

Year											Xhosa



Ukuphela komnye unyaka kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Instructions:

Folio strap: Umdla wohlobo olulodwa

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo wakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso

Photo: Dibana neqela laseBothaville lenkqubo yophuhliso yakwaGrain SA farmer: Ukusuka ekhohlo nguJane McPherson (umphathi wenkqubo), uWillie Kotzé (umququzeleli woqeqesho nolwazi), uDebbie Nel (umncedisi waseofisini), uJenny Mathews (ulawulo lwesigqeba: saseGrain SA) uNico Vermaak (umphathi: Iinkonzo zeMbumba, yakwaGrain SA). 



Sifikelele esiphelweni selinye ithuba lenkxaso-mali nonyaka wemali weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama yaseGrain SA. Wonke umsebenzi owenziwe kulo nyaka usisiphumo senkxaso-mali yobubele efunyenwe yile nkqubo kwiMaize Trust kwaye kufanelekile ukuba sivakalise imibulelo yethu, kananjalo nemibulelo evela kwiindlalifa zenkqubo. 



Njengoko kunjalo nakowuphi ummandla wophuhliso, inkqubela-phambili ihamba ngokwesantya somntu lowo kwaye kumaxa amaninzi sinokubonakala njengesicothayo – abanye abantu bakhawuleza kakhulu ukuqonda kanti abanye bathatha ithuba bezama ukwenza iinguquko ezifunekayo ukuze baqhubele phambili ukusuka kwisimo sangoku ukuya kwesinqwenelekayo. Isazobe esingenabugocigoci senkqubo yophuhliso sibukeka ngolu hlobo: 





Isimo sangoku 								Isimo esinqwenelekayo 





Kwinkqubo yethu, sisebenza nzima ukususa amafama kwisimo sawo sangoku, esahluka ukusuka kumfama ukuya komnye, siwase kwisimo esinqwenelekayo somfama orhwebayo, ozimeleyo nolondolozekayo. Imisebenzi eyilwayo eyahlukahlukileyo ekule nkqubo iyilwe ngendlela ehlangabezana neemfuno ezahlukahlukileyo zamaqela ahlukahlukeneyo zamafama. 



Ingxaki yangoku ecingelekayo 	Ukungenelela			Iziphumo ezinqwenelekayo













											

Farmers Days 		



















































Inkqubo isalawulwa eBothaville ubukhulu becala. Kwisakhiwo sequmrhu lakwaGrain SA, inkqubo le ingaphantsi kwesebe leeNkonzo zeMbumba elilawulwa nguMnu Nico Vermaak. Abanye abaqeshwa abakwinkqubo ngaba balandelayo:



Indawo				Umntu 				Injongo yeSikhundla 

Bothaville			Jane McPherson		Umphathi wenkqubo

				Debbie Nel			Umncedisi we-ofisi 

				Willie Kotzé			Umququzeleli woqeqesho nolwazi 

Zeerust				Tonie Loots			Umququzeleli wophuhliso lwephondo

Nelspruit			Jerry Mthombothi		Umququzeleli wophuhliso lwephondo

				Nonhlanhla Sithole		Umncedisi we-ofisi

Cathcart			Philipp Olivier			Umququzeleli wophuhliso lwephondo

Ladybrand			Johan Kriel			Umququzeleli wophuhliso lwephondo

				Jacinta Motloang		Umncedisi we-ofisi

Klerksdorp			Amos Njoro			Umququzeleli wophuhliso lwephondo

				Lerato Modise			Umncedisi we-ofisi 



Eli xesha lonyaka lehlobo elidlulileyo belinzima kakhulu ngenxa yembalela ebinobuzaza nechaphazele iindawo ezibanzi zommandla wethu ofumana iimvula ehlotyeni – amanye amafama awakwazanga kulima kwaphela, abanye balima kodwa phantse ababi naso nesinye isityalo abasivunayo, lo gama iindawo ezimbalwa bezineemeko ‘eziqhelekileyo’. Kwiziganeko ezininzi amafama alima isityalo ngemali ebolekiweyo – mhlawumbi evela ezibhankini okanye kumashishini ezolimo (iiCo-ops zakudala) – xa kusenziwa uthelekiso ambalwa amafama athatha i-inshorensi yegalelo kuba imida yenzuzo kwimveliso yezityalo isezantsi kagangokuba bazama kangangoko ukugcina iindleko zisezantsi kangangoko. 



Ngexesha lonyaka elifana neli kubakho iqela lamafama angakwaziyo ukubuyisa iimali-mboleko zawo zemveliso ukuze ke ngoko angakwazi kufikelela kwimboleko yemali yokulima isityalo esilandelayo. Xa ubani esebenzisana namafama akholisa ukungabi namali eyinkunzi yokuqalisa ishishini, unyaka ofana neli xesha lonyaka lidlulileyo yintlekele kwaye linokwenzakalisa uphuhliso oluya kurhwebo. 



Inkqubo yethu yamafama eseyikwibanga eseliphambili iphuhla kakuhle ngokunjalo sinikele Izifundo zeAgribusiness zethu zokuqala kwiqela elikhethiweyo lala mafama. Ukunikelwa kwezi zifundo ngokunjalo kunye nempumezo yomsebenzi olandela emva kwezifundo kubonwa yinkqubo njengenyathelo lokugqibela esilithatha nomfama elisingise kwilinge lokurhweba. Esi sifundo siqukanisa ndawonye lonke ulwazi oluqulethwe kwezinye izifundo kwaye sijolisa umfama kwimimandla engundoqo yomsebenzi ukuze akwazi ukuqolosela kwinyathelo ngalinye lenkqubo yomsebenzi wemveliso ngexesha elichanekileyo nangokwemigangatho echanekileyo. 



Inkqubo yethu yoqeqesho iye yaba nonyaka oxakekileyo – zibe ngaphezulu kuma-80 izifundo ukususela ekuqaleni kuOktobha 2006 ukuya kuma-30 Septemba 2007. Izifundo ziyaqhuba ngokwamkelwa kakuhle kakhulu, ingxelo evela kumafama intle kwaye soloko becela izifundo ezongezelelweyo. Sizinika izifundo ukususela ngoFebhuwari ukuya kuNovemba ngonyaka ngamnye, ngamanye amaxesha, amafama sukuba exakeke kakhulu emasimini abo nto leyo eyenza kube nzima ukuya ezifundweni. Ngezi nyanga zehlobo, sijolisa kwiimvavanyo zemiboniso, kwiintlanganiso zamaqela ofundonzulu, nenkxaso kumafama ngamanye.. Kanti siphinde safumana impendulo entle kubaphathi besolulo besebe lezolimo ngokunjalo sinethemba malunga nonyaka ozayo wemali apho siya kukwazi ukubancedisa ngezifundo ezenziwa ngesandla - ukusetyenziswa kweengcingane entsimini yintsilelo enkulu kwaba baphathi besolulo. 



Siyaqhuba ngokusasaza kwizikhululo ezine zikanomathotholo, iLesedi, iMotsweding, iLigwalagwala kananjalo Umhlobo Wenene – lo usengumjelo obalaseleyo wokuqhagamshelana namafama – asingomjelo wothutho kwezobugcisa kuphela, kodwa ngowokwazisa amafama ngemicimbi malunga nenkqubo. 



I-Pula-Imvula iyaqhuba – seyide yaba ngomnye wemisebenzi eyilwayo ‘othandwayo’ kwinkqubo kwaye asikhe sisilele nto leyo eyenza ukuba sibe nebhongo ngemagazini egqibekileyo. Baliqela abantu abanegalelo kwinkqubo iphelele – abaqeshwa abakwinkqubo, abanye abaqeshwa abangaphakathi kwaGSA, abaqeshwa bakwaARC-GCI ePotchefstroom, abaguquleli beelwimi abahlala bephantsi koxinzelelo lokuqinisekisa ukuba umsebenzi bawugqiba ngokwemida yexesha elingqongqo abalisikelweyo, abaqeshwa kwimisebenzi yangaphakathi (abahleli nabapapashi), abashicileli nabathumeli beposi yezixa ezikhulu – oko kusenziwa qho ngenyanga! IPula-Imvula yamkelwa ngovuyo olubalaseleyo kwaye abafundi bayo basoloko besanda okoko - senza ngaphezulu kweekopi ezingamawaka ali-16 500 ngenyanga nganye kwaye olu ludwe luyanda. 



Kwakhona sibulela kwi-Maize Trust ngenkxaso enganqumamiyo yayo yale nkqubo. 







