Prys												Xhosa

Sikhangela emva kwixabiso lengqolowa lowama-2007 



Instruksies: 

USakkie van Zyl, ingcali kwezoqoqosho: Uphando ngommandla wentengiso, Ukunikwa kweNkonzo ngeMpahla yoRhwebo, eGrain SA

Amaxabiso engqolowa eHlabathi naweSafex

Umhla

Ingqolowa yaseSafex

Iindleko zothutho ngenqanawa ukuya eRSA

Ukusuka eArgentinia ukuya eMzantsi Afrika

Ukusuka eUSA Gulf ukuya eMzantsi Afrika

Ukuphela kweveki





Kunzima ukukholelwa ukuba ixabiso leSafex lengqolowa likaFebhuwari 2007 belisephantsi kwenqanaba le-R1880/ngetoni, emva kokuba ixabiso belikwincochoyi yama-R3 460/ngetoni ngowe-18 Septemba. 



Nangona ukunyuswa kwexabiso bekunika ithemba, ngokwecala lomvelisi weenkozo, abavelisi abafumene inzuzo xa kunyuswa ixabiso (nangencochoyi) ibe ngabo abebelondoloze esinye sesityalo sabo kuphela ngowama-2006/2007, okanye abo bathathe izikhundla zethuba elide kwiSafex. Ngelishwa, bathande ukuba mbalwa abavelisi abakwaziyo ukugcina isityalo sabo kumathuba amade emva kokuvuna, kuba benokuba semngciphekweni wamaxabiso athotyiweyo. Abavelisi banokubuza ukuba, ingaba bebephi oochwepheshe? Bekutheni ukuze abavelisi banganikwa icebiso eliphucukileyo? 



Ngelishwa, ulwazi olukhoyo olufumaneka phucukileyo nangeliphi ixesha alunakubonwa njengombandela ekuphela kwawo onokuqinisekisa isigqibo esilungileyo sokuthengisa. Ikhona neminye imibandela eliqela, enokubandakanya imozulu njengowona ubalulekileyo, nodlala indima kumaxabiso ahla esenyuka nangenakuqondwa ngokuqinisekileyo kwangethuba elingaphambili. 



Itheyibhile 1 ibonisa amaxabiso engqolowa yehlabathi ukususela ngowama-2005, kubandakanywa iingqikelelo zemveliso yehlabathi zexesha lonyaka lowama-2007 nathe abekwa ekupheleni kukaFebhuwari, ngokunjalo neengqiqo ezizezona zakutshanje. Imveliso yehlabathi yexesha lonyaka wama-2007 icingeleka kwizigidi zeetoni ezingama-623,7, ngenxa yokwanda kwendawo elindeleke ukuba ingalinywa, ukuze isivuno silindeleke ukuba sibuyele kwisiqhelo. Ukuba le ngqikelelo ibiphunyeziwe, bekuya kubakho iitoni ezizizigidi ezingama-33,5 ngaphezulu (6,7%) zengqolowa efumaneka entengisweni ngexesha lonyaka lama-2006. Ngokusetyenziswa kwayo kwihlabathi okumalunga neetoni ezizigidi ezingama-620, kuya kubakho ngaphezu kwengqolowa eyaneleyo entengisweni ukuze kuhlangatyezwe imfuno yayo ebangwayo. 



Itheyibhile1: Imveliso yengqolowa kwihlabathi liphelele (iitoni ezizizigidi).

 
 
2005
 
2006
 
2007
 

 
 
 
 
 
 
 
Feb
 
Sep
 
Sep vs Feb
 

 
Awona mazwe abalulekileyo athumela ngaphandle
 

 
 
 
 
 
 
 
 
 

 
Argentinia
 
12,6
 
14,2
 
14
 
14,5
 
0,5
 

 
Australia
 
25,4
 
9,8
 
21
 
13,5
 
-7,5
 

 
Canada
 
26,8
 
25,3
 
25
 
20,5
 
-4,5
 

 
European Union
 
122,7
 
125,3
 
137,5
 
121,7
 
-15,8
 

 
USA
 
57,3
 
49,3
 
56
 
57,5
 
1,5
 

 
Amanye amazwe abalulekileyo
 
 
 
 
 
 
 
 
 
 
 

 
China
 
97,5
 
104,5
 
100
 
107
 
7
 

 
India
 
68,6
 
69,4
 
74
 
74,9
 
0,9
 

 
Pakistan
 
21,7
 
21,7
 
22
 
23,3
 
1,3
 

 
Kazakstan
 
11
 
12,5
 
12,5
 
14,5
 
2
 

 
Russia
 
47,6
 
44,9
 
48
 
46
 
-2
 

 
Ukraine
 
18,7
 
13,8
 
16,5
 
13,7
 
-2,8
 

 
Isixa sehlabathi 
 
620,3
 
590,2
 
623,7
 
601,4
 
-22,3
 

 

 

 

 

 

 

 

 
Umthombo : Ibhodi yeHlabathi yeziTyalo eziziiNkozo.



Njengesiphumo seemeko zemozulu ezingafunekiyo, amazwe ahlukahlukileyo abalulekileyo avelisa ingqolowa athobe iingqikelelo zawo zezityalo amaxa amaninzi ngexesha lonyaka wama-2007, kanti ekupheleni kukaSeptemba 2007, imveliso eqikelelwayo ibiziitoni ezizizigidi ezingama-601,4. Oku bekunganeno ngeetoni ezizizigidi ezingama-22,3 kunengqikelelo kaFebhuwari 2007 – oku kubange ukwanda okukhulu kwixabiso lengqolowa yehlabathi. 



Igrafu 1: Inyanga yobhambathiso eyiyeyona ikufutshane yeSafex, kunye nexabiso lothutho lwasimahla leNgqolowa yaseArgentinia neNgqolowa yaseUSA eLukhuni eBomvu (ngeeUS Dollars ngetoni nganye). 

Umthombo:Ibhodi yeHlabathi yeziTyalo eziziiNkozo, isiseko seenkcukacha sakwaGrain SA.



Ixabiso laseArgentina lengqolowa belirhweba nge$177/ngetoni nganye ngoFebhuwari 2007 laza lanyuka njengokulindelekileyo laba ngama-$355/ngetoni nganye (iGrafu 1) . Esi sisandiso se-$158/itoni okanye ama-89%, naxa kukho ukwanda okuncinci kwisityalo saseArgentina ukususela kwiingqiqo zikaFebhuwari. Ixabiso lothutho lwasimahla lengqolowa eLukhuni eBomvu yaseUSA kwiGulf yalathe lo mkhwa, nangona bekukho ukwanda kwetoni ezizizigidi ze-1,5 kwisityalo sengqolowa yaseMelika ukususela ekupheleni kukaFebhuwari (Itheyibhile 1). 



Ngenxa yeemeko zemozulu ezingafunekiyo eAustralia, eCanada naseEuropean Union, isityalo sacutheka kakhulu, kwaza oku kwabanga ukucutheka okukhulu kwizicuku ezigciniweyo zengqolowa yehlabathi ngowama-2007 – kanti oku kubeka uxinzelelo kwixabiso ukuba kwande ummandla wentengiso wehlabathi. 



IGrafu 1 ibonisa ukuba ixabiso leSafex (lenyanga eyiyona seyisondele), nelivakaliswa nge-$/toni lilandele ixabiso lengqolowa lehlabathi ngonyaka wama-2007. Ukususela ngoFebhuwari, ixabiso leSafex linyuke malunga ne-$200/itoni nganye, xa kuthelekiswa nokunyuka nge-$158/itoni kwengqolowa yaseArgentina nokunyuka nge-$143/itoni kwengqolowa yaseUSA eluKhuni eBomvu. 



Ukunyuka okuthe chatha kwixabiso lengqolowa yeli lizwe ngokwe-dollar xa kuthelekiswa nexabiso lehlabathi kunokuchazwa ubukhulu becala kukwanda kweendleko zothutho ngenqanawa. NgoFebhuwari 2007, iindleko zako zibe malunga ne-$43/itoni ukuthutha ingqolowa ngenqanawa ukusuka eArgentinia ukuya eMzantsi Afrika, ne-%48/itoni ukusuka kwi-Gulf ukuya eMzantsi Afrika. Njengesiphumo semfuno ekhulayo sothutho ngenqanawa, iindleko phantse ziphindaphindwe kabini kulo nyaka. Okwangoku iindleko zimalunga ne- $73/itoni ukuthutha ingqolowa ukusuka eArgentinia, ukuze ibe yi-$88/itoni ukuthutha ingqolowa ngenqanawa ukuya eMzantsi Afrika ukusuka kumazibuko kwi-Gulf (iGrafu 2). Ngokwe-R6,85/$, kubonakala ukunyuka kweendleko zokuthutha ngenqanawa ukususela ngoFebhuwari 2007 ngeR219/itoni. 



Igrafu 2: Iindleko zothutho ngenqanawa ukuya eMzantsi Afrika (ngokwe-US $ ngetoni nganye)

Umthombo: Ibhodi yeHlabathi yeziTyalo Eziziinkozo.



Elokugqibela

Imveliso ecuthekileyo yengqolowa yehlabathi elindelekileyo idlale indima ebalulekileyo ekunyukeni kwexabiso lehlabathi lengqolowa, kanti ngenxa yokuba uMzantsi Afrika kufuneka uthenge ngaphandle phantse inxalenye enye kwezintathu zemfuno yeli lizwe, ukunyuka kwexabiso lehlabathi kukhokelele ekunyukeni kwexabiso laseMzantsi Afrika. Iindleko ezinyukileyo zothutho ngenqanawa zibeka uxinzelelo oluthe chatha kwixabiso leli lizwe njengoko zibange ukunyuka kokuthenga ngaphandle. Kananjalo ukunyuka kwexabiso lehlabathi kuphinde kwabonakalisa indima enkulu edlalwa yimozulu kumaxabiso eemveliso zezolimo. Kanti njengoko sonke sisazi kakuhle, kunzima ukuqikelela ukuba iNdalo enguNozala iya kwenza ntoni. 

