Value											Xhosa



Imiba ephembelela ixabiso lentsimi



Instructions: 

Folio strap: Imibandela yomhlaba

Byline: Ulwazi lufunyenwe kwincwadi yoqeqesho yakwaAgribusiness Management 



Ngokwesithethe, ixabiso lentsimi lalisekwe kwisakhono sayo sokunika imveliso yezolimo. Kwiindawo ezisemaphandleni enene amafama isengawo athenga kakhulu inkoliso yomhlaba wokulima apho imbuyekezo yemisebenzi yokulima iyiyo enika ingqikelelo esentloko yexabiso lefama. 



Izantya zenzala zangoku eziphezulu nokuba zisezantsi nazo zineempembelelo kubalimi njengoko amafama amaninzi esebenzela phezu kwemali eyinkunzi ethile okanye ebolekwe ngokuphelela kwayo. Iinzala kwimali eyinkunzi kwizakhiwo zefama nezinto eziphuculwayo nazo zineempembelelo ezibalulekileyo kwixabiso lomhlaba wefama.



Ingeniso yokuba ngumnini wentsimi yefama inokuyilwa ngale ndlela:

Ukuveliswa kwemithombo esetyenziswayo ngumsebenzi ongumnini;

Ngokuqeshisa umhlaba wokulima okanye wokufuya kwabanye abasebenzisi; kananjalo; 

Ngokungena kumalungiselelo okwbelana ngokuvelisa izityalo nabanye abalimi.



Ukuyila ingeniso ngobunini bentsimi ngoko ke kuneenxalenye ezimbini: 

Ukusetyenziswa komhlaba okunemveliso kwethutyana elifutshane nokwethuba eliphakathi ngobude njengoko kuchazwe ngasentla; kananjalo

Inzuzo yethuba elide eyinkunzi enxulunyaniswa nokwanda kwexabiso lentsimi kwithuba elithile. 



Ezi nzuzo zethuba elide zikwaxhomekeke kwiimbuyekezo ngokwepesenti ezivela ekusetyenzisweni ngendlela enika imveliso, kwaye ziye zifumane iimbuyekezo eziphezulu nezisezantsi kuqoqosho ngokwemijikelo yexesha ethubeni. Xa kuthethwa gabalala amaxabiso athande ukwanda ethubeni kwaye umkhwa wehlabathi kukuba umhlaba onika imveliso mawuphathwe zizandla ezimbalwa. Ngoko ke oku kwenza ukuba kube nzima kubangeniswa abatsha ukuba bakwazi ukufumana umhlaba kwithutyana elifutshane nokuwuhlawulela ngemveliso encomekayo. Kodwa ke oku kuyahluka xa intsimi inako ukufunyanwa ngobonelelo (lweLRAD), okanye ngelifa, okanye ngemali-mboleko enezantya zenzala ezinikwa inkxaso njengoko kunjalo ngesicwangciso esitsh esindululweyo seSebe leMibandela yeMihlaba esibizwa ngengeSicwangciso sokuFumana uMhlaba Kuselithuba (Proactive Land Acquisition Scheme - PLAS). 



Ukuqeshisa umhlaba kuguqukile, ukususela kwindlela yamafama asaqalayo ukungena kwezolimo ukuya kwindlela yamafama aselenesiseko ukufikelela kumhlaba owongezelelweyo ukuze bandies amashishini abo omsebenzi wokufama. Oku makuqwalaselwe nzulu kakhulu kwintsimi edityanelwayo apho kukho khona umhlaba omkhulu ongasetyenziswayo kanti ngaxeshanye kukwakho amafama ancomekayo aliqela afuna umhlaba othe chatha apho anokufumana khona inzuzo ngomsebenzi wokufama. Ukurhafela umhlaba kuvumela amafama ukwandisa ishishini ngaphandle kokuba netyala nokuqokelela imali eyinkunzi enxulunyaniswa nobunini.



Khumbula: yinto enako ukwenzeka ukwenza umsebenzi wokufama ngaphandle kokuba ngumnini womhlaba ngokuwuqesha, ukuba kumhlaba odityanelweyo okanye ukwabelana ngomsebenzi wokulima izityalo.



