Water (Maize) 										Xhosa

Ukuqonda umjikelo wamanzi



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezelelwa kwexabiso

Byline: Ulwazi lufunyenwe kwiMveliso yoMbona phantsi kwencwadi yoqeqesho ngokuNkcenkcesha

Photos: Use the water cycle photo

 Use the transpiration photo



Umhlaba unesixa samanzi esinyiniweyo esisoloko sijikeleza. Oku kwaziwa ngokuba ngumjikelo wamanzi okanye umjikelo wezamanzi. 

Umjikelo lo wenziwa ziinxalenye ezimbalwa ezisentloko, ezaziwa ngolu hlobo:

Ukuqhuma kwamanzi njengomphunga nokumfimfa kwamanzi;

Ukujiya komphunga ube ngamanzi;

Ukuwa kwamathontsi; kananjalo 

Ukuqokelelana. 



Ukuqhuma kwamanzi njengomphunga 

Ukuqhuma kwamanzi njengomphunga kwenzeka xa ilanga ligqatsa amanzi emilanjeni okanye emadamini ukuze amanzi ajike abe ngumphunga. Lo mphunga uyanyuka uye emoyeni ushiye umlambo okanye idama. 



Ukumfimfa kwamanzi

Ukumfimfa kwamanzi yinkqubo apho izityalo zilahlekelwa ngamanzi aphuma emagqabini. Ukumfimfa nokuqhuma kwamanzi njengomphunga ziinkqubo ezimbini athi amanzi abuyele emoyeni ngazo. 



Ukujiya komphunga ube ngamanzi

Ukujiya komphunga ube ngamanzi yinkqubo apho umphunga osemoyeni usuka ubande uze uphinde ujike ube kwisimo solwelo, ngolo hlobo kubumbeke amafu. 



Ukuwa kwamathontsi

Ukuwa kwamathontsi kwenzeka xa umphunga umninzi kangangokuba ujiye ube ngamanzi angasakwaziyo ukubanjwa ngumoya. Amafu asuka abe nzima aze amanzi awe ebuyela emhlabeni njengemvula, isichotho, iliqhwa, okanye ikhephu. 



Ukuqokelelana

Xa amanzi ebuyela emhlabeni njengamathontsi awayo, asenokubuyela kwiilwandle, emadamini okanye emilanjeni okanye asenokugqibela ngokuphelela emhlabeni. Xa ephelela emhlabeni, amanzisa umhlaba aze abe yinxalenye “yamanzi angaphantsi komhlaba” anokusetyenziswa zizityalo nezilwanyana, okanye anokuqengqeleka aze aqokelelane njengemifula, amadama, imilambo ukuze ekugqibeleni abe selwandle – ize inkqubo iqalise kwakhona. 



Kutheni izityalo zifuna amanzi?

Amanzi agcina isityalo simi nkqo. Ulutho esenziwe ngalo isityalo lunokuqulatha ama-90% amanzi okanye nangaphezulu. Inkoliso yencindi yeseli ngamanzi ukuze wona agcine imicu yesityalo yomelele. Xa isityalo singenamanzi awaneleyo siyabuna sijinge. Ukulahleka kwamanzi okukhulu kubanga ukufa.

Amanzi apholisa isityalo ngokumfimfa kwawo.

Amanzi ayinxalenye eyakha isityalo, athi xa ekunye nesile (carbon dioxide), izityalo ziwasebenzise ekuyileni izityo ezinika amandla (carbohydrates).

Amanzi alulwelo olusisinyibilikisi kwaye athutha iityuwa ezinyibilikileyo emhlabeni ngokuhamba ngeengcambu ukuya kwisityalo siphelele.



