Tyres2 (Maize)									Xhosa



Ukulondoloza amathayara akho



Imiyalelo: 

Folio strap: Amathayara akho

Byline: Amanqaku akwaGoodyear

Photos: Sebenzisa iifoto zamathayara

Use Goodyear logo



Amathayara asefama awanaxabiso liphantsi, kodwa kukho imithetho ethile ebalulekileyo ekufuneka ilandelwe ukuze kukhuselwe ulwandiso-mali lwakho kwaye komelezwe ubomi bethayara.



Ukuqhuba ngamathayara ampontshwe umoya kakhulu okanye kancinci kukhokelela ekonakaleni okukhulu, kongezelela ukuxozeka esiqwini sethayara kuze kubange ukusilela kwangaphambi kwexesha – senzo eso esineendleko eziphezulu kakhulu!



Ngoko ke, kubalulekile ukuwaqhelanisa amaqondo oxinzelelo lwethayara ngokweemeko, nokuqwalasela amaqondo oxinzelelo lokumpontshwa rhoqo. Oku makwenziwe kanye okanye kabini ngeveki, kananjalo khumbula ukulungisa amaqondo oxinzelelo xa elungiselelwe imithwalo enzima okanye imisebenzi engqalileyo.



Ngaxeshanye, hlola isimbo semisonto nasemacaleni ukuze ukhangele ukonakala okubonakalayo okanye izimbo zokonakala ezingaqhelekanga, njengoko oku kunokwalatha ukugqabhuka, uxinzelelo lokumpompeka okungachanekanga, iingxaki zokungazinzi okanye unxulumano lwevili lokuqhuba elingalungelelananga.



Ukuqinisekisa ukuba ithayara libaleka ngoxinzelelo olufanelekileyo kuya kunika ukutsala okufanelekileyo, ukunyamezela okomeleziweyo, isakhono esandisiweyo sesibaseli kwaye kuya kwenza kube lula ukuchonga iziganeko zokugqabhuka zexesha elizayo okanye ukuvuza. Khumbula ukuqwalasela uxinzelelo xa ithayara libanda, phambi kokuba itrektara okanye isithuthi siqhutywe, njengoko ubushushu obuyilwa ngexesha lokuqhuba buya kwandisa uxinzelelo nembonakalo efundwayo engachanekanga.



Ukukhandwa kwamathayara – sebenzisa i-pro!

AbakwaGoodyear bacebisa ukuba ukufakwa kwamathayara nokukhandwa kwawo makwenziwe ngabasebenzi abaqeqeshwe ngobuchule, njengoko kungumsebenzi oyingozi. Umzekelo, ukuba iintsinjana zamathayara azihlelanga kakuhle emphethweni, uxinzelelo oluphezulu lomoya phakathi kwethayara lunako ukwaphula intsinjana okanye umphetho ngamandla adubulayo. Ngaphezu koko, ukuhlala ngendlela engachanekanga kunokwenza ukuba ithayara lisonteke emphethweni kwiimeko zokujija eziqatseleyo, ukuze oko kubange ukonakala kwethayara, umhlaba kunye nesithuthi.



Uhlanganiselo lwamathayara namavili malubekwe kakuhle endlwini yokhuselo njengenyathelo lokuqaphela ngethuba lokuhlohla umoya. Apho kutywinwe ityhubhu yethayara eligqabhukileyo khona, oku makubonwe kuphela njengokukhanda kwethutyana.



Musa ukuphinda uhlohle umoya kwithayara eselimcaba okanye ebelimpontshwe kancinci kakhulu phambi kokuqala ulikhuphe evilini uze uhlole umonakalo okanye cela ukuba liqwalaselwe – lize likhandwe yingcali yamathayara.



Eminye imiba esentloko efanele ukukhunjulwa yile: yiba soloko uvale ivalvu yethayara ngesivingco sothuli; kwaye musa ukubetha ithayara okanye umphetho ngehamile xa uhlanganiselo luphantsi koxinzelelo; ungaze usebenzise ityhubhu efakwa ethayarini enkulu okanye encinci kunexeliweyo; kuthintele ukusebenzisa iityhubhu ezigosogoso okanye ezishwabeneyo; namathela kuphela kwicebiso lomenzi womphetho malunga namabakala obukhulu; kananjalo ungaze uzame ukwenza umsebenzi ngeyakho indlela, okanye utywine ngokutshisela, ufudumeze okanye utywine ngesinyithi imiphetho eyonakeleyo.



Ulondolozo olukhuselekileyo

Nangona abakwaGoodyear besebenzisa izinto esezikwibanga eliphambili ezithintela ukonakala kwethayara, irabha ifane ifunxe ioyile, igrisi, isibaseli nezinye izinyibilikisi, kwaye umgangatho wayo usuka uthotywe ngakumbi bubushushu nakukukhanya.



Ngoko ke, amathayara makagcinwe epholile, ecocekile kwaye ekwindawo engenakukhanya, makabe kude kwabanye oomatshini abafana nezithuthi iijeneretha oomatshini bokutywina njengoko i-ozone ekhutshwa zizixhobo ezilolo hlobo ibanga amathanda kwirabha, ukuze ekugqibeleni, kubekho ukusilela kwesiqu sethayara. Kwangolo hlobo, hlamba nayiphi imichiza isuke emathayarini emva kokusebenzisa itrektara kwimisebenzi yokutshiza.



Xa ulondoloza amathayara agxunyekwe emiphethweni, kodwa angekho kumatshini, nciphisa uxinzelelo lube kwishumi le-psi wandule ukulilondoloza limi ngomsonto ojonge phezulu. Amathayara angekho miphethweni anako ukucukaniswa ngokulungelelana kwamacala awo, kodwa makangayi phezulu kangangokuba kubulaleke ithayara elisezantsi.



Ukuba umatshini okanye isixhobo silondolozwe kumathuba amade, faka iibloko phantsi kwesithuthi ukuze amathayara asuke emhlabeni. Ukuba oku akukwazi kwenzeka, yandisa uxinzelelo lwesiqhelo lwethayara ngama-25% ukuze kunciphe ubumcaba kwaye kufuneka umana usishenxisa isithuthi kumathuba athile ukunciphisa ukuxozeka kwendawo yethayara ethe nca phantsi.





