Weather											Xhosa



Iintelekelelo zemozulu zexesha lonyaka lomsebenzi wemveliso wehlobo lowama-2007/2008



Instructions:

Folio strap: Imozulu

Byline: NguCorné Louw, ingcali yezoqoqosho kwezolimo: Imveliso/Amagalelo, Grain SA

Isazobe 1 - Novemba

Isazobe 2 - Decemba

Isazobe 3 - Janyuwari

Isazobe 4 - iBothaville

Isazobe 5 -i Reitz

Isazobe 6 – iScheizer-Reneke

Isazobe 7 –i Bethal

Okunokuthelekelelwa

Iinyanga





Imvula yexesha lonyaka elidlulileyo, ngakumbi ithuba elibaluleke kakhulu ukususela kuJanyuwari 2007 ukuya kuMatshi 2007 belome ukudlula owe-1992 unyaka ekwaxelwa ngawo eyona mbalela yakha yaxhalabisa. Kwakukho imimandla, ngakumbi kwiindawo ezingqonge iGauteng neendawo ezisentshona yaseMpumalanga ezathwaxwa yeyona mbalela eyayinobuzaza ukususela ngowe-1912. 



Ngokoluvo lukaMnumzana Johan van den Berg wase-ARS, kukho iimpawu zophuhliso ze-La Nina ezithe chatha ngamandla ngendlela elindelekileyo. Kulindeleke ukuba isiphumo se-La Nina sivakale de kube seKwindla ngowama-2008. Isiphumo soku kukuba amathuba eemvula ezintle aphakame kakhulu ngethuba elibaluleke kakhulu ukususela ngoDisemba wama-2007 ukuya kuMatshi wama-2008. 



Izazobe 1 - 3 zibonisa amathuba okufumana imvula eqhelekileyo obona buncinci. Iindawo ezityheli zibonisa imvula yesiqhelo, eziluhlaza zibonisa imvula engaphezu kweqhelekileyo, ukuze ezintsundu zibonise imvula engaphantsi kweyesiqhelo. Iintelekelelo zeenyanga ezizayo zezazobe zemvula elindelekileyo zibonisa imvula eqhelekileyo (kwezityheli) ukuya kwengaphezu kweqhelekileyo (kweziluhlaza). Amathuba emvula mahle ngakumbi kuDisemba 2007 nakuJanyuwari 2008. 



Isazobe 1 - 3: Enokubakho ipesenti (%) yemvula yesiqhelo/elindelekileyo obona buncinci.

Ezibomvu: Nganeno kuma-20% ethuba lemvula yesiqhelo/elindelekileyo.

Ezintsundu kakhulu: ama-20% ukuya kuma-40% ethuba lemvula yesiqhelo/elindelekileyo.

Ezityheli: ama-40% ukuya kuma-60% ethuba (lemvula yesiqhelo/elindelekileyo).

Eziluhlaza: ama-60% ukuya kuma-80% ethuba (ngaphezu kweyesiqhelo/kwelindelekileyo).

Eblowu:	Ngaphezukwama-80% ethuba (ngaphezulu gqitha kweyesiqhelo/elindelekileyo).



Ithemba malunga nemimandla ngaminye 

Okunokwenzeka kukufumana imvula yama-20 mm obona buncinci kwithuba leentsuku ezili-10 sekubaliwe kwimimandla ethile – oku kunokubonwa Kwizazobe 4 - 7. Okulindelekileyo okusekwe kwisiqhelo sethuba elide kwalathwa ngombala obomvu, ukuze okucingeleka ukuba kunokwenzeka kweli xesha lonyaka kubonakaliswe ngombala oblowu (2007/2008). 



Imimandla eblowu yalatha amathuba anexesha elihle lemvula engaphezu kweyesiqhelo. Xa kunikwa uphuhliso lwe-La Nina, amathuba emvula elungileyo akholisa ukuba ngoDisemba, kwinxalenye yokuqala kaJanyuwari, ngokunjalo ekuqaleni kukaFebhuwari 2008 ukuya kuMatshi-2008. 



Ulwazi olungentla luhlanganiselwe nguMnu Johan van den Berg wase-ARS. Ulwazi olungaphaya kolunikiweyo lufumaneka kwisiza sothungelwano sakwa-Grain SA (www.graansa.co.za). 





