Sunflower (OPOT)								Xhosa

Oojongilanga – izifo nezinambuzane ezibulala izityalo



Imiyalelo:

Folio strap: 

Byline: Ulwazi lufunyenwe kwincwadi yoqeqesho yakwaGrain SA yemveliso 

kajongilanga

Photos: 

Photo 1: Umbungu osikayo

Photo 2: Inkuba-bulongo

Photo 3: Ibhungane le-herpalus

Photo 4: Ibhungane lamachokoza emboneni

Photo 5: Isikhondo esimnyama

Photo 6: Irusi emhlophe

Photo 7: Ukubola kwentloko ngumngundo othambileyo



Yinxalenye kuphela yezinambuzane ezifunyanwa kwizityalo zikajongilanga ezinokuhlelwa njengezinambuzane ezibulala izityalo. Izinambuzane ezinokuba yingozi koojongilanga zinokuzondla kwimbewu etyaliweyo, izithole ezintshulayo, izithole esezihlumile, isityalo esiphuhlayo, iingcambu kunye neenkozo eziphuhlayo. 



Ukutshatyalaliswa kwezinambuzane kuxhomekeke kwimichiza ebulala izinambuzane ubukhulu becala (imichiza enetyhefu kwizinambuzane). Kukho imichiza ebulala izinambuzane ebhaliselwe ukusetyenziswa kuzo zonke izinambuzane ezihlasela isityalo esingujongilanga. Indlela ehlanganiselayo yokutshbalalisa izinambuzane ikholisa ukuba yeyona incomekayo – kuhlanganiselwa iindlela zokucinezela amanani ezinambuzane kananjalo kucuthwa umonakalo owenziwa zizinambuzane. 



Izinambuzane ezizondla kwimbewu nokuba kusezitholeni

Zizinambuzane ngezinambuzane ezizondla kwimbewu nasezitholeni umzk. imibungu eluvivane, imibungu yebhungane lamachokoza emboneni, imibungu esikayo njl.njl. (xa sibala ezimbalwa kuphela). Ezi zinambuzane zinciphisa amanani ezityalo ezihlumileyo kwaye ukuba ziyatshatyalaliswa kungafuneka ukuba isityalo siphinde sityalwe kwakhona. Ukutshatyalaliswa okufanelekileyo kwezi zinambuzane kuxhomekeke ekusetyenzisweni okuchanekileyo kwemichiza ebulala izinambuzane, ngakumbi xa kutyalwa. 

 

Ukulima ngethuba lasebusika kuya kunceda ekulawuleni inkoliso yezi zinambuzane - ithuba leentsuku ezingama-35 nangaphezulu ngaphandle kwesityalo esingumamkeli kuya kugxotha ezininzi. 



Imbewu ekufuneka ityaliwe inokunyangwa ngemichiza yokubulala izinambuzane, okanye umchiza wokubulala izinambuzane unokufakwa emseleni ngexesha lokutyala. Imibungu esikayo inako ukutshatyalaliswa ngokusasaza izithiyelo phezu komhlaba emqolweni. Intsimi yombona inako kananjalo ukutshizwa ngomchiza ofanelekileyo wokutshabalalisa izinambuzane.



Izinambuzane ezizondla kwiinxalenye zesityalo esingujongilanga

Amabhungane aselekhulile awenza amachokoza emboneni (Astylus Atromaculatus), imibungu esikayo (Agrotis Segetum), amabhungane “e-doodhouertjie” (Protostrophus Sulcatifrons) and neentlobo zamabhungane e-harpalus zenza umonakalo omkhulu kwizithole kwaye zinako ukunciphisa amanani amasimi anika ukuhluma okuncomekayo ade abe kumanqanaba emveliso engenaluqoqosho. 



Umbungu wentloko yesityalo waseAfrika (Helicoverpa Armigera) ubanga umonakalo kwintloko kajongilanga kwaye unokunika indlela ekhokelela kusulelo lweentlobo zosulelo lomngundo ezifana ne-Rhizopus Microsporus. Izinambuzane ezifunxayo ezifana ne-Nysius Nataensis nazo zinako ukubanga umonakalo kwimbewu esaphuhlayo kajongilanga. 

 

Iliqela imichiza etshabalalisa izinambuzane ebhaliselwe ukubulala iintlobo ngeentlobo zezinambuzane nenamathela kwisityalo. Nangona kunjalo, kubalulekile ukuba nengqiqo ehluzekileyo ngokuba sesiphi isinambuzane esibanga umonakalo ukuze ke kusetyenziswe umchiza ochanekileyo wokutshabalalisa isinambuzane ngenqanaba nangexesha elifanelekileyo. Oku kwahluka ngokohlobo lombungu nangokwebakala lokuphuhla kwesityalo. 



Ukufaka isitshabalalisi sezibulali-zityalo kunokunciphisa iilahleko zesivuno, kodwa oko kwenzeka xa umvelisi engayoyiki inkcitho kuba eyithelekisa neendleko zokulungisa umonakalo osowukhona. Amanqanaba apho ukutshatyalaliswa kwezibulali-zityalo kuba yimfuneko khona abaliwe – kukho inqanaba apho kubaluleke kakhulu khona ukuchitha imali ngenjongo yokutshabalalisa izibulali-zityalo kungenjalo umonako okwisityalo uya kuba ngaphezu kweendleko zokuwulungisa. 





Ukutshabalalisa okusisithintelo

Asisosenzo sivumelekileyo ukutshiza ngemichiza yokutshabalalisa izinambuzane phezu kwezityalo apho inqanaba lokuhlasela lingekafiki khona kumabanga axhalabisayo. Isizathu soku kukuba amarhamncwa endalo ayabulawa ngale ndlela ukuze kubekho ukumelana okwakhekayo nomchiza obulala izinambuzane.



Ukulima phambi kokutyalwa kwesityalo yindlela enempumelelo yolawulo lothintelo lwezinambuzane. Naxa kunjalo, amanqanaba ezinambuzane mawalandelelwe kufutshane ngoqwalaselo ukuqinisekisa ulawulo loqoqosho olufanelekileyo. 



Kukho izityalo ezithile ezikwazi ngendalo ukumelana nezinambuzane ezithile – oku kuneenzuzo zethuba elifutshane kuba isityalo akunakubakho mfuneko yokusitshiza kanti iinzuzo zamathuba amade kukuba amanani ezinambuzane ayancipha kwithuba elide. 



Xa kuthethwa gabalala kubalulekile ukusebenzisa indlela ehlanganiselayo yokutshabalalisa izinambuzane – sebenzisa nayiphi indlela eyiyona ifanelekileyo kwelo xesha kweso sityalo. Ukutshatyalaliswa kwezinambuzane kwizityalo ngumba obaluleke kakhulu kulawulo lwezityalo njengoko kunesiphumo esibalulekileyo kwisivuno kananjalo nasekuphileni koqoqosho kumsebenzi wemveliso. 



Izifo zikajongilanga

Izifo zezityalo zinciphisa isivuno nomgangatho wezityalo kwaye zinako ukubanga iingxaki zempilo yezilwanyana okanye zabantu abasebenzisa izityalo ezo. Iintsholongwane zomngundo, iibhaktiriya neevayirasi zibanga izifo zezityalo. Zona zinako ukuchaphazela zonke iinxalenye zesityalo – iingcambu, izikhondo, amagqabi kunye nezikhwebu. Izifo ngezifo ziphuhla phantsi kweemeko ezahluka-hlukeneyo. 



Isifo sinokuphuhla kuphela xa iimeko zemo esingqongileyo zifanelekile, xa kukho isityalo esingumamkeli kuze kubekho nesifo. Le miba mithathu inokubizwa ngokuba ngunxantathu wosulelo lwesifo. Ukuba kukho nayiphi engekhoyo, isifo asisayi kuphuhla. Isifo esifumaneka kwixesha lonyaka elithile kwindawo ethile sisenokungabikho kuyo yona loo ndawo kwixesha lonyaka elilandelayo ngenxa yokuba zingekho iimeko zemo ezingqonge isityalo ezifanelekileyo kuso. Ngenxa yokuba ziphezulu iindleko zamagalelo emveliso kajongilanga, kukholisa ukungabi naluqoqosho ukutshabalalisa isifo ngemichiza. Ezinye izifo zisoloko zikhona kodwa zingade ziphuhle kuba elinye kumacala kanxantathu lingekho. Ukusebenzisa iindlela zothintelo kuyazitshabalalisa ezi zifo. Kukho imibandela eyahluka-hlukileyo enokuqwalaselwa malunga nolawulo lwezifo ngokuzithintela. 



Ukumelana kwezityalo nezifo

Imihlanganisela ethile iphuhliswe ngendlela eyenza ukuba ikwazi ukumelana nezifo. Kodwa ke ukumelana oko sukuba ikokwesifo esithile ngoko ke asikokumelana nazo zonke izifo jikelele. Kubalulekile ukuchonga isifo esixhaphakileyo ukuze emva koko kukhethwe umhlanganisela ofanelekileyo. 



Ukutshabalalisa ngemichiza

Ukutshabalalisa ngemichiza kufuna ukufakwa kwalawo abhalisiweyo omngundo naweebhaktiriya malunga nesifo esithile phantsi kweemeko ezithile. Iindleko zokunyanga maziqale ziqwalaselwe phambi kokufaka iyeza.



Izenzo zomsebenzi wemveliso

Ukuhlakula kubalulekile kutshabalaliso lwezifo – izikhondwana ezisemhlabeni zigcina izifo ezithile kanti isixokelelwano sokuhlakula masibandakanye ingqalelo yezifo ezahluka-hlukileyo ezixhaphakileyo.



Injongo yokujikelezisa izityalo kukuvumela ithuba elifanelekileyo lokucumka kweenxalenye zezityalo. Kubalulekile ukuqwalasela ukuba zeziphi izifo ezamkelwa zeziphi izityalo ukuze kuqinisekiswe ukuba ingxaki iyaqwalaselwa ngomjikeleziso othile. 



Umhla wokutyala nawo uba neempembelelo ekuxhaphakeni kwezifo ezithile – ukutyala kwangoko okanye emva kwexesha kunako ukunciphisa umngcipheko wokuphuhla kweso sifo. 



Ukulawulwa kokuxozeka

Imibandela ethile yokuxozeka inako ukuphembelela izifo zezityalo. Imibandela ebanga iziganeko zokuxozeka kwizityalo ibandakanya ukufuma (okuphezulu kakhulu okanye okusezantsi kakhulu), ubushushu, ingqele, izondlo ezingalungelelananga, ubumuncu bomhlaba kunye nokonakaliswa kwezinambuzane. Ukutshatyalaliswa kwezifo okukokona kufanelekileyo kufuna ukukhutshelwa ecaleni komlenze omnye obona buncinci bukanxantathu wesifo. Oku kuphunyezwa kangangoko ngokusebenzisa isixokelelwano sobumbano sokutshabalalisa izifo. 



Izifo eziqhelekileyo



Izifo zamaqhakuva emagqabini – i-Septoria Helianthi ne-Alternaria

Amaqhakuva abangwa yi-Septoria akholisa ukuphelela emagqabini. Iintlobo zosulelo zeAltenaria zinophawu lobukho bamaqhakuva amdaka ngebala ezikhondweni kwimithambo yamagqabi nasemva kwentloko kajongilanga



Irusi – i-Puccinia Helianthi

Iintethe zamagqabi zisasaza ivayirasi ebanga esi sifo kwaye siyingxaki exhalabisayo kwingingqi ye-Lowveld nalapho kuveliswa khona ingqolowa. Izityalo zifumana usulelo msinyane emva kokuhluma ukuze isityalo sinqaphele singaze sivelise iinkozo. 



I-Sclerotinia – Sclerotinia Sclerotiorum (isikhondo nokubola kwentloko)

Mhlawumbi esi sesona sifo sitshabalalisayo phakathi kwezinye ezibalulekileyo kurhwebo kwaye silawulwa ngomjikeleziso wezityalo.



Ukuhlaselwa kwezikhondo kubanga ukuphuhla kweendawo ezinkulu ezibuthathaka kwisikhondo nje ngaphezu kwenqanaba lomhlaba kwaye zinokukhokelela ekugobeni nasekunamatheleni kwezityalo phantsi kwemimoya emikhulu. Iintloko zisula zichukumise umhlaba kwaye zinokukhokelela kwezinye iziganeko zosulelo phambi kokufika kwexesha lokuvuna.



Umonakalo omkhulu wenzeka entloko kwaye uhlaselo oluze ngamandla luthoba uqoqosho lwemveliso kajongilanga.



Isikhondo esimnyama – iPhoma Oleacea

Esi sifo sinokwenzeka nanini ngexesha lonyaka kwaye sisasazwa ezikhondweni ngamathontsi amanzi. Izityalo ezinosulelo ziba buthathaka ngenxa yeentloko ezizele okungafanelekanga.



Irusi emhlophe – i-Albugo Oleracea

Esi sifo sibange iilahleko ezinkulu kurhwebo kwiminyaka esandul’ ukudlula kwaye sikhokelele ekunamatheleni kwezityalo.



Ukubola kwentloko ngumngundo othambileyo – Rhizopus Microsporus

Umqondiso oluphawu kukubola okuthambileyo nokumdaka ngebala emva kwentloko.







