Track (Maize) 							                               IsiXhosa

		

Iimvavanyo zemiboniso-nkcazo neentsuku zamafama zisekhondweni



Imiyalelo: 

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Injongo yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama kukuseka nokulawula iiplothi zeemvavanyo apho abalimi babona khona iinzuzo zokulungisa umhlaba ngokuchanekileyo, ukufaka isichumiso, ukukhetha izityalo eziyimihlanganisela, ukutshatyalaliswa kokhula nezibulali-zityalo kunye nokuvuna. 



Iimvavanyo zomboniso-nkcazo 

Sikwazile ukuseka iiplothi zeemvavanyo ezingama-46 zeemvavanyo zemiboniso-nkcazo kuwo wonke ummandla onikwa inkonzo yinkqubo. Injongo yeemvavanyo kukubonisa eyona ndlela yokusebenza ebalaseleyo – isichumiso/kungekho sichumiso, isantya sokufaka imbewu esichanekileyo/ kakhulu kangangoko okanye kancinci kakhulu; ukutshatyalalisa kokhula okulungileyo/kungekho kutshatyalaliswa kokhula. Ezi mvavanyo zilunge ngakumbi kubalimi ababopheleleke kwindawo ethile nabangafundanga ncam kuba zibonisa iinkqubo nezinto eziluncedo ekwenzeni izinto ngendlela elungileyo nangexesha elichanekileyo, phantsi kweemeko ezifana nezo zibachaphazelayo. 



Iintsuku zamafama 

Iintsuku zamafama zinika ithuba elingummangaliso kubadlali beendima abasentsimini ukuba babonise kwaye bathethe nabalimi. Ezi ntsuku zibandakanya abasebenzi abakwinkqubo yethu, ngokunjalo nabameli abavela kumaqumrhu anika inkxaso yamagalelo, amashishini ezolimo, ababoneleli ngeinshorensi yezityalo, ababoneleli ngemali njl.njl. Kulo lonke ithuba lezemali, siqhube iintsuku zamafama ezingama-65 – ukuphumelela ukuza kwezi ntsuku bekusahluka kusuka kwi-8 ukuya kuma-250 abalimi.



