, e-An-Najah National Uni-versity, eseNablus kwiWest Bank yasePalestine, yobanjwa ngomhla we-16 Novemba ka-2009. Xa nifuna ezinye iinkcukacha qhagamshelanani noNjingalwazi Yahya Jabr kule dilesi: yahyaj@najah.edu okanye apha: +972 598 910 539.

 



Iguqulelwe kwisiBhulu Isabel Claassen, Anne-Marie Beukes:

Iguqulelwe kwisiSotho:Abel Mphanya

Iguqulelwe kwisiXhosa: Angelinah Dazela

Iguqulelwe kwisiZulu: Manzo Khulu











__________________________________________________________________________________________________________________

Dintlha tsa go ikgolaganya le Setheo:

     Marion Boers. Mogala: 011 803-2681. Fekese: 0866 199 133. Imeili: publications@translators.org.za

     Irene Dippenaar. Mogala: 079 492 9359. Fekese: 086 511 4971. Imeili: registrar@translators.org.za

