Weeds											Xhosa



Sisemfazweni NOKHULA

Instructions:

Folio strap: Ukutshatyalaliswa kokhula

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Olona tshaba lubi lomlimi lukhula kanti kwinkqubo yethu yophuhliso senze isigqibo sokuba lo ngunyaka wemfazwe nokhula! 



Kwiindawo ezininzi apho kuveliswa khona izityalo zasehlotyeni eli xesha lonyaka libe lelona lihle kakhulu malunga nemveliso. Ngelishwa xa iimeko zilungele izityalo, zikwalungela nokhula. Kulo nyaka kubekho amasimi apho kube nzima khona ukubona izityalo phakathi kokhula kanti ilahleko ebangwa yile meko kumfama ilisikizi ekunzima ukulicinga. Kwiminyaka embalwa edlulileyo bekungelulanga kubalimi bezityalo kwaye bekunzima ukwenza inzuzo – ilahleko elolo hlobo asiyomfuneko kwaye asinakuphinda siyinyamezele. 



Usenokuzibuza ukuba kutheni kuyimfuneko ukukhathazeka ngokhula ngoEpreli. Okwangoku, akukho mfuneko yokuzama ukutshabalalisa ukhula kwisityalo sangoku kuba umonakalo sowenzekile. (ngaphandle kokulunqanda ukuba lungabekeli imbewu enokuhlasela amasimi kunyaka ozayo). Nangona kunjalo, ukuze ulwe notshaba ngendlela encomekayo, kufuneka ulwazi utshaba lwakho – akunakuze ukwazi ukulwa nento ongayaziyo nongakwaziyo ukuyichonga. Ngoku ithuba liselihle kakhulu lokuba umntu aye emasimini akhe ajonge ukuba loluphi ukhula olukhula apho – ukhula olulapho ngoku ngokuqinisekileyo luya kuba lulapho nakunyaka ozayo (kanti kunyaka ongaphaya kwalo uzayo kuya kuba nzima ngakumbi ukuba akuluthatheli amanyathelo anamandla okulutshabalalisa). 

Luchonge ukhula;

Phawula iingongoma malunga nokuba loluphi ukhula oluxhaphake kakhulu emasimini akho;

Fumanisa ulwazi ngokhula olubonileyo – ingaba:

Lolwamagqabi abanzi;

Lolwamagqabi amxinwa (njengawengca);

Luziphinda-phinda njani – ingaba yimbewu, okanye ziingcambu, okanye ziingqakumba njl.

Yeyiphi indlela eyiyona ibalaseleyo yokutshabalalisa olo khula kwizityalo (lujikeleziso lwezityalo, kukulutshabalalisa ngoomatshini okanye kukulutshabalalisa ngemichiza yokubulala ukhula);

Kufuneka olu khula luhlaselwe nini enyakeni (mhlawumbi ngexesha lasebusika phambi kokuba utyale isityalo esilandelayo);

Yeyiphi imichiza ebhaliselwe ukusetyenziswa kolo khula?

Kufuneka ifakwe nini imichiza elukhuleni/okanye emhlabeni? 



Wakuba ulufumene lonke ulwazi ngokhula oluyingxaki kuwe, uya kuba kwisimo esilungileyo sokulutshabalalisa kwixesha lonyaka elizayo – zilungiselele ukuba uphumelele kuloo madabi de uphumelele nasemfazweni! 

