Iitrektara (Umbona)									Xhosa

Iitrektara – ihashe lanamhla lokusebenza



Imiyalelo:

Folio strap: Ulondolozo

Byline: NguWillie Kotze, umququzeleli woqeqesho waseGrain SA weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama

Photos: 	Photo 1 – Ibhetri yesakhono esingazange sahlaziywa

Photo 2 – Iingcingo zombane ezigqunywe yioyile

Photo 3 – Akukho oyile kwisixhobo se-differential

Photo 4 – Coca izihluzi zomoya rhoqo

Photo 5 – Ioyile kumbhobho weradiyetha

Photos 6 – Amacandelo amaplanga abotshwe ngocingo

Photo 7 – Ibhanti yefeni engafakwanga kakuhle 



Ixesha lonyaka lomsebenzi wemveliso yasehlotyeni ligqithile ngoku kwiindawo ezininzi kwaye iitrektara zenu zifanele ukuba zisebenze kakhulu ukuqinisekisa ukuba nifumana isivuno. Ngoku lixesha lokuzinika uqwalaselo ukuze zikwazi ukunincedisa kwakhona kwixesha lonyaka elizayo. 



Isixokelelwano sokupholisa 

Qinisekisa ukuba akukho zindawo zivuzayo nakweyiphi imibhobho yamanzi okanye kufutshane nempompo yamanzi. 

Qwalasela imeko yemibhobho yamanzi uze uqiniseke ukuba ayivakali njengeziponji ngenxa yongcoliseko lweoyile. 

Qwalasela isivingco seradiyetha uze uqinisekise ukuba umtywino usekwimeko elungileyo. Xa kungekho zindawo zivuzayo kwisixokelelwano kanti nenqanaba lamanzi lisezantsi, kusenokwenzeka ukuba isivingco sifuna ukutshintshwa kufakwe esinye. 

Kubalulekile ukuba ufunxe isixokelelwano sokupholisa ngonyaka ngamnye ukuze utshintshe isinqandi-kukhenkca ufake esinye. Khumbula ukuba ubusika buyeza kwaye kubaluleke kakhulu ukuba ube nesixokelelwano esitsha sesinqandi-kukhenkca.

Qiniseka ukuba uthengela itrektara yakho isinqandi-kukhenkca esichanekileyo, musa ukuxuba izinqandi-kukhenkca zemibala eyahluka-hlukeneyo, zahlukile.

Qiniseka ukuba imeko yebhanti lefeni ilungile – akukho mathanda. Qwalasela ukutsala nzima kwebhanti. Ukuba kukho amabhanti amabini, kodwa linye ekufuneka litshintshiwe ngenxa yaso nasiphi isizathu, kufuneka uwatshintshe omabini ukuze ilelo lithwale ukutsala nzima okulingana nokuthwele lelinye. 

Isixokelelwano sesibaseli

Qwalasela naziphi iindawo ezivuza kwiitanki ze-diesel kwisixokelelwano siphelele ukuya kwizingenisi. 

Qiniseka ukuba itanki icocekile uze uqwalasele nesihluzi phakathi kwetanki. 

Tshintsha izihluzi ze-diesel zokuqala nezilandela ezokuqala ufake ezinye. 

Coca isinqandi samanzi. Kubalulekile ukugcina itanki ye-diesel izele yi-diesel kuba xa kukho umoya etankini, ukufuma okusemoyeni kuyabumbana bube ngamachaphaza amanzi etankini. La manzi anako ukonakalisa impompo yakho yokungenisa. 



Isixokelelwano sokuthambisa

Qiniseka ukuba amathuba okunika inkonzo kwitrektara yakho – asenokuba lixesha lokutshintsha ioyile yakho yenjini nesihluzi kufakwe ezintsha. 

Ukuba lixesha lokutshintsha ioyile yesixhobo sakho se-differential neoyile esebhokisini yegiyeri, khumbula ukutshintsha nezo zihluzi ngokunjalo (qaphela ukuba isixokelelwano esisebenza ngamanzi sisebenzisa yona loo oyile, uze uqwalasele neendawo ezivuzayo kwesi sixokelelwano ngokunjalo. 

Xa itrektara ikwimo yokusebenza kwakhona, qiniseka ukuba akukho zindawo zivuza ioyile kwisihluzi okanye iplagi yesiphathi sokuvuzela. 

Khangela naziphi iindawo ezivuzayo nemitywino evuzayo – ezi ndawo mazitshintshwe kufakwe ezinye. 

Thambisa ngamafutha zonke iindawo ezinikwa inkonzo (kwivili lokuqhuba nakweminye imibelana efakwa igrisi). 

Izicoci zomoya

Qwalasela izihluzi zomoya uze uqiniseke ukuba azivuzi kwaye zicocekile – zitshintshe ufake ezinye ukuba azikho kwimeko elungileyo. 

Qwalasela isicoci somoya esinxulumene nemibhobho uze uqiniseke ukuba zonke izinqakri ziqine nkqi. 



Isixokelelwano sombane

Ibhetri – Ibhetri iphelele kufuneka icoceke. Qiniseka ukuba inqanaba lamanzi / lee-electrolyte lilungile ukuze ukuba akunjalo, yongezelela amanzi acociweyo (afumaneka kwiivenkile zeebhetri). Susa iikheyibhile kwibhetri uze uzicoce nazo neetheminali zebhetri. Buyisela iikheyibhile uze uzithambise iitheminali ngegrisi encinci ukunqanda ukukhuhleka ngenxa yeasidi. Qinisekisa ukuba kukho ukuchukumisana okulungileyo phakathi kwekheyibhile ye-negative kwinjini nekheyibhile ye-positive ekwi-starter.

Qinisekisa ukuba iingcingo zombane azinagrisi naoyile kwaye zivaleleke emkhonweni (oku kwenzelwa ukukhusela iikheyibhile ebushushwini, ekukrwelekeni nakwiintlobo zolwelo). 

Ukuqinisekisa ukuba zonke izikhanyisi ezilumkisayo neegeyiji ziyasebenza – xa uswitsha itrektara ukuba idume, kufuneka zikhanyise. (Ioyile kunye nezikhanyisi ze-alternator ziya kukhanya xa injini iduma, ukuze xa iqala iqhutywa itrektara zicime – kanti ezinye zezikhanyisi ziya kukhanyisa xa kukho ingxaki). 

Qwalasela zonke ii-fuse rhoqo. 



Amathayara

Amathayara makabe kwimeko elungileyo – kungabikho mathanda, imisikeko okanye amaqhuma. 

Qwalasela uxinzelelo uze uqinisekise ukuba izizinzo zamathayara angasemva ekufuneka zinamanzi zimi ngendlela efanelekileyo. 

Khangela imizila yamavili aqhutywayo – xa amathayara selegudile, uya kufumana imizila etyibilikayo nto leyo eya kwenza ukuba umsebenzi wakho ungancomeki. 

Jonga isimbo semizila yamavili aqhubayo ngokuqaphela uze uqinisekise ukuba iya kwicala elifanelekileyo. 



Intsebenzo-matshini yokuqhuba

Intsebenzo-matshini yokuqhuba isesichengeni sokonakala okukhulu. Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba zonke iibhushi, iibheringi, imiphetho yokubophelela kunye nebhokisi yokuqhuba zikwimeko efanelekileyo. Iinxalenye ezonakeleyo zenza ukuba itrektara ingazinzi endleleni iye ngapha nangapha – oku kuyingozi kakhulu njengoko itrektara ingakwazi kulawulwa ngumqhubi, kanti yonakalisa amathayara ngendlela engeyomfuneko. 



Iipleyiti zokhuselo

Ziliqela iipleyiti zokhuselo ezikwitrektara (zikholisa ukupeyintwa ngombala wetrektara). Injongo yezi pleyiti kukukhusela umsebenzisi kanti zenzelwe neenxalenye ezishukumayo. Ezi pleyiti zikholisa ukungaqini, okanye zingabikho. Kubaluleke kakhulu ukugcina ezi pleyiti ziqhotyoshelwe zaqina kwitrektara kanti iibholiti ezincinci maziqwalaselwe rhoqo.



I-draw bar

Makunikwe ingqalelo yohlobo olulodwa kwi-draw bar ukuqiniseka ukuba ihleli kakuhle. Sebenzisa ubudeki obuchanekileyo bezikhonkwane xa utsala izixhobo kunye nezileyi zokulayisha (trailers) njengoko bonke ubunzima besixhobo esitsalwayo buthwalwa sesi sikhonkwane sincinci naziibholiti ezibambisa i-draw bar kwitrektara. Iingozi ezininzi zibangwa kukungahoywa kwe-draw bar. 



