Tyres 2 (Maize)									Xhosa



Amathayara: Kucazululwa isigama esingaqhelekanga



Instructions: 

Folio strap: Amathayara

Byline: Inqaku lakwaGoodyear

Use Goodyear logo



Amathayara wona ngokwawo anobugocigoci ngenxa yokuyilwa kwamaqoqo awo okwahluka-hlukileyo, iintlobo zesakhiwo awo, amaqondo omthwalo nesantya kunye nobukhulu bawo ekufuneka uthathelwe ingqalelo. 



Inqaku elikwikhasi le-9 belijolise ekuthengeni amathayara asefama alungele umsebenzi athengelwa wona kunye neemeko zokusebenza, kodwa ngoku ujongene noluhlu olupheleleyo lwemiba yobuchule ethe kratya omawuyiqwalasele. Apha sichaza imiba yobuchule esentloko malunga namathayara.



Ukwakhiwa kwamathayara

Xa siqala ngokwakhiwa kwethayara, zimbini iintlobo ezinokuqwalaselwa; elixwesayo okanye elimakha-sangqa. Axwesayo (akwaziwa njenganqamlezisayo) amavili anophawu lwemicu eyomelezayo equkuqela inqumle ngokuxwesa kwiengile yamaqondo angama-30 ukuya kumaqondo angama-40, ukuze umcu ngamnye ongenelelayo okanye umaleko wemicu oya kwicala elichaseneyo. Oku kuvelisa isimbo se-criss-cross esifihlwe phantsi kwemicu yethayara, esiyilelwe ukunika iimpawu zokutsala nokuhlala ithuba elide, lo gama umzimba wethayara ukhuselekile.



Xa kuthelekiswa, kwithayara elimakha-sangqa, imiphindo yomcu owomelezayo woluleka ngokwe-engile yamaqondo angama-90 ukuya kumgca osesizikithini sethayara, ukuze ingenelele kwimiqukumbelo macala ethi itywine ithayara emphethweni kwaye alibambe libe sendaweni yalo. Phezu komphezulu ngqo kwimiphindo emakha-sangqa naphantsi kweqoqo, libhanti lobude obupheleleyo lemiphindo eliqela yemicu okanye intsimbi efikelela kububanzi obupheleleyo bethayara.



Iiyantlukwano ezicacileyo nezibonakalyo phakathi kwezi ntlobo zimbini zamathayara kukuba isakhiwo esixwesayo sinika uphawu lobume obungqukuva obubanga usasazo loxinzelelo olungalungelelananga kunye nenqanaba eliphezulu lokundindana komhlaba. Amathayara angamakha-sangqa anobume obusikweri obudala indawo yokuhlangana nomhlaba enobukhulu obuthe chatha, usasazo loxinzelelo olulungelelana ngokuthe kratya kunye nokungenelela emhlabeni okunciphileyo.



Malunga nomgangatho wokusebenza, amathayara axwesayo, afana naweGoodyear Dyna Torque II, asebenziseka lula kakhulu kwaye ayaxolela kunjalo nje awanabugocigoci kwaye akhandeka lula – nto leyo ebalulekileyo xa uzenzela imisebenzi yokukhanda (Do It Yourself - DIY). Isakhiwo esithande ukuphucuka sethayara elingumakha-sangqa, elifana nelo likuluhlu oluthandwa kakhulu lakwa Goodyear le-Optitrac sifuna umsebenzi wokukhanda othande ukuba ngowobungcali, kodwa linika ukutsala komgangatho ophezulu kakhulu, uzinzo, ukumelana nokuhlatywa, ukumelana nokuqengqeleka, ukomelela, ukuhlala ithuba elide kunye nokunika ulonwabo.



Kubalulekile ukuqaphela ukuba amathayara angumakhi-sangqa naxwesileyo mawangaze asetyenziswe kwiasi enye, njengoko oko kuya kuveza iimpawu zokuquba ezahluka-hlukene kakhulu, ukuze oko kukhokelele ekulahlekeni kozinzo nokonakala kukamatshini.



Nawaphi amathayara angaphawulwanga kanje 'akukho tyhubhu' mawafakelwe ityhubhu kwaye nangona ukukhandwa kweendawo ezithile ngeepetshi kunika indlela yokulungisa elula nenexabiso eliphantsi, mayibonwe njengento yethutyna njengoko ipetshi inokubanga ukulahleka koxinzelelo lwethayara okwenzeka kungangxamanga okanye ngesiquphe, kanti oko kunokuba neziphumo zokhuseleko ezixhlabisa ngkumbi. Iityhubhu zisenokusetyenziswa kumathayara angenatyhubhu xa kukho ukuvuza emphethweni okanye ukulahleka komoya okwenziwa kukonakala okungephi kwiindawo ezitywiniweyo kumukumbelo wethayara.



Ulwazi kudonga olusemacaleni lethayara

Ubucukubhede obunobuxhakaxhaka kudonga olusemacaleni lethayara bubalulekile malunga nokuchongeka kobukhulu bethayara kunye nemida yokusebenza kwalo kwaye ichongwa ngale ndlela ilandelayo:



I-Goodyear Optitrac DT812 480/70R24 138 A8

I-Goodyear Optitrac DT812 – igama lohlobo, uluhlu, nelomfuziselo wethayara;

480 – ububanzi obusikwe ngokuxwesileyo bethayra ngokwee-milimitha (bunokuboniswa ngeeintshi);

70 – umlinganiselo okanye imbonakalo yecala yomba. Oku kumele ukuphakama kwedonga elisecaleni lethayara eliboniswa ngokwepesenti yobubanzi bethayara;

R – Ukwakhiwa ngokomakhi-sangqa;

24 – Ububanzi obupheleleyo besangqa ngokweeintshi;

138 A8 – Isalathi somthwalo 138 (2 360 kg) ngokwesantya sama-40 km/h (A8), nto leyo ethetha ukuba ithayara linokuthwala umthwalo oxeliweyo ngesantya esithile. Qaphela ukub imigangatho yomthwalo eyahluk-hlukileyo inokusebenza xa isetyenziswa njengethayra lokutsala, okanye njengethayara lokuphumeza ukuqengqeleka okukhululekileyo.



Njengakuyo yonke imibandela yamathayara, ukuba kukho ukuthandabuza, zidibanise nengcali yamathayara akwaGoodyear ngolwazi oluthe vetshe.





