

Year (Maize)											Xhosa



Omnye unyaka – elinye ibali lempumelelo



Instructions:

Folio strap: Umdla wohlobo olulodwa

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama

Photos: 	



Kwakhona, sifikelele esiphelweni somnye unyaka wempumelelo weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama yaseGrain SA. Wonke umsebenzi owenziwe ebudeni balo nyaka usisiphumo senkxaso-mali yobubele efunyanwa kwiMaize Trust.



UJane McPherson noWillie Kotzé, abakwiOfisi eyiNtloko yaseGrain SA eBothaville, balawula iNkqubo yoPhuhliso lwamaFama. Kuye kwadalwa esinye isikhundla esongezelelweyo “seNgcali: iiNkonzo zoPhando lwangaPhandle” kwaza kwanyulwa uDanie van den Berg kweso sikhundla. UDanie waziwa kakhulu kulo msebenzi uyilwayo kwaye ebesoloko esenza uqeqesho olubalaseleyo kwiminyaka emithathu edlulileyo. UDanie uchitha ixesha lakhe elawula abaqeshwa abakuphando lwangaphantsi – abaququzeleli bophuhliso lwamaphondo. Itheyibhile 1 idwelisa abanye abaqeshwa ababandakanyeka kulo msebenzi uyilwayo.



Itheyibhile 1:



Indawo				Umntu 				Injongo yesiKhundla 

Bothaville			Debbie Boshoff			Umncedisi waseOfisini

Zeerust				Tonie Loots			Umququzeleli wophuhliso lwephondo

Connie Mosikare 		Umncedisi waseOfisini 

Nelspruit			Jerry Mthombothi		Umququzeleli wophuhliso lwephondo

				Nonhlanhla Sithole		Umncedisi waseOfisini 

Mthatha			Lawrence Luthango 		Umququzeleli wophuhliso lwephondo

Nombulelo Makeleni		Umncedisi waseOfisini

Ladybrand			Johan Kriel			Umququzeleli wophuhliso lwephondo

				Jacinta Motloang		Umncedisi waseOfisini

Klerksdorp			Amos Njoro			Umququzeleli wophuhliso lwephondo

				Lerato Modise			Umncedisi waseOfisini 



Kwiindawo zokurhweba, sijolisa kakhulu kubavelisi asebekwibanga eliphambili njengoko sisazi ukuba ukuze siphumeze ubizo lwethu ‘Lokuphuhlisa abavelisi abanesakhono, abamnyama”, kufuneka sichithe ixesha sinike umvelisi ngamnye kwabo sebesendleleni eya kurhwebo. Kwiindawo ezingenalurhwebo kakhulu, siyaqhuba ngokujolisa kumaqela ofundo-nzulu, ndlela leyo eyonga imali kakhulu ukuze kunikwe inkonzo kumaqela amakhulu abavelisi. 



Inkqubo yoqeqesho iyaqhuba ngokukhula – ngezintlu zezifundo ezithe chatha, kananjalo nemfuno ebangwayo yezintlu zezifundo esoloko isanda. 



Kwakhona, sinombulelo omkhulu kwiMaize Trust ngenkxaso yayo esoloko iqhuba yale nkqubo– senza, kwaye siya kuqhuba ukwenza kangangoko sinako ukulawula le nkqubo ngendlela efanelekileyo, nokunika inkxaso encomekayo kubavelisi bethu. Sinovuyo kakhulu ngethuba esilinikwayo njengeqela elisebenza kunye lophuhliso. 

