I-VAT (Umbona) 							IsiXhosa

Irhafu Eyongezelelwe Kwixabiso (VAT) – ingaba kufuneka ubhalisile?



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezelelwa Kwixabiso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA Yenkqubo Yophuhliso Lwamafama



Kwiminyaka emine edlulileyo, sipapashe amanqaku aliqela malunga ne-VAT. Sifumanise ukuba nangona kunjalo, bambalwa kakhulu abalimi ababhalisele iVAT. 



Ndiza kufumana ntoni xa ndibhalisa? 

Iindleko zamagalelo emveliso yezityalo ziphezulu kakhulu kwaye abavelisi mabenze konke abanokukwenza ukunciphisa iindleko zemveliso. Enye yeendlela zokwenza oku kukubhalisela i-VAT. 



I-VAT ihlawulelwa amagalelo emveliso – imbewu, isichumiso, imichiza, ukukhanda, ulondolozo njl.njl. Yona yi-14% yeendleko zamagalelo. Ukuba uza kuchitha ama-R4 000 ngehektare kumagalelo emveliso, i-VAT yesi sixa ngama-R560 ngehektare nganye. Ukuba ubhalisele i-VAT, uyakwazi ukusibanga esi sixa Kwiinkonzo Zeengeniso zaseMzantsi Afrika (SARS) ukuba sibuyele kuwe. Esi sisixa esikhulu semali ngehektare nganye, kwaye kweli bakala, ingaphezu kwenzuzo efunyanwa luninzi lwabalimi. Ukuba akuyibhaliselanga i-VAT, okunokwenzeka kukuba ungakwazi kufumana nzuzo kumsebenzi wakho wokulima izityalo. 





Kutheni abalimi bengafuni kubhalisela i-VAT? 

Esinye isizathu esenza ukuba abalimi bangafuni kubhalisela i-VAT kukuba kuya kufuneka ukuba bagcine iincwadi zabo zeengxelo zicocekile njengoko iSARS ikwazi ukukhangela iimbuyekezo zabo nanini. Ukuba uzimisele ukuba ngumlimi orhwebayo, kubalulekile ukuzigcina zicocekile iincwadi zakho zeengxelo. Kufuneka uzazi iindleko zakho zeemveliso, iinzuzo zakho nokuba imali iyaphi. 



Abalimi bakholisa ukuba nesazela sokuphepha ukuhlawula irhafu nokungayihoyi – baqhuba uqoqosho lwemali esesandleni olungenamkhondo waphepha. Oku asisosenzo silungileyo ngezizathu ezibini. Okokuqala, iphikisana nomthetho malunga nomhlaba norhwebo ngaphandle kokutyhila imisebenzi yakho kwi-SARS. Okwesibini, akusayi kukwazi ukwenza izigqibo zoshishino ezifanelekileyo xa ungawugcini umkhondo wazo zonke iingeniso neenkcitho zakho. Khumbula ukuba sonke sisebenzisa iinkonzo zikarhulumente, ngoko ke luxanduva lommi ngamnye weli lizwe ukufaka igalelo kwingeniso yelizwe. Asinakukubaleka ukuhlawula irhafu kodwa sibe ssisonwabela zonke iinzuzo ezihlawulelwa ngerhafu. Khumbula ukuba urhulumente usebenzisa iirhafu ukuhlawulela iindlela, izikolo, iinkonzo zempilo namapolisa, njl.njl. 



Ukuba uzimisele ngokuba ngumlimi olondolozekayo – zibhalisele i-VAT Nerhafu Yengeniso. 



