Work (Maize) (410 words) 									Xhosa



Ngubani ofanele ukwenza umsebenzi kwifama yakho?



Instructions: 

Folio strap: Ukongezelela ixabiso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama

Photo 1: “Amasimi alungileyo nacocekileyo” kajongilanga.

Photo 2: “Amasimi angalunganga nangcolileyo” kajongilanga.



Kwezi ntsuku, uphuhliso lwamafama asingomsebenzi ulula kwaye ufuna ukuzinikela nengqiqo. Abavelisi badibana nemiceli-mngeni eyahluka-hlukileyo njengoko kudweliswe ngezantsi.



Akukho nto ilula malunga nomsebenzi wokufama naxa abavelisi belawula uluhlu olubanzi kwaye bengena emingciphekweni emikhulu. 

Amaxabiso exesha langoku egalelo enza ukuba kube nzima kakhulu ukufumana inzuzo kwimveliso yezityalo ezondliwa ngemvula kwiindawo ezininzi zaseMzantsi Afrika. 

Ixabiso eliphantsi lezityalo eziziinkozo libeka uxinzelelo oluphezulu kakhulu kwinzuzo yemveliso yezityalo. 

Amanqanaba enzala aphezulu kakhulu kanti neendleko zoomatshini zixhome kakhulu. 

Abavelisi abanamava okurhweba batsala nzima – kubekela phi ke kubavelisi abasaphuhlayo? Bona batsala nzima nangaphezulu. 



Ngokubhekiselele kumanqaku ambalwa akhankanywe ngasentla, kucacile ukuba ukwenza uphuhliso lwamafama phantsi kwezi meko akululanga. Omnye wemiceli-mngeni emikhulu abajongene nayo abavelisi abasaphuhlayo kukufikelela kwimali-mboleko yomsebenzi wemveliso. Abaninzi bathi benawo umhlaba noomatshini (abanye bekwimeko encomeka ngokubalaseleyo), kwaye befumana uqeqesho nenkxaso, kodwa babe beswele imali. Iindleko ezisisixa esipheleleyo sokuvelisa izityalo siphezulu kakhulu – phakathi kwama-R4 000 nama-R5 000 ngehektare nganye (kuxhomekeke ekubeni sesiphi isityalo, phi njl.njl.).

Kwinkqubo yophuhliso lwamafama kulo nyaka, sithe sajongana neseti entsha yemiceli-mngeni. Kubekho umkhwa phakathi kwababolekisi ngemali wokukhuthaza abavelisi ukusebenzisa ababhambathiswa bezolimo ukusebenza emasimini abo nokutyala izityalo. Zibe nkulu iingxaki eziye zahamba nalo mgaqo okanye le ndlela kwaye ezinye zezifundo ezifundiweyo zibe nexabiso eliphezulu kakhulu. 

Iifoto ezihamba neli nqaku zithetha lukhulu. “Amasimi alungileyo nacocekileyo” kajongilanga ngaloo masimi apho abalimi abasaphuhlayo bathe basebenzisa iitrektara zabo nezixhobo zabo ukwenza umsebenzi. “Amasimi angalunganga nangcolileyo” ngaloo masimi ayesetyenzwe ngababhambathiswa. Kubonakala ngokucacileyo ukuba ingeniso yamasimi “asetyenzwe ngababhambathiswa” iza kuba phantsi kakhulu kunengeniso yamasimi “asetyenzwe ngabavelisi”. Eyona nto inkulu yeyokuba iindleko zokusebenzisa umbhambathiswa, zizongeza kakhulu iindleko zegalelo. 

Sicela ukuba nizibuze oku: Ngokujonga iifoto, ngubani ofanele ukwenza umsebenzi – ngumvelisi okanye ngumbhambathiswa? Yinkolelo yethu ukuba sifuna ukuphuhlisa abavelisi abamnyama abanesakhono abarhwebayo abazenzela wonke umsebenzi wabo ngokwabo. 

