XHOSA.1564.sis sarah
buza usis sarah
Ukufunda ukuxolela nokulibala
N dilibhinqa elineminyaka engama-23 kwaye ndineminyaka esibhozo ndincuma nomfana onama-27. Sinomntwana oneminyaka emithandathu.
Nyakenye ndibhaqe ukuba uncuma neliny' ibhinqa endilaziyo.
Wacel' uxolo ngaloo nto, ndamxolela, qha andazi nokuba ndamxolela ngokupheleleyo na kuba andiyilibali into owayenzayo.
Naye uyabona ukuba kukho into endikhathazayo, kodwa xa endibuza ndiyaxoka ndithi akukho nto.
Ndiyithini le ngxaki"
nguZZ, eKempton Park
Kunzim' ukuxolel' umntu okuvise intlungu enjalo. Wamxolela kuba umthanda kwaye ufuna ukungciba olo thanda eluthandweni lwenu.
Kwaba lula ukuvuma ukuba uyamxolela kodwa eyona nto inzima kukumthemba kwakhona.
Oko kuza kuthabath' ixesha, kodwa kufuneka uzame ukumthemba - kwaye naye kufuneka azibonakalise ukuba ungamthemba.
Xa ungamthembi uza kuthi xa engekho ucinge ukuba sele enomnye umntu ancuma naye.
Xa uqonda ukuba akunakumthemba kwakhona ngoko ubona nifanele nohlukane, kubhetele umxelele.
Maxa wambi kuyanceda ukuthetha ngengxaki yakho. Xa engekho umntu ovuthiweyo kowenu ongathetha naye ngayo, kubhetele uthethe nomcebisi.
I-FAMSA inee-ofisi kulo lonke ilizwe kwaye inabo abacebisi abangakunceda. Ungaya wedwa kumcebisi okanye nihambe neqabane lakho.
Ukuthetha phambi komntu onganaziyo kukwenza ukhuphe yonk' imbilini yakho, kwaye xa uhamba neqabane lakho linokutsho libone ukuba lilonakalise njani uthando lwenu.
Nguwe oza kwenza isigqibo sokuba uyamfuna na ebomini bakho lo mfana ... okanye awusamfuni"
110 BONA XHOSA - December 2007
Ungavumi ukuphathwa gadalala!
Ndilibhinqa elinama-35 elatshata ngo-2002 nendoda enama-41 eminyaka. Le ndoda indiphethe gadalala kwaye ayindithandi. Kungoku nje asilali nkqu nasebhedini enye, mna ndilala phantsi.
Ndicinga ukuwuqhawula umtshato wethu, qha ndinexhala lokuba iza kuyek' ukondla abantwana.
Le ndoda inebhinqa encuma nalo abanomntwana nalo.
Isoloko indibetha kangangokuba nangoku andiboni kakuhle emva kokundibetha.
Ndithini"
nguME, eMiddleburg
Awusekho lo mtshato wenu. Awufanelanga unyamezele ukuphathwa gadalala ngolu hlobo.
Ukhe wayixela nje le mpatho gadalala emapoliseni" Inkoliso yamabhinqa akakuxeli ukuphathwa gadalala emapoliseni kuba ebona kungekho nto angawanceda ngayo, ukanti oyika nokubethwa ngakumbi ngamadoda awo. Kufuneka uxele emapoliseni ukuze kubekho ingxelo ngokuphathwa kwakho gadalala.
Njengoko enguyise wabantwana luxanduva lwakhe ukondla abantwana nokuba sele niwuqhawule umtshato.
Thenga iBONA kaOktobha 2007 ufunde isikhokelo sokunceda amabhinqa aphethwe gadalala. Kuso sinike neendawo ongafumana kuzo uncedo njalo-njalo.
Ungakunyamezeli ukuphathwa gadalala! Fuman' uncedo!
Ungafowunela nakwezi nombolo:
u Advice Desk For Abused Women: 031-262-5231
u Women Against Women Abuse: 011-331-3134
u Family And Marriage Society Of South Africa (FAMSA) (i-ofisi eyintloko): 011-975-7106
u The Black Sash Advice Offices (i-ofisi eyintloko): 021-461-7804
u Life Line: 021-461-1111
u Network Opposing Women Abuse: 021-376-2780
u Legal Resource Centre: 021-423-8285.
Andoneliseki
Ndiyindoda enama-36 yaye ndithandana nebhinqa elinama-31 eminyaka. Ingxaki yam kukuba andoneliseki tu eluthandweni lwethu.
Ndilixelele ngengxaki yam lathembisa ukuba liza kuyilungisa kodwa ndisalibona lingandithandi ngendlela endilindele ngayo.
Xa ndifuna ukulibona lithi lixakekile kodwa liyandityelela xa kukho into eliyifunayo kum. Lakuyifumana loo nto liphel' emehlweni.
Ndacel' ukulitshata, lathi masiphinde sithethe ngaloo nto. Ngoku xa ndithetha ngaloo nto, lisuka lithethe nganto yimbi.
Ndibuhlungu yile nto kwaye akuhli nobuthongo. Andisacacelanga nokutya kwaye andisaphangeli nakakuhle.
Andifuni kuncuma neliny' ibhinqa kuba andifuni ukungathembeki kulo. Ndicel' uncedo!
nguMAME, eMalmesbury
Ndilibona likusebenzisa eli bhinqa. Akukho nto ithi liyakuthanda.
Jonga izinto elizenzayo - lithembisa ukwenza into lize lingayenzi. Alifumaneki xa ufun' ukulibona; ukanti likutyelela kuphela xa kukho into eliyifunayo.
Ezo ziimpawu zokuba eli bhinqa lidlala ngawe, kwaye lizimisele ukukusebenzisa kangangoko linako.
Into ebonisa loo nto kukungafuni kwalo ukuthetha ngomtshato.
Xa uthetha ngomtshato, lithetha nganto yimbi. Inkoliso yamabhinqa ayavuya xa indoda ithetha ngomtshato. Kodwa ngathi lona aliyifuni nokuyiva into yokutshata nawe.
Ndibona kubhetele ulibale ngalo kuba nangona wena ulithanda lona alikuthandi.
Nawe ngawubona ukuba liyakuthanda. Kucacile alikuthandi kwaye nawe ndiqinisekile sele uyibonile loo nto.
Kuza kuthabath' ixesha ukuyamkela loo nto, kodwa kubhetele uyibone kwangoku kunokuba uyibone sele konakele kakhulu.
Maninzi amankazana phandl' apha, kwaye uza kudibana nenye oyithandayo kungekudala.
Libala ngeli bhinqa, uzame ukutya nokulala kakuhle, umilisele nengqondo yakho emsebenzini.
Ingaba kuphele uthando"
Ndiyindoda enama-27 etshatileyo enabantwana abathathu.
Ndavalelwa entolongweni iinyanga ezili-18 ndathi ndakuphuma ndafumanisa ukuba umkam wenza izinto ezingalunganga kuquka nokusel' utywala.
Ndiyamthanda umkam nabantwana bam kwaye ndifun' ukuhlala nabo, kodwa uthi wayengenakundilinda iinyanga ezili-18.
Ndithini"
nguMMP, eGrootvlei
Nifanele nifumane uncedo lomcebisi ngemitshato nenkosikazi yakho. Wena ukwazile ukumelana nexesha olitsale entolongweni kodwa yena akakwazanga.
Uthi akadibananga neny' indoda emfundise ukusela - kwaye abe ngoku akasakufuni"
Ukuba ubekuthanda kwaye ezimisele ukukulinda, ubeza kuhlala nabantwana de ubuye. Fumanani iingcebiso ukuze kulunge ingxaki yenu. [x]
Qaphelani:
USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi. Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda! Idilesi yam ithi: Sis Sarah, Box 32083, Mobeni 4060
BONA XHOSA - December 2007 111
