Support (Maize)										Xhosa



Inkxaso enikwa abavelisi abarhwebayo abamnyama asebekwibanga eliphambili 



Imiyalelo:

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamaFama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama

Photos: 



Injongo yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama kukunika inkxaso kubalingwa abanesakhono esibalaseleyo nabavele kwisixokelelwano samaqela ofundo-nzulu.



Aba bavelisi bafuna inkxaso yomntu omnye ngomnye malunga nesicwangciso somsebenzi wemveliso, ulawulo, izicelo zemali nokunika ingxelo njl.njl. Abavelisi abachongiweyo baya kuba nonyaka omnye wenkxaso egxininiswayo. Ngonyaka ngamnye kuya kuchongwa iqela elitsha labavelisi ukuze linikwe inkxaso baze emva koko bakwazi ukuziqhubela ngokwabo kodwa bafumane inkxaso ngomnxeba kubaphathi beengingqi. Xa umvelisi evelisa ngaphezu kweetoni ezingama-250 ngonyaka, uya kunikelwa kubavelisi abarhwebayo baloo ngingqi – oku kwenzelwa ukukhawulezisa ubumbano lwabavelisi abamnyama kwicandelo labarhwebayo. 



Abavelisi asebekwibanga eliphambili eFree State, nabaxhaswa nguJohan Kriel, ngaba balandelayo:



uNksz Priscilla Katase

uMnu Samuel Moloi

uMnu Isaac Khuto

uMnu Samuel Nyambose

uMnu Moeketsi Matshabe

uMnu Hennie Jacobs

uMnu Petrus Monnane

uMnu Frans Mokoena

uMnu David Lekhula

uMnu Isaac Kheswa



Abavelisi asebekwibanga eliphambili eMntla-Ntshona, nabaxhaswa nguTonie Loots, ngaba balandelayo:



uMnu Abram Manuel

uMnu Rykie Raphoto

uMnu Lazarus Mothusi

uMnu Labious Manoto

uMnu Thando Lolwane

uMnu Sulphanius Motswenyane

uMnu Ismael Botha

uMnu Philip Nzonda 

uMnu M Mazwi 



Amafama aselekwibanga eliphambili eMntla-Ntshona, naxhaswa nguAmos Njoro, ngala alandelayo:



uMnu Phillip Xaba

uMnu Solomzi Booizene

uMnu Hendrik Melken

uMnu Jack Kokoma

uMnu Moss Malo

uMnu Orapeleng Bankies

uMnu George Mokwele

uMnu Paul Morule

uNksz Deliwe Ntebele-Mutlwane

uMnu Job Motswamere



Amafama aselekwibanga eliphambili eMpumalanga, naxhaswa nguJerry Mthombothi, ngala alandelayo:



uMnu Nkosi

uGq Hewu

uMu Mahlangu

uMnu Mokoena

uMnu Masombuko

uMnu Mahlangu

uMnu Thubane

uMnu Mahlangu



Abavelisi abayinxalenye yale nkqubo bonke bancediswa ngokwenza ipotfoliyo, ebandakanya isicwangciso seshishini sexesha elo lonyaka. Le potfoliyo inceda abavelisi ekufakeni izicelo zemali yetyala lomsebenzi wemveliso kumaziko ahluka-hlukeneyo. Abavelisi batyelelwa ngumququzeleli wephondo kanye ngenyanga obona buncinci obancedisa ngesicwangciso nangokulandela ngoqwalaselo imisebenzi yabo ukususela ekulungisweni komhlaba, ukuya ekutyaleni, ekuhlakuleni, ekutshizeni , ekuvuneni nasekuthengiseni. 



Senze isigqibo sokuba inkqubela ekhokelela kurhwebo mayilandelwe ngoqwalaselo kwaye iwongwe ngoko ke kubekho umbhiyozo apho kumenywe khona amafama athile ukuba angenele iKlabhu yeetoni ezingama-250. Sibe noluhlu lwama-250 Ton, olwama-500 ton nolwama-1 000 Ton – amafama awongwa aza anikwa ‘’iibheji” nto leyo ebonisa ukuba bangamalungu eklabhu. Sinethemba lokukwazi ukubonisa ishishini ukuba ngenene ikhona inkqubela eya kurhwebo. 



