Year (Maize) 							 	 IsiXhosa

		

Uphuhliso lwamafama lwaseGrain SA – kuphengululwa unyaka odlulileyo



Imiyalelo: 

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Njengabasebenzi kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaFama yaseGrain SA, sisikelelwe kwaye sinelungelo elilodwa lokuba yinxalenye lwento esikholelwa ukuba iya kwenza umahluko kwinkqubo yenguquko yezolimo yaseMzantsi Afrika. INkqubo yoPhuhliso lwamaFama yaseGrain SA izinikele ekuphuhliseni abalimi abanesakhono, abalondolozekayo, nabamnyama abarhwebayo. 



Ishishini lezityalo eziziinkozo, ngakumbi abalimi, bajongene namaxesha angumceli-mngeni kakhulu. Sijongene nolwabiwo lomhlaba ngokutsha kunye nembuyekezo, kufuneka sibe kukhutshiswano lwamaxabiso ezityalo eziziinkozo ehlabathini, sitsala nzima ngenxa yamaxabiso okhutshiswano amagalelo aphezulu kakhulu nangengawo awehlabathi, kanti umsebenzi wokufama siwenza elizweni elibharhileyo, nelijongene nalo ngokwalo neziphumo zobushushu behlabathi ngenxa yemikhwa yemozulu. Xa sithetha gabalala asinalunqongophalo lwemiceli-mingeni – kodwa, izisombululo azanelanga! 



Ulawulo.

Masiqhube ngokubala iintsikelelo zethu ezikwinkqubo – Sineqela labantu elisebenza kunye elingummangaliso. Masiqale namalungu olawulo lwesiGqeba saseGrain SA (Hoofbestuur). Usihlalo wenenekazi lethu, uNkskz Jenny Mathews unesakhono kangako, uyazibandakanya kwaye ungumntu ongayibandeziyo inkxaso yakhe. Besisikeleleke kakhulu kulo nyaka ukuba noMnu Schalk Viljoen ovela eNtshona-Koloni othe wazenza ukuba abe khona ukuze anike inkonzo kwiqela lethu . Kananjalo uthe wakhethwa njengosekela-sihlalo wekomiti. Sinovuyo ukuba naba babini uSchalk Viljoen noAndries Theron, bobabini ngabaseKoloni, ekomitini njengoko besiza nezimvo ezintsha nomnye umbono malunga nophuhliso lwabalimi. Sinamalungu athembekileyo nazinikele kakhulu kwiQela lokuSebenza. UMnu Gert Pretorius waseLichtenburg, uMnu Moss Malo ovela eDelareyville, uMnu Jabulani Zitha ovela eNigel, uMnu SK Makinana waseUgie noMnu Papi Nkosi waseHazyview. 



Kulo nyaka, sinovuyo kakhulu kukuba uMnu Karabo Peele naye uyinxalenye yeqela lokusebenza. Umele iMaize Trust, umxhasi wethu wemali ongundoqo. Sikwazile ukuthetha noMnu Dirk van Rensburg, owayesakuba lilungu lesigqeba esilawulayo ukuba ahlale elilungu leqela lokusebenza. UDirk ngumlimi ozinikela kakhulu nozibandakanya kakukhulu ovela eArlington, kwaye siluchwayitele uthakazelelo lwakhe lokusixhasa ngale nkqubo yophuhliso. 



Malunga nabasebenzi, siyandise le projekthi yafikelela kubasebenzi abali-17 bexesha elipheleleyo, nabali-13 abasebenza njengababhambathiswa. Ulwabiwo-mali lwenkqubo iphelele luphaya kwizigidi ezili-R14 (iminyaka yezemali yeeprojekthi ezahluka-hlukileyo yahluka ukusuka kunyaka wezemali waseGrain SA , nto leyo eyenza ukuba eli nani libe yintelekelelo ekufutshane). EBothaville, sinoJane McPherson (uMphathi weNkqubo), uGq Willie Kotzé (iNgcali: uQeqesho noPhuhliso), uMnu Danie van Den Berg (iNgcali: iiNkonzo zaseNtsimini), ooNksk Debbie Boshoff noAnnemarie de Beer (inkxaso yolawulo). 



Abasebenzi bendawo yengingqi bemi ngolu hlobo: 

Indawo
 
Umntu
 
Umncedisi
 

 
Ladybrand
 
Johan Kriel
 
Dimakatso Nyambose
 

 
Zeerust
 
Tonie Loots
 
Connie Mosikare
 

 
Klerksdorp
 
Amos Njoro
 
Lerato Modise
 

 
Nelspruit
 
Jerry Mthombothi
 
Nonhlanhla Sithole
 

 
Mthatha
 
Lawrence Luthango
 
Nombulelo Makeleni
 

 
Vryheid	
 
Jurie Mentz
 
Sydwell Nkosi
 

 
						

Kunyaka odlulileyo, besilusizi ukubulisa uNksk Jacinta Motloang obevela kwiofisi yaseLadybrand, obesishiya kuba amkele isikhundla sokufundisa eManyatseng noMnu Piet Potgieter oye kusebenza kwiVKB apho ayintloko yecandelo lophuhliso lwabalimi babo. Siyakuvuyela ukusebenza kufutshane noPiet Potgieter kwsikhundla sakhe esitsha. Sizibona njengenxalenye yeqela lophuhliso elikhulu ngakumbi eMzantsi Afrika kwaye siyakonwabela ukusebenza nabantu esabelana nabo ngombono wophuhliso. 



UMnu Jan de Villiers ovela eFicksburg, uvumile ukulawula iprojekthi yeWinter Cereals Trust kwiFree State eseMpuma. UJan ngumntu owaziwa kakhulu, umlimi oselethathe umhlala-phantsi onamava exesha lonke lobomi bakhe kumsebenzi wokulima ingqolowa (phakathi kwezinye izinto), nonentliziyo yokudlulisela phambili akwaziyo ukuze axhobise abalimi ngesakhono. UMnu Arthur Clayton ovela eSannieshof uqhubile ngokuthatha uxanduva malunga neProjekthi yamaZimba. 



Abanye abaqeqeshi abakwinkqubo ngaba: 

Umqeqeshi
 
Indawo
 

 
Eduard Foord
 
Ladybrand
 

 
Johan van der Merwe
 
Ladybrand
 

 
Attie Louw
 
Bloemfontein
 

 
Israel Mokoto
 
Wolmaransstad
 

 
Derrick Nqana
 
Nelspruit
 

 
Hendrik van Zyl
 
Cedara
 

 
Peter McGregor
 
Kokstad
 

 
Paul Jordaan
 
Barkley West
 

 
Andre Malan
 
Bloemfontein
 

 
Jan de Villiers
 
Ficksburg
 

 
Arthur Clayton
 
Sannieshof
 

 
Alphons Dube


 
Middelburg, Mpumalanga


 

 
Marius Greyling
 
Potchefstroom 
 

 


Umbulelo 

Le nkqubo iphelele inikwa inkxaso-mali ngabakwaGrain Trust, iMaize Trust, iWinter Cereals Trust, iOil and Protein Seeds Development Trust neSorghum Trust. IgaleloIgalelo elifakwa zezi-trust likhulu kangangoko. Ngaphandle kwazo incinci into ebinokwenzeka kummandla wophuhliso lwabalimi bezityalo eziziinkozo. Kwakhona, sibulela ngokungazenzisiyo ngegalelo lobubele – siyabaqinisekisa ngokuzinikela kwethu kuphuhliso lwabalimi. 





