Voice (Maize) (960)									Xhosa

Ilizwi lentlanganiso yabavelisi



Imiyalelo: 

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama 



Ngethuba le-NAMPO 2009, amalungu aliqela eKlabhu ye-250 Ton nabavelisi asebekwibanga eseliphambili benkqubo bebemenywe ukuba baye entlanganisweni. Kuthe kwacaca ukuba lifikile ixesha lokuphuhlisa abavelisi abamnyama bezityalo eziziinkozo lokuba babe nelizwi ukuze babonisane ngemibandela abayibona ibalulekile. 

Ngomhla wesi-8 Septemba 2009, kwabanjwa intlanganiso nabavelisi ababekhethwe ngenyanga kaMeyi kwaza kwandlalwa imibandela elandelayo: 

Inzuzo efumaneka emsebenzini wokufama izityalo eziziinkozo;

Ukwabiwa komhlaba ngokutsha;

Iimali-mboleko zemveliso; kananjalo

Indima karhulumente kuphuhliso lomvelisi;

Ikalika nee-phosphate;

Ukubuyiselwa kwesimo sokusetyenziswa koomatshini kwezolimo; kananjalo

Ukuphakanyiswa kweinshorensi yegalelo.



Inzuzo efumaneka emsebenzini wokufama izityalo eziziinkozo

Kukho umbuzo osisiseko uMzantsi Afrika ofanele ukuzibuza wona – ingaba siyafuna na ukukwazi ukuzimela malunga nokutya, okanye ingaba sifuna ukuzibeka esichengeni sokuxhomekeka ekutyeni okuthengwa emazweni angaphandle na? Inzuzo efumaneka kwimveliso eziinkozo iphantsi koxinzelelo oluxhalabisayo kwaye sekuphantse kwayinto engenakwenzeka ukuba abavelisi bavelise izityalo eziziinkozo ngendlela elondolozekayo. Abavelisi banike izizathu ezilandelayo ezibanga inzuzo ephantsi: 



Umceli-mngeni
 
Isisombululo esinokubakho 
 

 
Abavelisi baseMzantsi Afrika, abalima ubukhulu becala umhlaba obharhileyo, banyanzelekile ukuba bakhuphisane nezityalo eziziinkozo ezivela emazweni angaphandle. Iinkozo eziveliswa phantsi kweemeko eziphucukileyo zemozulu, kwaye ezinye zazo zifumana inkxaso-mali kwabanye oorhulumente. 
 
UMzantsi Afrika awufanelanga kuvumela “ukuba yindawo yokulahlela” okwenziwa ngamanye amazwe aphuhlileyo.


 

 
Uthutho ngomgaqo kunexabiso eliphezulu kanti isixokelelwano sikaloliwe asisebenzi ngokwaneleyo.
 
Isixokelelwano sothutho ngololiwe kufuneka sibuyiselwe kwisimo sokuphila.
 

 
Akukho zindleko ezihlawulwa ngabathengisi bamazwe angaphandle nto leyo ibinokukhusela abavelisi beli lizwe. 
 
Iindleko ezihlawulwa ngabathengisi bamazwe angaphandle zibalulekile ukuze kukhuseleke abavelisi bethu.
 

 
Kumaxesha amahle onyaka, umbona uvelisa ngaphezu kokuba bekulindelekile, kanti azikho ezinye izityalo ezinokulinywa ngabavelisi abanokwenza inzuzo ngazo – amazimba, ujongilanga, neembotyi zesoya ziveliswa ngezixa ezikhulu, ukuze ixabiso lexesha langoku lengqolowa likwenze kube yinto engenakwenzeka ukuyilima phantsi kweemeko zomhlaba owomileyo. 
 
“Isicwangciso sokuguqula amadlelo” masiphunyezwe ukuze yonke imihlaba ecekethekileyo ikhutshwe kwimveliso yezityalo eziziinkozo ibe ngamadlelo okuvelisa inyama nemicu. 


 

 

 
Imimandla yentengiso yeenkozo mayandiswe. 
 

 
Izenzo ezilungileyo zomsebenzi wokufama neenkqubela kwezobugcisa zandise izivuno kangangokuba kude kwabaxeka ukuveliswa kwazo. 
 
Kufuneka abavelisi baphumeze izenzo zomsebenzi wokuvelisa ezinciphisa ukuhlakula okanye ezingakuhlakulisiyo ukuze kucutheke iindleko.
 

 
Sikhulu kakhulu isithuba esivuleke phakathi kwexabiso elichongwa ngumvelisi ngemveliso yakhe nexabiso elihlawulwa ngumsebenzisi ngokutya oko – ukuba umntu-ophakathi uthathe inzuzo enganeno, bobabini umvelisi nomsebenzisi banokuzuza phucukileyo. 
 
Ulwazi malufumaneke ukuze wonke umntu kwityathanga lokutya azazi iindleko ezibandakanyekayo.
 

 
Iindleko eziphezulu zamagalelo.
 
Iziganeko zamayelenqe amaxabiso kufuneka ziphandwe ngocoselelo.
 

 
Iindleko eziphezulu zemali ebolekiweyo. 
 
I-Land Bank kufuneka yenze ukuba iimali-mboleko zifumaneke ngamanqanaba enzala aphantsi.
 

 
Amaxabiso eenkozo aphantsi kakhulu.
 
Isongezo semali sinokuhlawulelwa iinkozo eziveliswe ngabavelisi abasaphuhlayo. Oku kunokuba “libhaso” labo baqhuba kakuhle baze bakwazi ukwandisa umsebenzi wabo. 
 

 


Ukwabiwa komhlaba ngokutsha

Ubukhulu bomhlaba owabiwe ngokutsha ulahliwe ngokuphathelele kwimveliso – imisebenzi eyilwayo isilele. 



Imiceli-mingeni
 
Izisombululo ezinokubakho
 

 
Imiqathango yokukhetha.
 
Imiqathango yokukhetha kufuneka ibandakanye uqeqesho namava ethuba langaphambili lomsebenzi wokufama.
 

 
Isiqinisekiso sobuchule nokuzinikela seendlalifa ezinokubakho.
 
Khuthaza indima yamaqumrhu empahla yorhwebo kumba wokukhetha iindlalifa nakwinkxaso yabavelisi. 
 

 
Inkxaso enikwa abamkeli.
 

 

 
Oosomagunya kwiSebe lemiBandela yemiHlaba abanangqiqo yezolimo.
 

 

 
Abezopolitiko abazazi ezolimo.
 

 

 
Isantya sokwenza izinto siyacotha – kulahleka imicimbi emininzi .
 
Iinkqubo mazihlelwe kwaye zilawulwe ngabantu abanolwazi. 
 

 
Intlawulo yomhlaba iyacotha.
 
Iinkqubo mazihlelwe kwaye zilawulwe ngabantu abanolwazi.
 

 
Imigaqo-nkqubo isoloko iguquka.
 
Izifundo ezifunyanisiweyo maziphunyezwe. 
 

 
Umhlaba uwodwa awanelanga. 
 
Ezinye iimfuneko ezifana nemfuyo, oomatshini netyala ngemveliso mazenziwe ukuba zifumaneke kwasekuqaleni.
 

 


Iimali-mboleko zemveliso

Abavelisi babona ngathi baphantsi kwenceba yamaziko abolekisayo anenjongo yawo yenzuzo ephakamileyo: 



Imiceli-mingeni
 
Izisombululo ezinokubakho
 

 
Abavelisi bakuxhinela kakhulu ukufumana imali-mboleko abangenagunya layo lokuthotyelwa ixabiso mhlawumbi kwinqanaba lenzala, okanye kwixabiso lamagalelo abo. 
 
I-Land Bank ifanele ukubanika inkxaso-mali ngokungqalileyo abavelisi ukuze bazithethelele malunga nezaphulelo ezizezona ziphezulu.
 

 
Abavelisi abanikwa nkxaso kwaye abacetyiswa kakuhle ngomba wokuthengisa iinkozo zabo. 
 
Abavelisi kufuneka bafumane icebiso elithembekileyo ngokuphathelele nemimandla yentengiso yeenkozo.
 

 
Amaziko ezemali abolekisa ngemali ayifumana eLandbank nakwi-IDC kodwa awavuni zinzuzo zamanqanaba aphantsi enzala. 
 
Kufuneka kubekho ukutyhileka okuthe chatha malunga namanqanaba enzala.
 

 
Iimali-mboleko zikholisa ukwamkelwa emva kwexesha.
 
Iimali-mboleko mazamkelwe kuselithuba ukuze kuvunyelwe abavelisi balungiselele izityalo kuselithuba.
 

 
Izaphulelo ezifumaneka kumaqumrhu enkxaso yegalelo azisoloko zigqithiselwa kubavelisi. 
 
Abavelisi abaphuhlayo mabafumane inzuzo kwizaphulelo. 
 

 




Indima karhulumente 

Amanqanaba erhafu yempahla evela kwamanye amazwe mawaphunyezwe ukuze kukhuselwe abavelisi beli lizwe. 

Urhulumente makathwale iindleko ezingama-35% zeendleko zomsebenzi wemveliso ezingekho phantsi kweinshorensi yegalelo kwithuba langoku. 

Kufuneka kubekho inkxaso karhulumente yokuguqulela imihlaba ecekethekileyo ukuba ibe ngamadlelo. 

Urhulumente makahlawulele ukufakwa kwekalika ukuze kulungiswe i-pH (iqondo lobumuncu) bomhlaba. 

Urhulumente makahlawulele ukufakwa kwee-phosphate apho amanqanaba e-phosphate ebephantsi khona. 

Iinkqubo zokunika inkxaso kubavelisi ngokunxulumanisa amasebe ahluka-hlukeneyo. 

Ukusebenza kwabaphathi besolulo kwezinye iindawo zamaqumrhu empahla yokurhweba makuqwalaselwe ukuze kuphuculwe ukunikwa kwenkonzo. 

Kuya kunikwa ingqalelo “kwimali esetyenziswa njengenkunzi eshishinini nakuhlaziyo” lwezixhobo zolimo. 

Amasebe amadlelo nawolondolozo lomhlaba aphantsi kweSebe lezoLimo mawomelezwe kwaye axhotyiswe. 

